1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) linqwenela ukwazisa malunga nokufumaneka kweebhasari eziyi-66 zeemeko ezizodwa zeFunza Lushaka (extraordinary Funza Lushaka bursaries) zonyaka wokufunda ka-2017 kubafundi beBakala 12 abanenjongo yokulandela izifundo zokufumana isiqinisekiso sokuqeqeshelwa ukufundisa (formal teaching qualification).

2. I-2030 National Development Plan icebisa ukuba makutsalelwe umdla wootitshala abatsha kumsebenzi wokuqeqeshelwa ubutitshala yaye icacisa nokuba "iiprogram zebhasari zokuqhubeka nophuhliso lwabaqeqeshelwa ukufundisa zinokuwuphucula umgangatho wokufundisa yaye zincede ekutsaleni umdla nokugcina ootitshala beqhubeka nokwenza lo msebenzi".

3. ISebe leMfundo esiSiseko kuzwelonke (i-DBE) linebhasari ebizwa ngokuba yiFunza Lushaka Bursary Scheme, enikwa abafundi abapasa emagqabini ibhasari yokuhlawula ngokupheleleyo iifizi zokufunda, ezendawo yokuhlala nokutya, isibonelelo seencwadi zezifundo, seenowuthsi nefizi zelebhu (notes and laboratory fees) (apho kufanelekileyo), nemali yaqho ngenyanga (monthly stipend) yokuhlawulela iintwana-ntwana eziyimfuneko (basic living expenses).

4. I-Funza Lushaka Bursary Scheme yiprogram yeminyaka ngeminyaka (multi-year programme) eyaqaliswa ngo-2007 ukuphakamisa umsebenzi wokufundisa kwizikolo zikarhulumente njengekhondo elinokukhethwa ngabemi baseMzantsi Afrika abanako nabazimiseleyo. Le program iqhutywa apha kwiphondo, kwiYunivesithi yaseNtshona Koloni, kwiYunivesithi yaseStellenbosch naseCape Peninsula University of Technology.

5. Ngo-2012, i-DBE yaqalisa ngeprogram yokugaya abafundi eqhubekela kwizithili (district-based recruitment programme) ethagetha abafundi abakwiindawo ezithwaxwa yintlupheko ukubanceda ukuba bafumane iFunza Lushaka Bursary Scheme. IWCED ke ngoko, iya kunika abafundi iibhasari eziyi-66 zeemeko ezizodwa (66 extraordinary bursaries) ikwenza oko kuphela kwizikolo ezikwiingingqi ezisemaphandleni, ithathela ingqalelo iimfuno zezithili zemfundo ezisemaphandleni.

6. Ukunikwa iFunza Lushaka Bursary kuxhomekeke kule miqathango ilandelayo:

  1. Iprogram iya kuxhasa ngemali abafundi abanqwenela ukugxininisa kwimfundo yeSigaba seSiseko (Foundation Phase education) (AmaBakala 1 - 3) okanye abo banenjongo yokufundela isidanga se-BEd, begxininisa kwi-Hospitality Studies, kwi-Economics, kwi-Accounting, kwi-Consumer Studies, kwi-Mathematics kunye/okanye kwi-Science.
  2. Ibhasari yeyonyaka wokufunda omnye ngexesha yaye, xa kukho ubungqina bokuphumelela kwizifundo, inokuhlaziywa kwakhona kunyaka ngamnye de lowo onikwe ibhasari aphumelele isiqinisekiso sokuba ngutitshala oqeqeshiweyo.
  3. Kuya kufuneka onikwe ibhasari afake isicelo kwakhona ekupheleni kuka-Oktobha kunyaka ngamnye ukulungiselela unyaka olandelayo.
  4. Akuyigqiba ikhosi yezifundo, umfundi onikwe ibhasari kuya kufuneka afundise esikolweni esisemaphandleni esikwingingqi yakhe ahlala kuyo njengangoku ithuba lonyaka omnye ngonyaka ngamnye afumene ibhasari ngawo.
  5. Ikopi yeziphumo zango-2015 zeBakala 11 zomenzi-sicelo mazingeniswe kunye nesicelo sokuqala.
7. Ngaphezulu, abenzi-sicelo abalindelekileyo mabenze izicelo yaye bazifezekise iimfuno ezimiselweyo zokwamkelwa kula maziko ahlukeneyo emfundo ephakamileyo (Higher Education Institutions) (ii-HEI) achazwe kumhlathi 4 apha ngentla. Iibhasari ziya kunikwa ngokwezinto aqaqambe ngazo umenzi-sicelo (on merit) yikomiti yokhetho ekwaNdlunkulu weWCED eKapa, ngokusekelwe kwezi khrayitheriya zezifundo (academic criteria) zizezona zisezantsi zilandelayo:

  1. Ukupasa kwinqanaba leBakala 12 ukuba "abe nokwamkelwa kwizifundo zesidanga sokuqala (admission to Bachelor’s degree studies)".
  2. Ubuncinane linqanaba elingu-Level 4 pass, okanye ubuncinane ukupasa ngo-60% ku-standard grade okanye ngo-50% ku-higher grade kwinqanaba lematriki kwisifundo esikukhokelela kwinkalo/kwisifundo esiyintloko apho umenzi-sicelo lowo aya kugxininisa kwikhosi yakhe ye-BEd.
  3. Abafundi abanqwenela ukugxininisa kwiSigaba seSiseko, mabapase iMathematika okanye uLwazi lweMathematika (Mathematical Literacy) kwinqanaba leBakala 12. Ukongeza, apho kuya kufuneka bapase ngo-Level 4 pass okanye ukupasa ngo-60% ku-standard grade okanye ku-50% ku-higher grade kuLwimi lweeNkobe.
  4. Abafundi abanqwenela ukugxininisa ekufundiseni izifundo zethekhinoloji, kubandakanywa ne-Computer Applications Technology, nabangenazo ezi zifundo kwinqanaba lematriki, mababe bayipasile iMathematika okanye uLwazi lweMathematika (Mathematical Literacy).
8. Umhla wokuvala ukwamkelwa kwezicelo yi-29 Julayi 2016. Abenzi-sicelo mabenze izicelo zabo ngokuzalisa le fom yesicelo iqhotyoshelweyo zize zonke izicelo ezizalisiweyo zingeniswe kwi-ofisi yesithili leyo ichaphazelekayo.

Malunga nayo nayiphi imibuzo ngalo mba kungaqhagamshelwana nala magosa alandelayo kuNdlunkulu weWCED:

9. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane abafundi beBakala 12 besikolo sakho ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:05:04

"Annexure A: Educator Bursary Application Form"  (ubukhulu: 74 KB)
"Important notice"  (ubukhulu: 59 KB)