1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuphinda kwakhona libeke esweni ukuphunyezwa kweziCwangciso zoPhuculo lweZikolo (SIP) ngo-2016. |
2. |
Kuya kubekwa esweni ezi nkalo zilandelayo kwiNkqubo yokuBeka eSweni uPhuculo lweZikolo (School Improvement Monitoring (SIM)) yesiCwangciso soPhuculo lweZikolo (School Improvement Plan (SIP)) ngo-2016:
- Amalungiselelo nokuphunyezwa kwe-SIP;
- Iincwadi zokwenza umsebenzi (workbooks);
- Iincwadi zezifundo nezinto zokubhala;
- Ukufundisa nokufunda;
- Ezolawulo (iintlanganiso nabazali; ukulawulwa kwedatha, ukwamkelwa kwabafundi ezikolweni, ukuhamba isikolo kwabafundi nootitshala, ukuzaliswa kwezithuba zengqesho; nokuphuhliswa kootitshala);
- Iidesika nezitulo;
- Iziseko zophuhliso, kugxininiswa kwiithoyilethi nakwiiklasi zokufundela; kunye
- noLawulo lwezemali.
|
4. |
I-SIM mayizaliswe sisikolo nangamagosa ngolu hlobo lulandelayo:
Ithuba |
Umhla omisiweyo |
IKota 1 |
17 Matshi 2016 |
IKota 2 |
23 Juni 2016 |
IKota 3 |
29 Septemba 2016 |
IKota 4 |
15 Novemba 2016 |
|
5. |
Ukwenzela ukuququzelela imiba emayibekwe esweni, kuya kulandelwa le nkqubo ilandelayo: |
5.1 |
Kuya kubonelelwa ngemiba ebekwe esweni emakugxininiswe kuyo ukulungiselela ukusayinelwa kwayo kwi-CEMIS phantsi ko-"ADMINISTRATION". |
5.2 |
Inqununu iya kuzifaka iimpendulo kwikhompyutha. |
5.3 |
ABaphathi beeSekethe baya kwenza idinga lokuza kuxoxa ngeempendulo yaye uxwebhu oluzalisiweyo (completed sheet) luya kusayinwa ngamaqela omabini. |
5.4 |
Inqununu iya kulusayinela uxwebhu kwiCEMIS. |
5.5 |
Ikopi enye eliphepha eliprintiweyo iya kugcinwa nguMphathi weSekethe ukulungiselela iinjongo zophicotho-zincwadi. Ikopi yesibini mayigcinwe esikolweni. |
5.6 |
UMphathi weSekethe uya kusayinela uxwebhu kwi-Eduinfosearch. |
6. |
Makuqatshelwe ukuba iya kuba yile ngcaciso imfutshane kuphela engalo mba ukulungiselela u-2016. Ithemplethi entsha yekota nganye iya kufakwa kwiCEMIS xa kuqala ikota yesikolo. |
7. |
Nayiphi na imibuzo iya kusingathwa nguMphathi weSekethe okanye nguMphathi weeProgram zeZikolo zeMfundo eneemfuno ezizodwa ukuba imalunga nemibandela yezikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa. |
8. |
Lo ngunyaka wokuqala i-SIM iya kuzaliswa nazizikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa. Naziphi na iingcebiso ngokuphucula umgangatho kumele zithunyelwe kwiCandelo i-Directorate Inclusive and Specialised Education Support ukwenzela ukuba zithathelwe ingqalelo yokuba zibandakanywe kwi-SIM ka-2017 yezikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa. |
9. |
Kuyabulelwa ukuzimisela kwenu kwimfundo esemgangathweni. |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:01:26
|
|