1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) lenze isistim ye-inventri yasekhompyutheni yokugcinwa kwerekhodi yefanitshala nezinto zokusebenza (online inventory recordkeeping system).
2. Injongo yale sistim yasekhompyutheni kukuncedisa ekurekhodweni kwayo yonke ifanitshala nezinto zokusebenza ezisezikolweni.
3. Kubalulekile ukuba kubekho ifanitshala eyaneleyo nezinto zokusebenza ukufezekisa iimfuno zabafundi nabasebenzi ezikolweni. Ekufakeni ekhompyutheni idatha emalunga nefanitshala kunye nezinto zokusebenza ezikhoyo ezikolweni, siya kuba nako ukuqaphela izinto ezingaphelelanga kwanezingaphaya komlinganiselo (surpluses) ngeyona ndlela ilula kakhulu.
4. Ukwenzela ukuba kube nokuqaliswa ngokufakwa kwayo yonke idatha ekhompyutheni emalunga nefanitshala kunye nezinto zokusebenza, zonke izikolo zikarhulumente mazingene kwi-CEMIS phakathi kwe-23 ne-27 Meyi 2016.
5. Xa izikolo zingena kwi-CEMIS, mazikhethe u-"Administration" option kwi-menu bar. Kwi-drop-down list, khetha u-"Furniture and Equipment" uze emva koko ukhethe u-"Welcome" okanye isikrini esino-"Capture".

Kwisikrini sokukwamkela (welcome), izikolo ziya kunika ingcaciso ngokubanzi ngesistim yasekhompyutheni kuze kwisikrini sika-"Capture" izikolo zikwazi ukukhetha nokufaka idatha yefanitshala leyo kunye nezinto zokusebenza.

6. Kunokuqhagamshelwana naba bantu balandelayo ngethuba lokufaka ingcaciso ekhompyutheni, ukuba lungafuneka uncedo lokufakwa kweenkcukacha zefanitshala yenu nezinto zokusebenza kwakunye nenkqubo yokusayina:

Rene Alberts (Ifoni 021 467 2137) okanye idilesi ye-imeyili
Rene.Alberts@westerncape.gov.za

Scobinae Snyders (Ifoni 021 467 2004) okanye idilesi ye-imeyili
Scobinae.Snyders@westerncape.gov.za

Le-Roy Sylvester (Ifoni 021 467 2115) okanye idilesi ye-imeyili
Le-Roy.Sylvester@westerncape.gov.za

7. I-report icon engasekhohlo kwisikrini inika ithuba lokuprintwa kwetotali yoluhlu lwefanitshala kunye nezinto zokusebenza ezifakwe ekhompyutheni.
8. Zisakuba zifakwe zonke iinkcukacha zefanitshala nezezinto zokusebenza, kulindeleke ukuba inqununu isayine kwisistim.
9. Kucelwa ukuba ungene kwi-CEMIS kwangethuba kangangoko unako xa kufakwa ingcaciso ekhompyutheni ukuqinisekisa ukuba iinkqubo zokufakwa kwengcaciso ekhompyutheni nokusayina kwenziwa kugqitywe kwangethuba.
10. Kucelwa wazise okukule Ngcaciso iMfutshane bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE OBAMBELEYO WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2016:05:10