1. ISebe lezoBugcisa neNkcubeko (Department of Arts and Culture), kunye ne-Library and Information Association of South Africa (LIASA), libhengeze ukuba iVeki yeLayibrari yeSikolo yaseMzantsi Afrika (South African Library Week (SALW)) ka-2016, iya kubhiyozelwa ukususela nge-14 – 20 Matshi 2016 lisebenzisa umxholo othi, "#libraries4lifelonglearning".

2. Ukufunda ubomi bakho bonke kungachazwa njengomsebenzi opheleleyo owenziwa qho ngenjongo yokuphucula ulwazi, izakhono nobuchule. Zonke ezi zinto zixhomekeke kwiindlela eziphucula ubuchule bomntu ngamnye bokukhangela nokusebenzisa ngenkuthalo nangokuzimeleyo oovimba bolwazi.

3. Lo mxholo ungena gingci kwakhona kwinkqubo i-National Development Plan 2030 yaseMzantsi Afrika ezondelele ukuphelisa nya ubuhlwempu nokungalingani ungadlulanga unyaka ka-2030. Ukufikelela kule njongo, abantu abaninzi – ngokukodwa ulutsha – kufuneka bafumane izakhono eziya kubavulela amathuba kwilizwe lempangelo (job market). Iilayibrari zinendima ebalulekileyo ekufuneka ziyidlale kule nquleqhu yokuphucula iimeko zokuhlala zelizwe. "#libraries4lifelonglearning" inika isikhokelo ngomsebenzi weelayibrari ukuqinisekisa ukuba bonke ootitshala nabafundi bafumana ukufikelela ngokulinganayo kulwazi olusemgangathweni.

4. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) likhuthaza ootitshala ukuba bazisebenzise iinkonzo zelayibrari nengcaciso ezikhoyo zeWCED. Ezi nkonzo ziquka i-EDULIS Library Service (ILayibrari kaNdlunkulu e-Bellville), amaziko ezibonelelo ezithili neelayibrari eziziimobhayili kunye ne-EDULIS School Library Service)).

5. Ezi zibonelelo zokuncedisa ukufunda nokufundisa (learning and teaching support material) (LTSM) zilandelayo ziyafumaneka xa zibolekwa ziinqununu, ngootitshala, nangamagosa, okanye xa zibolekwa ziliqela zizikolo (block loans):

  • Iintlobo ngeentlobo zezinto zokufunda zokuxhasa ikharityhulam.
  • Iincwadi ezikhuthaza iingcinga zokwenza imisebenzi yezicwangciso zezifundo (uninzi lwazo zinokufotokotshwa)).
  • Iincwadi ezininzi ezisandula kupapashwa neencwadi ezifumaneka ekhompyutheni (ebooks) ezingolawulo nobunkokeli ezikolweni.
  • Iincwadi ezihlupheza ingqondo zokuxhasa uphando ngemfundo nokubhalwa kwemigaqo-nkqubo.
  • Izinto zokufunda ezichaphazela imiba ebaluleke gqitha yakalokunje, umz. ulwazi lokufunda nokubhala nokusombulula iingxaki zemathematika, imfundo ebandakanya bonke abafundi (inclusion), ululeko neengxaki zokuziphatha, nokubandakanya i-IT eklasini.
  • Izinto zokufunda ezigxile kubafundi (eziquka iincwadi zemifanekiso neenoveli zabafundi bazo zonke izigaba zobudala) ngokukodwa eziphononongwe ziingcali ukunceda ootitshala ekukhetheni iincwadi zeelayibrari zezikolo zabo okanye ukuzisebenzisa amathuba okufunda.
  • Nezixhobo zemidiya eziintlobo ngeentlobo (multimedia) ezinjengeevidiyo, ii-DVD, ii-odiyo-khasethi, ii-CD, ii-CD-ROM eziquka intlaninge yezihloko ukutyebisa nokuxhasa ukufunda nokufundisa eklasini.
6. Ezi nkonzo zelayibrari zesikolo zilandelayo ziyafumaneka kootitshala nasezikolweni:

  • Isikhokelo ngokuthengwa kwezibonelelo zokufunda zelayibrari kusetyenziswa ulwabiwo-mali ngokwemimiselo nemigangatho kwaneemali zezikolo ngokwazo.
  • Iinkqubo zokukhuthaza ukufunda ngokuhambela izikolo ukuya kwenza iintetho ngeencwadi.
  • Iiseshoni zokunika ulwazi ootitshala besikolo njengenxenye yophuhliso kumsebenzi wabo.
  • Ukunika inkxaso kuphuhliso nosetyenziso lweelayibrari zezikolo.
  • Ukuququzelela nokunika inkxaso yoqeqesho olusisiseko kulawulo lwelayibrari yesikolo kootitshala abalawula iilayibrari zezikolo.
7. Kungaqhagamshelwana nala magosa esithili alandelayo ngeenkonzo zelayibrari zesikolo:

Faith Lawrence West Coast Education District ifoni 021 860 1562
Janine Ontong Cape Winelands Education District ifoni 023 348 4657
Timothy Cloete Overberg Education District ifoni 028 214 7387
Jennifer Caroto Metro North Education District ifoni 021 938 3197
Carol van der Heever Brian O’Connell Resource Centre ifoni 021 370 2084


ISAYINWE: NGU-H A LEWIS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE OBAMBELEYO WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2016:03:10