1. Intshayelelo

Ngokwesiqendu 40(1) (c) soMthetho woLawulo lweeMali zikaRhulumente, 1999 (uMthetho 1 ka-1999) (Public Finance Management Act, 1999, Act 1 of 1999)), eli Sebe leMfundo leNtshona Koloni malingenise iingxelo-mali zonyaka kuMphicothi ziNcwadi-Jikelele ungadlulanga owe-31 Meyi 2016. Ukulungiselela unyaka-mali ka-2015/16, ophela nge-31 Matshi 2016, kufuneka kuvalwe iincwadi zeli Sebe phambi kowe-30 Apreli 2016. Umhla ojongwe njengowokuvalwa kweencwadi ngowe-22 Apreli 2016. I-Ofisi kaNondyebo kaZwelonke (National Treasury) iya kwenza uvalo lonyaka-mali olunyanzeliswayo (forced closure) xa isebe lingazivali iincwadi zalo kwangexesha. Ngenxa yesi sizathu, ayacelwa onke amaqela achaphazelekayo ukuba awaqwalasele la malungiselelo alandelayo ukuqinisekisa ukuba kuyahlangatyezwana neemfuno ezimiselweyo.


2. Iintlawulo ezenziwa ngeBAS zikaMatshi 2016
2.1 ICandelo loLawulo loLwabiwo noSetyenziso lweMali, libambisene noMlawuli weeNkqubo zeBAS (BAS Systems Controller), njengangoku lilawula inkqubo emalunga neentlawulo ezenziwa ngeBAS zonyaka-mali ka-2015/2016. Ezi ofisi sele ziyihambisile ingcaciso eya kubasebenzisi yeentlawulo kwi-BAS nakwi-Logis.
2.2 Ukuqinisekisa ukuba yonke inkcitho yenziwa (expenditure is processed), ngokwebhajethi yonyaka-mali okhoyo kwi-BAS, mazigunyaziswe iintlawulo yaye makungabisemva komhla we-24 Matshi 2016 (ongumhla wokugqibela wokwenziwa kweentlawulo nge-BAS zikaMatshi 2016). Iintlawulo ezigunyaziswe ngomhla osemva kwe-31 Matshi 2016, ziya kuthunyelwa kunyaka-mali omtsha ka-2016/17. Oku makuzanywe kungenzeki konke-konke njengoko kuya kutsalwa kwibhajethi yonyaka omtsha. Kucetyiswa ngamandla ukuba iintlawulo zokugqibela ngokumalunga nonyaka-mali ka-2015/16 ezenziwa nge-BAS ne-Logis mazibe zifakiwe ekhompyutheni zaze zavunywa ungekadluli owe-18 Matshi 2016, ukuthintela ukulibaziseka.

3. Amabango eendleko zothutho nezixhaso (transport and subsistence (T&S) advances and claims)

Iintlawulo ze-T&S azikuchaphazeli ukuvalwa konyaka-mali, kodwa kusaza kuqhutyekwa nemihla yokukhutshwa kweentlawulo ze-BAS zesiqhelo. Nakuba kunjalo, ngenxa yokuba inkcitho eyenzelwa ii-T&S ixhuzulwa kuphela kwiimali ezikhutshiweyo kwakuba kwenziwe ibango, kubalulekile ukuba onke amabango angekahlawulwa ngokumalunga nonyaka-mali ka-2015/16 enziwe kwangexesha. Njengoko la mabango nee-advances zisenziwa kwiPESALI, makangeniswe ungadlulanga owe-14 Matshi 2016. Nawaphi na amabango angeniswe emva kwalo mhla aya kuhlawulwa ngemali yonyaka-mali ka-2016/17. Yonke imali eseleyo (differences), xa kuthe kanti ibango lingaphantsi kwe-advance, kufuneka kwakhona ibe seyibuyisiwe (re-paid) ungekadluli owe-18 Matshi 2016.


4. Iirisithi (Izithili ne-DFA)

Zonke ii-ofisi ezinoxanduva lokukhupha iirisithi ze-BAS maziqinisekise ukuba iirisithi zikaMatshi 2016, kungakhathaliseki mhla wokudiphozithwa kwazo, mazibe ziyavunywa ngenyanga yobalo-mali uMatshi (03) nokuba zonke iirisithi ezisalindelweyo zifakiwe kwi-BAS. Abagunyazisayo (authorisers) mabaqinisekise kwakhona ukuba zonke iirisithi ezihlatyiweyo zigunyaziswe ngokufanelekileyo.


5. Inkcitho yeemali ezincinane (Petty cash expenditure) (Izithili ne-DFA)

Yonke inkcitho yemali encinane eyenziweyo ukuya kutsho kwi-31 Matshi 2016 makube sekunikwe ingxelo ngayo ngoMatshi 2016.


6. Inyanga yobalo-mali uMatshi (03) (Izithili, i-DFA ne-DPM)

Kunyanzelekile ukuba kusetyenziswe umhla ochanekileyo wokuthumela kwi-BAS ngawo onke amaxesha, ngokukodwa xa kusenziwa izilungiso zeempazamo kwijenali ngokumalunga nonyaka-mali ka-2015/16 ezifakwa kwikhompyutha (being captured) ngo-Apreli 2016. Bonke abagunyazisayo (authorisers) mabaqinisekise kwakhona ukuba iijenali ezifakwe kwikhompyutha ngoMatshi 2016 zigunyaziswe kwangexesha ngethuba lokuqhutywa komsebenzi wabo.


7. Imicimbi engekenziwa kwi-BAS

Yonke imicimbi engekenziwa esekwimo engu-open reject, incompl, tobeact, tobeau and rejauth, mayigcinwe, igunyaziswe okanye ihlatywe. Ingxelo yemicimbi engekenziwa ngomsebenzi owenziwa kuloo ndawo (functional area) (intlawulo, iijenali, njl. njl.) ingacelwa kwi-BAS kwinqanaba lokwenza iingxelo (at the reporting function) (Ezinye iiNgxelo). Abasebenzisi abajongene nalo msebenzi (responsible users) banokwaziwa ngokujonga kule ngxelo ukulungiselela iinjongo zokuqukunjelwa kwemicimbi engekenziwa. Kungenjalo, kunokukhangelwa kwi-outstanding transaction enquiry dialogue ukujonga imicimbi engekenziwa kwi-Creditor Management nakwi-Creditor Payment functional areas. Umhla ekumiselwe ukuba kugqitywe ngawo imicimbi engekenziwa ngowe-14 Matshi 2016.


8. I-BAS interfaces and exceptions (DFA)

Amagosa ajongene nalo msebenzi (responsible officials) makaqinisekise ukuba zonke i-bank and PERSAL interface exceptions zenziwa zigqitywe phambi komhla wokuvala okokugqibela (final closure). UMlawuli weeNkqubo ze-BAS makaqinisekise ukuba zonke iintlawulo ezenziwa ngePESALI (all PERSAL runs) zifakiwe kwi-BAS nokuba zenzekile i-bank interfaces.


9. Ii-akhawunti zee-asethi namatyala (Assets and liabilities accounts) (DFA)

Ukwenzela ukuba kuchazwe ngokuchanekileyo ii-akhawunti zee-asethi namatyala kwiingxelo-mali (financial statements), kunyanzelekile ukuba kuthathwe amanyathelo ayimfuneko okulungisa ezi akhawunti ukuze zibonise iibhalansi ezichanekileyo, umz. iibhalansi zekhredithi kwii-akhawunti zamatyala. Kwiimeko apho ii-akhawunti zedebhithi (debit accounts) zinganxulumananga nezixa-mali zekhredithi (okanye kwenziwe ngenye indlela), ezi debhithi neekhredithi mazicaciswe zize zibhalwe ngokwahlukeneyo ngamagosa ajongene nalo msebenzi, ukulungiselela injongo yeengxelo-mali zokugqibela (final statements). Ngokumalunga noku, makungeniswe kwakhona amaxwebhu axhasayo (supporting documentation) ayimfuneko. Kwimeko yee-akhawunti zotyalo-mali zeengxowa-mali ezizodwa (investment accounts of special funds), iibhalansi mazingqinelelaniswe ukwenzela iinjongo zengxelo-mali yokugqibela (final statement).


10. Amabango amelwe ukuhlawulwa namabango amele ukufunyanwa (DFA)

Ngokumalunga nezixa-mali ezisatyalwa (amounts owing) amanye amasebe nezityalwa ngamanye amasebe, kuyimfuneko emiselweyo ukuba kungeniswe izatifikethi zokungqina izixa-mali ezingekahlawulwa ukulungiselela iinjongo zophicotho-zincwadi lisebe ngalinye iSebe iWCED elalenze umcimbi nalo.

Iileta zokungqina mazithunyelwe ngokukhawuleza emva kokuphela konyaka-mali (nge-22 Apreli 2016) zize zibuyiswe ungadlulanga owe-30 Apreli 2016, ukwenzela ukuba amasebe abe nako ukungenisa le ngcaciso kwi-Provincial Government Accounting Services kaNondyebo wePhondo ungadlulanga owe-15 Meyi 2016, nokuba abe nokuchaza (disclose) iibhalansi ezichanekileyo kwiingxelo-mali zawo. Ngokumalunga noku makufundwe iSetyhula i-PT Circular 40 of 2008, yomhla we-26 Septemba 2008.


11. Iintlawulo ii-Revenue pay-overs (DFA)

Yonke ingeniso (all revenue) efunyenweyo ngonyaka-mali ka-2015/16 imele ukwabelwa iinjongo ezithile ize ihlawulwe kwiNgxowa-mali yeNgeniso yePhondo (Provincial Revenue Fund) ungekadluli owe-31 Agasti 2016.


12. Iingxelo zePESALI ezifunelwa iNgxelo-mali yaqho ngoNyaka (AFS)

ICandelo eliyiNtloko loLawulo lweMicimbi yaBasebenzi malicele iingxelo zePESALI ezimiselweyo malunga namatyala ezinto ezenzeke zingalindelekanga (contingent liabilities) kunye nezibonelelo zabaqeshwa ngomhla we-31 Matshi 2016.


13. Umhla wokuvalwa konyaka-mali (DFA)

Umhla wokuvalwa kokwenziwa kwemisebenzi yonyaka-mali ka-2015/16, ophela nge-31 Matshi 2016, uya kuba ngowe-19 Apreli 2016. Oku kuthetha ukuba kuphela yi-Accounting Control Section yeCandelo loLawulo lweMicimbi yezeMali eliya kuba nokwenza olunye utshintsho (kwiijenali) ngoMatshi 2016 phambi kokuba kuvalwe okokugqibela, nokuya kuqhubeka nge-22 Apreli 2016. Bayacelwa bonke abasebenzisi be-BAS baqinisekise ukuba lonke utshintsho oluyimfuneko lugunyazisiwe ungadlulanga owe-15 Apreli 2016. Ukuvalwa okokugqibela kophicotho-zincwadi (audit final closure) kuya kwenzeka kuphela emva kokuba lugqitywe uphicotho lweengxelo-mali zeSebe iWCED (department's financial statements) yi-Ofisi yoMphicothi-zincwadi Jikelele.


14. Ii-akhruwali (accruals): Iimpahla neenkonzo ezifunyenweyo kodwa zibe zingekenzelwa zi-invoyisi nezo zenzelwe ii-invoyisi kodwa zingekahlawulwa ngowe-31 Matshi 2016

Ukwenzela iinjongo zokunika ingxelo ngee-Akhruwali (Accruals) zonke ii-ofisi mazingenise iirejista zee-invoyisi zazo, kwakunye neyazo zonke iimpahla neenkonzo ezizifumeneyo kodwa zibe zingekenzelwa zi-invoyisi, ngowe-31 Matshi 2016, kwiCandelo loLawulo lweeVawutsha neLahleko (Voucher and Loss Control Division) leCandelo loLawulo lweMicimbi yezeMali (Directorate: Financial Accounting) ukwenzela ukuba ziqwalaselwe nguMnu Eddy Flink.


15. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yenu malunga nezi mfuno zimiselweyo zale ngcaciso imfutshane.


ISAYINWE: NGU-L J ELY
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEZEMALI
UMHLA: 2016:03:10

"Public Finance Management Act, 1999 (Act 1 of 1999)"  (ubukhulu: 487 KB)