1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) lilixabisile igalelo elenziwa ngabaqeshwa balo ukufezekisa iinjongo zesebe lemfundo.
2. Ukuza kuthi ga kulo nyaka-mali umiyo, iWCED ibisoloko ibekela bucala ibhajethi yeBhasari yaBasebenzi beNkonzo kaRhulumente (Public Service Bursary Budget) ekumyinge we-R700 000,00 ukutyala imali kubaqeshwa benkonzo karhulumente balo ejolise ekupasweni kweediploma nezidanga ezingqinelana neenkalo eziziiprayorithi zezophuhliso lwesebe lemfundo.
3. Isabelo sebhajethi yonyaka-mali ka-2016/17 sinika ithuba abaqeshwa benkonzo karhulumente abayi-48 lokuxhamla kwiibhasari zabasenkonzweni esijolise ekupasweni kwesiqinisekiso semfundo eqingqiweyo. Ngenxa yeefizi zekhosi ezikwixabiso elixhomileyo kunokuba kulindelekile kunye nokuphinda kungqinelaniswe isabelo sebhajethi yebhasari yabasenkonzweni, isebe lemfundo alikwazi kuhlawulela abantu abaza kube befumana iibhasari okokuqala ngqa ngo-2017.
4. Abo baxhamlayo ngoku kwibhasari yabasenkonzweni baya kuqhubeka ngokufumana inkxaso-mali. IWCED iya kuba kwimeko entle kakhulu yokukhupha iibhasari zabasebenzi benkonzo karhulumente abasenkonzweni bezifumana okokuqala ngqa ngo-2017 ukwenzela unyaka wezifundo ka-2018.
5. Ngemibuzo emalunga nebhasari efunyanwa ngabasebenzi abasenkonzweni karhulumente, kucelwa uqhagamshelane noMnu L Ndzongo kwifoni 021 467 2190 okanye kule imeyili Lusapho.Ndzongo@westerncape.gov.za
6. Kucelwa uqinisekise ukuba abasebenzi benkonzo karhulumente abakwicandelo lakho bayakwazi okukule ngcaciso imfutshane ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:08:17