1. INgxelo eyi-Customer Satisfaction Report inika abaphathi beSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) kunyaka ngamnye, ithuba lokuzikisa ukucinga ngokwenziwa kweenkonzo kwiSebe iWCED nokuba benze izicwangciso zobuchule zokuphucula amanqanaba angoku okwenziwa kwenkonzo.
2. Ukulungiselela u-2016 kubonelelwe ngesaveyi okokuqala ngqa kuzo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nezemfundo eneemfuno ezizodwa nekucelwe ukuba izaliswe ngabasebenzi abahlanu abona baninzi abakwiziko ngesikolo ngasinye. Abathathi-nxaxheba bazihlele ngokwamanqanaba iinkonzo ezibonelelwa nguNdlunkulu weSebe nazii-ofisi zezithili ezikolweni besebenzisa isikali sereyithingi samanqanaba amahlanu (5-point rating scale), ngolu hlobo: u-1 = Inkonzo ekumgangatho ophantsi ngokugqithisileyo (Exceptionally Poor); 2 = Inkonzo ekumgangatho ophantsi (Poor); 3 = Inkonzo ekumgangatho owanelisayo (Satisfactory); 4 = Inkonzo ekumgangatho onguwo (Good) no-5 = Inkonzo ekumgangatho ogqwesileyo (Excellent.) Abathathi-nxaxheba bebecelwe nokuba ukuba banike neekhomenti, ngokuncoma kunye/okanye ngokugxeka inkonzo abayenzelweyo.
3. Zimalunga ne-3 100 iisaveyi ezizalisiweyo zaza zafakwa kwikhompyutha nge-CEMIS yaye kuphendule ngaphezu kwe-60% yezikolo ebezithagethiwe. Ezi reyithingi kunye/okanye eli galelo likhokelele ekubeni kuqulunqwe ingxelo epheleleyo enokufumaneka njengenkcazo yokuqhubekayo nenokusetyenziselwa ukuzikisa ukucinga ngokwenziwa kweenkonzo nokukhuthaza ukuthatha inxaxheba kwixa elizayo kwimiba ebhekiselele ekuphuculeni umgangatho wokwenziwa kwenkonzo ngokuqhubekekayo.
4. Olo luludwe lulandelayo yimiba yengxelo ethe yaqaqamba, yaye iireyithingi zimi ngolu hlobo: eka-1 no-2 = Ekumgangatho ophantsi (Poor), eka-3 no-4 = Ekumgangatho owanelisayo (Satisfactory) neka-5 = Ekumgangatho onguwo (Good).

Inkonzo Ekumgangatho onguwo Ekumgangatho owanelisayo Ekumgangatho ophantsi
Ulawulo lwemiba ephathelelene nobudlelane emsebenzini 32% 58% 10%
Ulawulo lweemvavanyo zamaBakala 3, 6 no-9 40% 53% 7%
Ulawulo lwemiba ephathelelene nemivuzo namaphetshana emivuzo (payslips) 50% 41% 9%
Ulawulo lweemiqathando yezengqesho 41% 49% 10%
Ukucela uxolo ngeempazamo nokuthatha inyathelo lokulungisa impazamo 25% 54% 21%
Ukuphendulwa kwemibuzo ngokukhawuleza, ngokufanelekileyo nangembeko 34% 56% 10%
Inkxaso yomphathi wesekethe 66% 31% 3%
Unxibelelwano nezikolo 51% 43% 6%
Inkxaso yokutyelelwa kwesikolo ngezekharityhulam 52% 41% 7%
Inkxaso kwi-ofisi yesithili 59% 37% 4%
Inkxaso yesicwangciso se-eLearning 29% 56% 15%
Ulawulo lwe-E-Recruitment 32% 55% 12%
Inkxaso kwaNdlunkulu 39% 53% 8%
Inkxaso yeenkonzo zolawulo lwemicimbi yaBasebenzi (umzekelo ukubonelelwa kwezikolo ngamanani ezithuba ezabelwe izikolo) 36% 52% 12%
Inkxaso yeziseko zophuhliso nolondolozo 21% 47% 32%
Inkxaso yesicwangciso soLwimi neMaths 42% 49% 9%
Inkxaso kwiskim sothutho lwabafundi 37% 48% 15%
LSA: Utyelelo ezikolweni 47% 43% 10%
LST: Inkxaso kubafundi 43% 45% 12%
Iprogram yenkxaso yematriki 46% 47% 7%
Iprogram yamaZiko azii-iMOD 29% 54% 17%
Ukusingathwa kwezicelo zingadlulanga iintsuku eziyi-14 26% 54% 19%
Ukunika inkcazo ngokuqhubekayo ukuba kukho ulibaziseko 21% 52% 27%
Ukuphendula imibuzo ngefoni 36% 50% 14%
Ukuphendula imibuzo ebibhaliwe zingaphelanga iintsuku ezintlanu 24% 51% 25%
Ukuphendula imibuzo ngokufonela lowo ebefonile kwisithuba seeyure eziyi-24. 25% 48% 27%
Inkxaso kwiZikolo eZikhuselekileyo 33% 50% 17%
Inkxaso kwiProgram i-National School Nutrition Programme 62% 32% 6%
Inkxaso eyodwa enikwa ngoonontlalontle 30% 47% 22%
Inkxaso eyodwa enikwa ziisayikholojisti 29% 44% 27%
Inkxaso yi-SBT 29% 50% 22%
Ukuthengwa kweencwadi zezifundo 55% 39% 6%
Uqeqesho eCape Teaching and Leadership Institute 52% 42% 5%
IZiko leeFoni leSebe iWCED (imiba yeziko) 40% 53% 7%
IZiko leeFoni leZikolo eZikhuselekileyo leSebe iWCED 36% 54% 10%
IZiko laBenzelwa iiNKonzo leSebe iWCED (imiba yaBasebenzi neyezemali) 40% 56% 4%
5. ISebe iWCED linqwenela ukuvakalisa umbulelo walo kubo bonke abathathe inxaxheba kule saveyi – oomabhalana bezolawulo ngendima yabo neenqununu ngokuwusingatha lo msebenzi. Siya kwenza iinzame zokuphanda ngezikhalazo ezirekhodiweyo, sabelana nabasebenzi ngemiyalezo eyinkuthazo esiyifumeneyo yaye siphumeze naziphi na iingcebiso esizifumeneyo esinako ukuziphumeza. Uyakhunjuzwa ke ngokwenjenje ukuba iNkqubo yeZikhalazo eseMthethweni yeSebe iWCED (WCED’s official Complaints Mechanism) ilawulwa liCandelo lezoNxibelelwano yaye unako ukuyifumana apha http://wced.school.za/home/webmaster.html kwiziko lewebhu leSebe iWCED.
6. Uyacelwa uyifumane i-Customer Satisfaction Report ka-2016 epheleleyo kwiziko lewebhu leSebe iWCED apha: http://wcedonline.pgwc.gov.za/home/ nokuba wabelane ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane nabo bonke abasebenzi abakwiziko lakho.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:09:28