1. Ngethuba lokubalwa kwestokhwe kwixesha elidlulileyo, kwaqatshelwa iziphene ngokumalunga nolawulo lwee-asethi kwaNdlunkulu nakwii-ofisi zezithili. Ezi ziphene zibandakanya phakathi kwezinye izinto, ulawulo lwee-inventri (inventory control); ukuchithwa (disposal) kwee-asethi ezingasenakusetyenziswa, ezingenakulungiseka kunye/okanye eziphelelwe lixesha nezilahlekiyo nee-asethi ezizipho (donations).

2. Ngokwesiqendu 38(1)(a) kuMthetho woLawulo lweMali kaRhulumente, 1999 (uMthetho 1 ka-1999) (Public Finance Management Act (PMFA)), 1999 (Act 1 of 1999), igosa elimele ukuphendula ngosetyenziso lwemali (accounting officer) lithwele uxanduva lomsebenzi wolawulo lwezemali neelahleko (financial and risk management), kwanokusetyenziswa kwee-asethi ngokuyimpumelelo nangokusebenzayo.

3. Ngenxa yesi sizathu singentla, uyacelwa ukuba ulandele ngokungqongqo le nkqubo ilandelayo imalunga nolawulo lwee-asethi:

4. Ulawulo lwee-inventri

Umlawuli wee-asethi (asset controller) kunye/okanye abalawuli bee-asethana (subasset controllers) mabaqeshwe qho ngonyaka kwiziko ngalinye eliyi-cost centre. Uxwebhu oluyi-duty sheet lomlawuli wee-asethi maluhambe kunye neleta elolu hlobo nemayisayinwe ngumphathi weziko i-cost centre. Ikopi yeleta yokuqeshwa kwabo mayithunyelwe kwaNdlunkulu. Ileta yokuqeshwa komlawuli wee-asethi iqhotyoshelwe apha njengesiHlomelo A ne-Duty Sheet for Asset Controllers njengesiHlomelo B.

Emva kokubalwa kwestokhwe kwakutshanje amaxwebhu azii-asset control sheets ee-asethi (ifanitshala nezixhobo) asayinwa ngabaphathi abazii-cost centre managers aza abekwa emva kocango kwindawo nganye ephantsi kolawulo lwabo. Oku kuthetha ukuba ii-asethi mazibekho xa kuphicothwa irejista yee-asethi zesebe.

Ngethuba lokubalwa kwestokhwe qho ngonyaka, kunyanzelekile ukuba zingashenxiswa ii-asethi kulo ndawo yazo lo gama kusenziwa inkqubo yokungqinisisa ukubakho kwazo (physical verification of assets). Ngethuba lale nkqubo, ngumsebenzi womlawuli wee-asethi okanye womlawuli wee-asethana ukwenza amalungiselelo okufikelela kuzo zonke ii-ofisi nokuhamba namagosa akwaNdlunkulu kwi-ofisi nganye.

Makwenziwe amalungiselelo ngokunjalo kunye nawo onke amagosa asebenzisa ii-asethi ezinokuphathwa (ii-notebooks/laptops, ii-netbooks, ii-cameras, ii-data projectors, ii-external hard drives, njalo-njalo.) okuba zibekho yaye zibonwe ngeliso, ukuze kungqinisiswe ukubakho kwazo ngokwenene (physical verification).

Kwithuba elidlulileyo, kwafunyaniswa ukuba abaphathi abazii-cost centre managers bebesoloko qho bengayithobeli imiqathango emiselwe kwi-Setyhula 0028/2005, yomhla we-23 Meyi 2005, neSetyhula 0040 /2007, yomhla we-13 Agasti 2007, njengoko ii-asethi bezishenxiswa ngaphandle kokuzaliswa kweefom zokushenxiswa kwazo. Oku kube ngunobangela wokuba kubekho imibuzo ebingeyomfuneko emalunga nokubalwa kwestokhwe. Ngoko ke uyacelwa ukuba ungazishenxisi naziphi na ii-asethi kwindawo ezikuyo ngaphandle kokuba ifom yokushenxiswa kwazo eqhotyoshelwe njengesiHlomelo C izalisiwe yaze yavunywa ngokunjalo.

Xa igosa lithatha umhlalaphantsi, liyishiya inkonzo, okanye ligxothiwe, isatifikethi sokunikezelwa kwee-asethi (handing-over certificate) masisayinwe ngulowo unikezela ii-asethi nangulowo uyithathela kuye loo asethi. Le fom mayizaliswe ize ikopi yayo ithunyelwe kwi-Yunithi yoLawulo lwee-Asethi kwaNdlunkulu (Asset Management Unit) kwaNdlunkulu.

Ukuba kusiwe nayiphi na ifanitshala nezixhobo ezisanda kuthengwa ngqo e-ofisini yakho, mazixelwe kwangoko ngumlawuli wee-asethi kwiYunithi yoLawulo lwee-Asethi (Asset Management Unit) kwaNdlunkulu, oya kwenza amalungiselelo okumakishwa nokufakwa kweebhakhowudi kwii-asethi nokuhlaziywa kwerejista yee-asethi.

Kuyimfuneko ukuba abasebenzisi bee-asethi bathethane ne-Centre for e-Innovation ukwenzela ukufakwa (installation) kweekhompyutha ezintsha. Iingxaki ezibekho ngokumalunga nezixhobo zekhompyutha nazo mazixelwe kwi-Helpdesk ye-Centre for e-Innovation apha: 021 483 4800 okanye kule dilesi ye-imeyili apha CeI.ServiceDesk@westerncape.gov.za


5. Ukuchithwa kwee-asethi

Icandelo 10.1.1 le-Western Cape Provincial Treasury Instruction, ekhutshwe ngokwesiqendu 18(2)(a) se-PMFA nge-28 Matshi 2012, lifuna ukuba igosa elimele ukuphendula ngosetyenziso lwemali okanye igosa elinegunya lolawulo lwezemali (accounting authority) ukuqinisekisa ukuba isistim yolawulo lonxibelelano lwabathengi nabathengisi (supply chain management system) yeziko yenzelwe isistim esebenza ngokuyimpumelelo nangokubonakalayo yolawulo lwee-asethi ezichithwayo nemayinciphise ukugcinwa kwee-asethi ezingaphezu kwemfuneko nezo zingasetyenziswa ngokupheleleyo (surplus and under-utilised assets).

Ukwenzela ukuchitha ii-asethi ezinokushenxiswa (ifanitshala nezixhobo kubandakanywa izixhobo zekhompyutha), makuzaliswe ifom eyi-Log 1 requisition form ize isayinwe ngabaphathi abenza lo msebenzi be-cost centre.

Le ngcaciso ilandelayo ingee-asethi emazichithwe mayivele kwifom i-Log 1 form:

  • Inkcazo epheleleyo
  • Imeko ekuyo
  • Indawo kanye ekuyo (isakhiwo nenombolo yegumbi)
  • Inombolo yebhakhowudi
  • Inombolo i-serial number, apho kufanelekileyo

Ifom yeBAS ezalisiweyo (BAS allocation form) (PGWC 002) mayihambe kunye ne- Log 1 form. Inkcitho enokwenzeka kwinkqubo yokuchithwa kwefanitshala nezixhobo iya kwabelwa umphathi ojongene nestokhwe.

Ifom i-VA 27 form, esayinwe ligosa ekudluliselwe kulo amagunya lakwaNdlunkulu namalungu e-Disposal Committee, mayizaliswe ngamagosa achaphazelekayo emva kokuba zichithiwe ii-asethi ngendlela evunywe ligosa ekudluliselwe kulo amagunya. Onke amaxwebhu makafayilishwe ngokufanelekileyo ukulungiselela iinjongo zophicotho.

Abalawuli bee-asethi mabaqinisekise ukuba ziyasuswa iibhakhowudi kwezi asethi. Ezi bhakhowudi mazithunyelwe kwaNdlunkulu ukwenzela iinjongo zeerekhodi. Ngaphezu koko, uphawu lwe-RSA (RSA mark) kwi-asethi nalo maluhlatywe ngo-X. Inombolo yokuvunywa kokuchithwa (disposal approval number) no-"DISPOSED OF" mazibhalwe ngekhoki eyipeni engacimekiyo (permanent-marker pen) kwii-asethi ezizi-non IT-related assets. Izitikha ezibonisa kwayona le ngcaciso mazifakwe kwizixhobo ze-IT.

Ukuthengiswa kwazo zonke izixhobo ze-IT kuya kulungiselelwa nguNdlunkulu. Ezinye ii-asethi ekuvunyiweyo ukuba zilahlwe (dumping), mazilahlwe kwiziko lokulahla elibhalisiweyo (registered dumping site) yaye makukhutshwe nesatifikethi esibubungqina (certification) boku sinikwe uNdlunkulu. Ubuncinane makubekho amagosa ama-2 xa kulahlwa ii-asethi.

Ngamanye amaxesha kuye kufunyaniswe ukuba zisasetyenziswa ii-ayithem ezibekelwe ukuchithwa (earmarked for disposal) nezo kuvunyiweyo ukuba zichithwe. Makugxininiswe ukuba yonke ifanitshala nezixhobo eziphawulelwe ukuba zichithwe nezo ayithem kuvunyiweyo ukuba zichithwe, mazigcinwe kwindawo ekhuselekileyo nenqatyisiweyo de igqitywe inkqubo yokuchithwa kwazo. Ezi asethi zihlala ziluxanduva lomphathi ojongene nestokhwe weziko i-cost centre de zibe zisusiwe.

Ngaphezu koko, kufunyaniswe ukuba izixhobo ze-IT ziyatyhuthulwa. Oku kuyaphikisana nemiqathango yokuchithwa kwezixhobo ze-IT.

Makugcinwe irekhodi ngumlawuli wee-asethi yazo zonke ii-asethi kwiziko lakhe eliyi-cost centre yezo zixhobo zichithiweyo.


6. Ii-asethi ezilahlekileyo

Nayiphi na i-ayithem eyabiwayo okanye eyalahlekayo mayixelwe ngokukhawuleza ngokwenkqubo yolawulo lwee-asethi ezilahlekileyo (loss control procedure), kwi-Central Loss Control Officer (CLCO) yeSebe iWCED kwaNdlunkulu. Phambi kokuba sixelwe esi siganeko kwi-CLCO, masixelwe kuqala ngaphandle kokulibazisa, kwi-Ofisi yeNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika ekufutshane.

Inombolo yetyala eyi-case number nawo onke amaxwebhu achaphazelekayo makathunyelwe kwi-CLCO nakwiYunithi yoLawulo lwee-Asethi (Asset Management Unit) kwaNdlunkulu, ukwenzela ukuhlaziya irejista yee-asethi.

Makugcinwe irekhodi yazo zonke ii-asethi ezabiwayo kunye/okanye ezalahlekayo ngethuba lonyaka-mali.


7. Ukwamkelwa kweezipho (donations) zefanitshala nezixhobo

I-National Treasury Instruction 21.2.1 icacisa ukuba igosa elimele ukuphendula ngosetyenziso lwemali inokukuvuma ukwamkelwa kwezipho eziza kurhulumente. Igunya lokuvunywa kokwamkelwa kwezipho lidluliselwe kwigosa elikwisikhundla soMlawuli oyiNtloko.

Bayacelwa abaphathi bamaziko abazii-cost centre managers ukuba bafumane imvume eyimfuneko phambi kokwamkela naziphi na izipho zefanitshala nezixhobo. Ikopi nememo evunyiweyo mayingeniswe kwi-Yunithi yoLawulo lwee-Asethi (Asset Management Unit) kwaNdlunkulu ukwenzela ukuba kuhlaziywe irejista yee-asethi ngokulandela inkqubo emiselweyo.

Ngokubhekiselele koku, makugcinwe irejista yazo zonke izipho ezifunyenwe ngethuba lonyaka-mali. Ngokumalunga noku, uyacelwa ukuba uthathele ingqalelo okuqulethwe yi-Ngcaciso eMfutshane i-Logistical Services Minute 0011/2006, yomhla we-13 Matshi 2006.


8. Ukuba ayilandelwanga le miqathango sele ikhankanyiwe, kuya kuthathwa amanyathelo ngokwesiqendu 51(1)(e)(i) no- (ii) ze-PMFA esifundeka ngolu hlobo:

  1. "Igosa elinegunya lokuphendula ngosetyenziso lwemali lequmrhu likarhulumente (public entity)—
    1. malithathe amanyathelo oluleko asebenzayo nafanelekileyo ngakuye nawuphi na umqeshwa wequmrhu likarhulumente (public entity) —
      1. owaphula okanye ongaphumeleliyo ukuthobela imiqathango yalo Mthetho;
      2. owenza isenzo esithile esijongela phantsi ulawulo lwezemali nesistim yolawulo lwangaphakathi yequmrhu likarhulumente;..."
9. Kukho ithemba lokuba le miyalelo iqulethwe kule setyhula iya kulandelwa ngawo onke amaxesha ukwenzela ukuba kungabiyomfuneko ukuthatha amanyathelo oluleko ngakuwo nawaphi na amagosa.

10. Nayiphi na imibuzo malunga nokuqulethwe kule ngcaciso imfutshane mayibhekiswe ku-Mr A Betz kule nombolo yefoni. 021 467 2804.

11. Bayacelwa abaphathi abajongene nestokhwe ukuba bazise bonke abasebenzi ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane.


ISAYINWE: NGU-L J ELY
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEZEMALI
UMHLA: 2016:09:14

"Public Finance Management Act (PMFA), 1999 (Act 1 of 1999)"  (ubukhulu: 487 KB)
IsiHlomelo A: "Appointment as Asset Controller"  (ubukhulu: 22 KB)
IsiHlomelo B: "Duty sheet - Asset Controller"  (ubukhulu: 30 KB)
IsiHlomelo C: "Movement of Assets"  (ubukhulu: 11 KB)