1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) libonelela ngothutho lwabafundi abahlala kumgama oziikhilomitha ezi-5 okanye ongaphezu koko ukusuka kwesona sikolo sikarhulumente esiqhelekileyo nesikufutshane kakhulu esifanelekileyo. Abafundi abangenako ukufikelela kwizithuthi zikawonke-wonke kwiindawo ezisemaphandleni baqwalaselwa kuqala kunabezinye iindawo. Inani lilonke labafundi abathuthwayo lixhomekeke kwibhajethi ekhoyo.

2. Ukuphucula ulawulo lwezikim zothutho lwabafundi, iWCED iya kube iqalisa isistim ephuculiweyo esebenzisa ikhompyutha (automated system) ukungqinisisa amagama abafundi abathuthwayo njengangoku abagunyaziswe ukuba bathuthwe ngeendlela zothutho lwabafundi ezixhaswa ngemali yiWCED kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo.

3. Izikolo kufuneka zibonise kwi-Central Education Management Information System (CEMIS) ukuba ngabaphi abafundi bamaBakala R - 12 abasebenzisa njengangoku uthutho lwabafundi oluxhaswa ngemali yiWCED. Oku kuquka izikolo apho umsebenzi wokuqesha izithuthi zothutho lwabafundi udluliselwe esikolweni nalapho iimali zokuhlawulela le nkonzo zithunyelwa kwisikolo eso yiWCED.

4. Kufuneka izikolo zingene kwi-CEMIS phakathi kwe-18 ne-26 Apreli 2016, ukulandela imiyalelo ekufuneka isetyenzisiwe ekhompyutheni (online procedure manual), zibonise ukuba ngabaphi abafundi abagunyazisiweyo njengangoku ukuba bathuthwe. Ukufikelela kwi-online manual kwi-CEMIS, izikolo mazenze oku kulandelayo:

  • Yiya kwi-menu page.
  • Yalatha nge-cursor kwisihloko u-"Administration" (kuya kuvela kuluhlu u-"Learner Transport Scheme").
  • Yalatha nge-cursor ku-"Learner Transport Scheme" option (kuya kuvela kuluhlu u-"LTS guide").
  • Klikha ku-"LTS guide".
5. Iinqununu maziqinisekise ukuba kuboniswa kuphela abafundi abakufaneleyo ukuthuthwa ngokomgaqo-nkqubo wothutho lwabafundi okhoyo ngoku weWCED (ISetyhula 0028/2015).

6. Apho izikolo zisebenzisa iindlela ezininzi zothutho lwabafundi, makwenziwe ngenyameko ukuqinisekisa ukuba abafundi bafakwa kwindlela nakwindawo echanekileyo abathathwa kuyo abafundi xa besiya esikolweni.

7. Izikolo ziya kuba nako ukufaka kuphela kwikhompyutha elona nani labafundi likhulu livumelekileyo (kuqukwa nabeBakala R) kwindlela nganye yothutho lwabafundi. Makwenziwe isicelo sokufaka abafundi abongezelelweyo kusetyenziswe ifom yesicelo emiselweyo, oko kwenziwe ngokudlula kwi-ofisi yesithili echaphazelekayo.

8. Ukufakwa kwikhompyutha kweenkcukacha zothutho lwabafundi makugqitywe ungadlulanga uLwesibini, we-26 Apreli 2016.

9. Kunyanzelekile ukuba zonke izikolo ezinezikim zothutho lwabafundi ezixhaswa ngemali yiWCED zifake ingcaciso efunekayo kwi-CEMIS.

10. Kuphela ngabafundi abangqinwayo zizikolo kwinkqubo esebenzisa ikhompyutha abanokuzuza kwizikim zothutho lwabafundi zeWCED. Izikolo nee-ofisi zezithili ziya kuba nako ukubabona abafundi abavunyiweyo bazo zonke iindlela kwi-CEMIS basakuba befakwe ekhompyutheni ngempumelelo.

11. Kwaye kwenziwa amalungiselelo okuba i-WCED 062 form (yamagama abafundi abaya kuthuthwa) ibe nako ukuprintwa kwi-CEMIS. Iinkcukacha ezingaphezulu malunga nokuba mayisetyenziswe njani i-WCED 062 form enako ukwenziwa iya kuthunyelwa kamva.

12. Kufuneka inqununu yesikolo izisayinele iinkcukacha zothutho lwabafundi kwi-CEMIS.

13. Kunokuqhagamshelwana naba bantu balandelayo xa kufunwa uncedo malunga nokufakwa kweenkcukacha zothutho lwabafundi kwi-CEMIS:

Siviwe Mdelo
Rhonell de Vries
Keith Lackay
ifoni 021 467 2084
ifoni 021 467 2136
ifoni 021 467 2327

14. Ngethuba le-14 – 18 Matshi 2016 kuya kube kusenziwa njengelinge (pilot) inkqubo esebenzisa ikhompyutha kwezothutho lwabafundi.


ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2016:03:11