1. Ngenxa yemfuno emandla kwiCandelo loLawulo loKuthengwa kweeMpahla neeNkonzo yokulungiselela ukuthengwa ngexesha kweempahla neenkonzo, nangenxa yenjongo yokuphucula ukwenziwa kweenkonzo, kuye kwayimfuneko ukuba uphinde ujongisiswe yaye uthathelwe ingqalelo kwakhona umba wokusetyenziswa kwezibonelelo (resources) zomsebenzi wokuthengwa kweempahla neenkonzo zikarhulumente.
2. Kube yimfuneko ukuba isiwe kwenye indawo kwalapha ngaphakathi kwicandelo kungokunje, imisebenzi yeSupply Chain Management (SCM) engeyiyo engundoqo. Icandelo le-Telecommunications nele-GG Transport Section alapha ngaphakathi kwiCandelo loKuthengwa kweeMpahla neeNkonzo, asiwa kwiGumbi 2-07) (Room 2-07) kumgangatho 2 weGrand Central Building. Oku kusiwa kwenye indawo kwala macandelo kuya kunceda ekuphuculeni ukusebenza kweCandelo le-GG Transport Section ngokumalunga nokuthathwa nokubuyiswa kwezithuthi zeGG (GG vehicles) ngamagosa.
3. Sele enziwe amalungiselelo okwenziwa komsebenzi wokufuduka kwala macandelo yaye kumele ukuba kugqitywe oku engadlulanga uLwesibini we-19 Julayi 2016.
4. Zezi zilandelayo iinkcukacha zamagosa achaphazelekayo kukusiwa kwa-Room 2-07 kwala macandelo:

USekela-Mlawuli Ruqayah Daniels x2792
Telecommunications Silvia Esau
Siphokazi Nduna
x2794
x2503
GG Transport Jeffrey Heath
Carl Barron
Benjamin Noboza
Firdouz Abdou
x2797
x2789
x2791
x2811
5. Kucelwa wazise ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane kubo bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.
6. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
USEKELAMLAWULI -JIKELELE WECANDELO LEZEMALI
UMHLA: 2016:07:18