1. ISiqendu 33 soMthetho wezeNgqesho yooTitshala, 1998 (uMthetho 76 ka-1998) kunye neSiqendu 30 (b) soMthetho weNkonzo kaRhulumente, 1994, zasisa bonke abaqeshwa ngembopheleleko yabo (their obligation) yokwenza isicelo semvume kwiNtloko yeSebe ukuba banqwenela ukwenza umsebenzi ohlawulelwayo ngaphandle kwenkonzo karhulumente.
2. Lo Mgaqo-nkqubo i-Western Cape Government’s Policy on Remunerative Work Outside Public Service (RWOPS) ulawula ukwenziwa komsebenzi ohlawulelwayo ngabaqeshwa ngaphandle kwenkonzo karhulumente. Lo mgaqo-nkqubo, uphunyezwe ukususela nge-1 Septemba 2012, yaye uyafumaneka kweli ziko lewebhu www.westerncape.gov.za.
3. Abaqeshwa abangekayifuni nangoku imvume yokwenza umsebenzi ohlawulelwayo ngaphandle kwenkonzo karhulumente, kwakunye nabo banenjongo yokwenza umsebenzi ohlawulelwayo ngaphandle kwenkonzo karhulumente, mabangenise ngokukhawuleza izicelo zabo zokwenza umsebenzi ololu hlobo. Izicelo zivunywa ngonyaka-mali ngamnye (1 Apreli ukuya kwi-31 Matshi yonyaka olandelayo) yaye ke ngoko abaqeshwa mabafake izicelo kwangaphambili qho ngonyaka.
4. Ukufumana imvume, makuzaliswe le fom iqhotyoshelweyo ize ingeniswe kule dilesi ilandelayo:

  Head: Education
For attention: Director: Strategic People Management
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
Cape Town
8000
5. Ukungaphumeleli ukufumana imvume elolu hlobo kungakhokelela kwiziphumo zokohlwaywa komqeshwa ochaphazelekayo.
6. Bayacelwa abaqeshwa abaneenkcukacha zabo buqu (personal particulars) ezikwi-Companies and Intellectual Property Commission’s Register nabangasawenziyo umsebenzi ohlawulelwayo ngaphandle kwenkonzo karhulumente, ukuba baqinisekise ukuba amagama abo akhutshiwe ngokufanelekileyo kwirejista (are duly deregistered).
7. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abaphantsi kweliso lakho ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:03:11

"Employment of Educators Act, 1998 (Act 76 of 1998)"  (ubukhulu: 160 KB)
"Public Service Act, 1994 (Act 103 of 1994)"  (ubukhulu: 183 KB)
IsiHlomelo A: "Application to perform Remunerated Work Outside the Public Service (RWOPS)"  (ubukhulu: 33 KB)