1. Ukunika inkxaso kwiinjongo zobuchule zeSebe leMfundo leNtshona Koloni (ISebe iWCED) nokungqinelana neemigudu yeSebe yokuqinisekisa iinkqubo zokugaya nokukhetha abasebenzi eziphuculweyo, kuthathwe isigqibo ngabaphathi sokuba zisuswe kwisistim yokwenza isicelo iifayili eziqhotyoshelweyo (ileta emfutshane ehamba nesicelo namaxwebhu angqina ngesimilo somenzi-sicelo amabini (covering letter and two testimonials), xa ootitshala besenza isicelo sezithuba ezipapashiweyo.
2. Ayacelwa amabhunga olawulo kunye/okanye neekomiti zodliwano-ndlebe ukuba zisebenzise indlela esekelwe kulwazi nakwizakhono zobuchule zomenzi-sicelo (competency-based approach) ngethuba leenkqubo zokugaya nokukhetha abasebenzi ukuqinisekisa ukuba kufakwa kuluhlu olufutshane abona bagqatswa bagqwesileyo nabaya kuqeshwa ngenxa yolwazi nangezakhono zobuchule zabo.
3. Mabacelwe abagqatswa abakuluhlu olufutshane bangenise iikopi eziqinisekisiweyo zamaxwebhu kwibhunga lolawulo/kwikomiti yodliwano-ndlebe xa beceliwe beze kudliwano-ndlebe.
4. Luya kuthakazelelwa uncedo lwakho ekuqinisekiseni ukuphunyezwa ngempumelelo kwale nkqubo ibalulekileyo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:02:22