1. Injongo

Injongo yale ngcaciso imfutshane kukwazisa ngeeRosta zeZithuba (Vacancy Rosters) zango-2017 zootitshala abakumaziko, zabasebenzi benkonzo karhulumente abakumaziko, zootitshala abasezi-ofisini nezabasebenzi benkonzo karhulumente abasezi-ofisini kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED).


2. Imihla yoPapasho

Imihla yopapasho yezi zintlu zezithuba kwakunye neminye imihla ebalulekileyo, iqulethwe kwezi zihlomelo ziqhotyoshelwe apha.


3. Ootitshala abakumaziko
3.1 ISebe iWCED aliyi kubanazo izintlu zezithuba ezahlukeneyo kumanqanaba awahlukileyo. Zonke izithuba ezingenamntu zootitshala abakumaziko mazipapashwe ke ngoko kwizintlu zezithuba kuselithuba.
3.2 Kuya kuvunyelwa ukupapashwa kwezithuba zamaSekela Nqununu nezeeNqununu ezifunekayo ngenxa yeemeko ezikhethekileyo. Ezi zithuba ziya kupapashwa kwizintlu zezithuba ezikhethekileyo xa kukho imfuneko yoko.
3.3 Izicelo ngokwenkqubo yokutshintshwa kwengqesho/yengqesho (conversion/appointment process) ngokusekelwe kwiziqendu 6A no-6B zoMthetho weNgqesho yooTitshala, 1998 (uMthetho 76 ka-1998), zinokungeniswa kunyaka wonke.

3.4 Ziyacelwa iinqununu namabhunga olawulo baqinisekise ukuba izibhengezo zizaliswa ekhompyutheni kwiziko lewebhu leWCED kule dilesi: http://wced.school.za/ ungadlulanga umhla omisiweyo kwidrafti yoluhlu lwezithuba.
3.5 Akukho zifom ziya kwamkelwa ziyikopi eliphepha eliprintiweyo. Iinqununu mazithethane nabaphathi beesekethe xa ngaba zinengxaki ngenkqubo yokuzalisa izibhengezo zezithuba kuluhlu lwezithuba oluyidrafti kwiziko lewebhu.

4. Ootitshala abasezi-ofisini
4.1 ISebe iWCED liya kukhupha iibhulethini ezintathu zezithuba zootitshala abasezi-ofisini.
4.2 Abaphathi bamacandelo mabaqinisekise ukuba ziyangeniswa izibhengezo kwiCandelo lokuGaya nokuKhetha aBasebenzi ngemihla emisiweyo eboniswe kwisihlomelo.
4.3 Kwimeko yokungaphumeleli ukuyilandela ngqo imihla emisiweyo, izibhengezo ziya kurhoxiselwa umhla wopapasho /webhulethini yezithuba olandelayo.
4.4 Akukho zibhulethini zezithuba ezikhethekileyo eziya kupapashwa kwizithuba zootitshala abasezi-ofisini.
4.5 Iyafuneka imvume yeKomiti yeSigqeba (Executive Committee) ekupapashweni kwezibhengezo yaye imvume elolu hlobo mayibandakanywe xa kungeniswa isibhengezo.

5. Abasebenzi benkonzo karhulumente abakumaziko
5.1 ISebe leMfundo liya kukhupha ibhulethini enye yezithuba kubasebenzi benkonzo karhulumente abakumaziko yezithuba zonyuselo-sikhundleni. (IForimani Jikelele (General Foreman), IiSuphavayiza kwiNdawo yokuHlala (Household Supervisors) neeSuphavayiza eziNkulu kwiNdawo yokuHlala) (Senior Household Supervisors).
5.2 Ziya kuqatshelwa (identified) izithuba ezingenamntu okanye ezixhaswa ngemali kumanani ezithuba ezabelwe amaziko eSebe iWCED.
5.3 Izikolo mazingqinisise izicelo zokupapashwa kwezithuba kwiSistim eyi-People Management Practices System (isistim eyayisakuba yi-HCLMS ngaphambili) ukulungiselela ukupapashwa kwazo.
5.4 Kwimeko yokungaphumeleli ukungqinisisa ukungafakwa kwesithuba esingenamntu, iSebe iWCED liya kusibandakanya isithuba kwibhulethini yezithuba ezingenamntu ukwenzela ukuba sipapashwe.
5.5 Izicelo zokutshintshwa kwengqesho yezithuba zamanqanaba asezantsi (entry-level posts) (Oomabhalane (Administration Clerks), aBancedisi Jikelele (General Assistants), naBasebenzi abaNcedisa kwiNdawo yokuHlala (Household Aids), aziyi kwamkeleka ngaphambi kokupapashwa kwesetyhula yokutshintshwa kwengqesho.

6. Abasebenzi benkonzo karhulumente abasezi-ofisini
6.1 ISebe iWCED liya kukhupha iibhulethini ezintathu zezithuba zabasebenzi benkonzo karhulumente abasezi-ofisini.
6.2 Abaphathi bamacandelo mabaqinisekise ukuba ziyangeniswa izibhengezo kwiCandelo lokuGaya nokuKhetha aBasebenzi ngemihla emisiweyo eboniswe kwisihlomelo.
6.3 Kwimeko yokungaphumeleli ukuyilandela ngqo imihla emisiweyo, izibhengezo ziya kurhoxiselwa umhla wopapasho/webhulethini yezithuba olandelayo.
6.4 Akukho zibhulethini zezithuba ezikhethekileyo eziya kupapashwa zezithuba zabasebenzi benkonzo karhulumente abasezi-ofisini.
6.5 Iyafuneka imvume yeKomiti yeSigqeba (Execitive Committee) ekupapashweni kwezibhengezo yaye imvume elolu hlobo mayibandakanywe xa kungeniswa isibhengezo.
6.6 Mazibandakanywe izicwangciso zolawulo xa kungeniswa izicelo.

7. IZintlu zeZithuba ziya kupapashwa yiRejistri yeSebe iWCED, yaye zinokujongwa kwiziko lewebhu leSebe iWCED apha http://wced.school.za/ phantsi ko-"Vacancies".

8. Intsebenziswano yabo bonke abachaphazelekayo iya kuqinisekisa ulawulo oluyimpumelelo lwenkqubo yezengqesho yaye iya kuthakazelelwa gqitha.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:11:23

"WCED Institution-Based Educator Posts 2017 Roster"  (ubukhulu: 38 KB)
"WCED Office-Based Educator Posts 2017 Roster"  (ubukhulu: 33 KB)
"WCED Institution-Based Public Service Posts 2017 Roster"  (ubukhulu: 32 KB)
"WCED Office-Based Public Service Posts 2017 Roster"  (ubukhulu: 34 KB)
"Employment of Educators Act, 1998 (Act 76 of 1998)"  (ubukhulu: 160 KB)