1. Ukwenzela ukulungiselela u-2017, izikolo zimele ukugqiba i-SIP eyidrafti (draft SIP) zazo ungadlulanga umhla we-17 Oktobha 2016. Oku kuquka ukuzivavanya kwezikolo ngokwazo okwandulelayo (preliminary review) nesicwangciso somsebenzi esandulelayo (preliminary plan of action) sango-2017, nezo zinto zeProfayili yeSikolo (School Profile) ezingabhekisi kwiithagethi zezifundo (academic targets). Okona kubalulekileyo kukuba le drafti iya kubandakanya izicwangciso zamanani obhaliso ango-2017.

2. Ukuzaliswa kwee-SIP eyidrafti ngalo mhla kwenza ukuba:

  • izikolo ziqalise ukucwangcisela u-2017;
  • izithili zenze iziCwangciso zoPhuculo lweZithili (District Improvement Plan) eziza nempendulo kwiimfuno nezicelo zezikolo; nokuba
  • iphondo licwangcisele ukulungiselela imibandela enxulumene namanani obhaliso.
3. IsiCwangciso i-Academic Performance Improvement Plan nazo zonke iithagethi zezifundo ezinxulumene nazo, ezifana neethagethi zeMvavanyo zoNyaka zikaZwelonke (Annual National Assessments (ANA)) neeMvavanyo zeNkqubo yeMfundo yeSebe iWCED, ziya kugqitywa ngo-2017, zakuba zifumaneka iimvavanyo neziphumo zokuphela konyaka.

4. Isikolo sifanele ukuzisayinela iithagethi kwi-DRAFT PLAN ungadlulanga owe-17 Oktobha 2016. Oku kukusayinelwa kokuthobela imigaqo yaye kubonisa ukuqala kwethuba lokusingathwa kwezicwangciso eziyidrafti. Umphathi wesekethe naye uya kuzisayinela ukungqinisisa ukungeniswa kwayo idrafti ngomhla omisiweyo. Mazihlalutywe ke ngoko izicwangciso eziyidrafti, kwenziwe ingqikelelo zamanani obhaliso yaye kufunwe noncedo apho kuyimfuneko. Abaphathi beesekethe baya kunika inkxaso neengcebiso, apho kuyimfuneko, ekuhambeni kwethuba kwikota yesi-4. Isistim iya kuhlala ivuliwe okoko ukunika izikolo ithuba lokuhlaziya nokulungisa izicwangciso zazo njengoko kuyimfuneko.

5. Ukusayinelwa okwesibini kwexeshana kwazo izicwangciso zizo zonke izikolo kuya kwenziwa ungadlulanga owe-15 Februwari 2017. Ungadlulanga owe-22 Februwari 2017, iithagethi kwi-SIP nakwi-DIP ziya kwenziwa zenzeke ngexesha elinye ngokuzenzekelayo kwikhompyutha (automatically synchronised online) yaye bonke abachaphazelekayo baya kubanako ukuzisayinela ii-SIPs nee-DIPs. Ungadlulanga owe-24 Februwari 2017 isicwangciso esibandakanya iithagethi zokuphucula izifundo (academic improvement targets), zifanele ukuba sele zivunyiwe libhunga lolawulo. Isistim iya kuhlala ivuliwe ukunika ithuba ukwenziwa kotshintsho lokugqibela ngokucebisana nabaphathi beseekethe yaye iya kutshixwa (lock) ngowe-28 Februwari 2017 ongumhla wokusayinelwa kwayo kokugqibela.

6. Isishwankathelo semihla:

I-ayithem Abantu abenza lo msebenzi Umhla
Ukusayinelwa kwe-SIP eyidrafti kwi-CEMIS kubandakanya:

  • Ukuqwalaselwa kwakhona kwezicwangciso zango-2016
  • Izicelo zenkxaso ukwenzela u-2017
  • Ingqikelelo zamanani obhaliso
  • IsiCwangciso soMsebenzi
Isikolo sicebisana nebhunga lolawulo 17 Oktobha 2016
Ukusayinelwa kwe-SIP eyidrafti ukungqinisisa ukuba igqityiwe ngomhla omisiweyo Umphathi wesekethe 23 Oktobha 2016
Uhlaziyo kwikhontenti njengoko kuyimfuneko Izikolo zicebisana nomphathi wesekethe nebhunga lolawulo Lusaqhubeka
Ukusayinelwa kwe-SIP kwi-CEMIS Isikolo nebhunga lolawulo zigqiba ukusayinelwa kwexeshana 15 Februwari 2017
Uhlaziyo kwithagethi njengoko kuyimfuneko Izikolo zicebisana nomphathi wesekethe nebhunga lolawulo 10 - 20 Februwari 2017
Ukungqinelaniswa kweethagethi ze-SIP nezeDIP kwiCEMIS ISebe iWCED liqinisekisa ungqinelwano kwisistim 22 Februwari 2017
Ukusayinelwa kwe-SIP kwi-CEMIS Isikolo sinikwa inkxaso libhunga lolawulo 24 Februwari 2017
Ukusayinelwa kwi-SIP egqityiweyo Umphathi wesekethe 28 Februwari 2017

7. Iinkcukacha zokuqhubekayo zezi zilandelayo:

  • Amanani obhaliso kwiSIP ahlala e-"live" de isikolo sizisayinele iithagethi zazo ungadlulanga owe-15 Februwari 2017.
  • Ekuqaleni kuka-2017, iziphumo kwiimvavanyo zenkqubo yemfundo yeSebe iWCED zamaBakala 3, 6 no-9, neziphumo zeSatifkethi seMatriki sikaZwelonke ziya kongezwa zakuba zifumaneka.
  • I-SIP ekwikhompyutha (online SIP) yango-2017 yenziwe ukuba isebenze (has been set up) ukwenzela ukuba isebenzise i-PERCENTAGE PASS ethagethiweyo. Emva koko INANI labafundi elingqinelana nazo (corresponding NUMBER of learners), liya kuvela ngokuzenzekelayo kwikholam efanelekileyo
8. Ithemplethi yesi sicwangciso iqhotyoshelwe apha ukuncedisa wena kumalungiselelo e-SIP yango-2017.

9. Inkqubo emiselweyo yaqho ngekota yoKubeka eSweni uPhuculo lweSikolo (School Improvement Monitoring), iya kuqhutywa ngamagosa ezithili ezikolweni ngo-2017.

10. Nayiphi na imibuzo iya kusingathwa ngumphathi wesekethe ochaphazelekayo.

11. Kuyabulelwa ukuzimisela kwenu kwimfundo esemgangathweni.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:08:30

"School Improvement Plan 2017/18"  (ubukhulu: 95 KB)
"Feedback to the Teacher / HOD / School / District / Head Office"  (ubukhulu: 79 KB)