1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) lize nesisombululo esitsha seefoni, ngokuthi lithenge ifoni i-Voice over Internet Protocol (VoIP) eya kusetyenziswa kwizakhiwo zakwaNdlunkulu. Ifoni i-VoIP enyanisweni luqhagamshelwano ngefoni lwe-Intanethi. Kuthunyelwa idatha ngekhompyutha, kusetyenziswa inkqubo eyi-Internet Protocol (IP) endaweni yeefoni ze-analogu eziqhelekileyo (traditional analogue telephone lines).
2. Ngoku sifikelele kwisigaba sokuba kuqaliswe le projekthi, yona ifuna ukuba kufakwe iifoni ii-VoIP. Iqela elibandakanya abe-Centre for eInnovation (CeI), abakwaNeotel nawo onke amagosa onxibelelwano ngezobuxhakaxhaka aya kuba efaka iifoni ezintsha kuwo onke amagosa atyunjwe ngamagosa ajongene nestokhwe eGrand Central Towers naseGolden Acre Building.
3. Ukufakelwe kwezi foni kuya kwenziwa kumgangatho ngamnye yaye amagosa ajongene nestokhwe (responsibility managers) makaqinisekise ukuba iqela eli liyakwazi ukungena kuzo zonke ii-ofisi, ii-workstations, ii-boardrooms, njl. njl. ngethuba lokufakwa kweefoni ezintsha kumgangatho wabo (kwimigangatho yabo) ngethuba lokuziswa kweefoni njengoko iqela lale projekthi liya kuba lisebenza phantsi kwamaxesha amiselweyo anobungqongqo.
4. Izibonelelo zokufona (call privileges) siya kufumaneka njengoko kumiselweyo yaye naziphi izicelo zokunxaxha mazenziwe ngokweNgcaciso eMfutshane yeCandelo lokuThengwa kweeMpahla neeNkonzo iCandelo 0001/2014.
5. ICandelo i-Telecommunications Section ngoku likwinkqubo yokutshintsha iinombolo zefoni ukusuka kuTelkom ukuya kuNeotel. Kucelwa amagosa ukuba ayenze yonke inkqubo yokufonela ngaphandle esebenzisa iifowuni ezintsha ukuvavanya ukusebenza nokuqhagamsheleka kwazo. Amagosa aya kukwazi ukwamkela iifoni ezingenayo kuphela nje ukuba iifoni zeWCED zibe nokutshintshelwa kwiNeotel.
6. Makuchazwe naziphi iziphene okanye iingxaki ngezi foni zintsha kwa-Telecommunications Helpdesk apha education.pabx@westerncape.gov.za. Akuvumelekanga phantsi kwazo naziphi iimeko ukuba amagosa atoncule ezi foni njengoko loo nto iya kukhokelela ekonakaleni kwefoni leyo kunye/okanye kwenkqubo yayo esebenza ngeIntanethi.
7. Nje ukuba abasebenzi bezolawulo bafumane uqeqesho kumboneleli-nkonzo, kuya kuqhutywa uqeqesho kusetyenziso lweefoni ii-VoIP noluya kufumaneka ngokuthi kwenziwe isicelo sokwenjenjalo.
8. Yonke imibuzo emalunga nokungasentla inokuthunyelwa kula magosa alandelayo:

Nks R Daniels
Nks S Nduna
Nks S Esau
ifoni 021 467 2792
ifoni 021 467 2503
ifoni 021 467 2794
9. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.
10. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yakho malunga noku.


ISAYINWE: NGU-E VELDMAN
USEKELA MLAWULI OBAMBELEYO-JIKELELE WOLAWULO LWEMICIMBI YEZEMALI
UMHLA: 2016:10:12