Niyabulelwa kwakhona nina nonke beniye kwiiseshoni zokunika ulwazi ngesistim entsha yokusebenzisa i-imeyili i-Managed Email Solution (OWA) elungiselelwe izikolo zaseNtshona Koloni.

Ukuphinda kwakhona: le projekthi iyinxalenye yeprogram kaRhulumente waseNtshona Koloni yokuzisa inkqubo yoqhagamshelwano olukhawuleza kakhulu (high-speed, broadband connectivity) kwiphondo liphela, eqalisa ezikolweni.

Le sistim intsha ye-broadband yenze ukuba kube nako ukuziswa simahla inkonzo yee-imeyili ezikolweni, kwaye iya kunceda ekuphuculeni unxibelelwano phakathi kwezikolo, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) kunye nabo bonke abathathi-nxaxheba abachaphazelekayo.

Kubalulekile ukuqaphela ukuba iWCED iya kuthi kwixesha elizayo isebenzise kuphela le sistim intsha yee-imeyili kulo lonke unxibelelwano nge-imeyili lwaseburhulumenteni kunye nezikolo.

Ngenxa yokuba le sistim intsha yokusebenzisa iimeyili iyinkonzo efumaneka kwiwebhu (webbased service), iya kunika wonke umntu indlela yokungena kwii-imeyili zakhe naphi apho akhoyo ngalo naliphi ixesha, kuso nasiphi isixhobo esinoqhagamshelwano lwe-intanethi.

Uqhagamshelwano lwe-intanethi lohlobo lwe-interface lulungele zonke izinto ezisetyenziswayo zonxibelelwano, ukusuka kwii-desktops ukuya kwii-tablets nakwii-smartphones. Oku kuya kubonelela ngendlela yokungena ngokukhawuleza kwingcaciso ebaluleke kakhulu egcinwe kwi-akhawunti ye-imeyili yakho njengoko iimeyili nengcaciso yakho efunekayo iya kusoloko ifumaneka kuwe, naphi apho ukhoyo.

Kucelwa uqaphele okulandelayo:

  1. Ukunika ulwazi ngendlela esebenza ngayo le sistim intsha kuya kugqitywa ekupheleni kuka-Agasti 2016. Zonke iinqununu nabasebenzi bezolawulo esikolweni (school administrators) baya kufumana izicelo zokuba baye kwezi seshoni ngeli xesha.

    Kubaluleke kakhulu ukuqaphela ukuba iinqununu azivumelekanga ukuthumela abasebenzi ukuba bamele zona kwezi seshoni kuba ngokomthetho asivumelekanga ukunika ingcaciso yokusebenza kwesistim (user information) kumntu ongenguye omiselweyo (alternative person). Kunyanzelekile ke ngoko ukuba xa ucelwe ukuba uye kwezi seshoni wenjenjalo. Asisayi kuququzelela ezinye iiseshoni emva kwe-31 Agasti 2016.

  2. Ukuba akuyanga kwiseshoni yokunika ulwazi nokuba kungasiphi isizathu, kucelwa uqhagamshelane neOfisi yeSekethe ngeenkcukacha zokuzazisa ze-imeyili yakho (email credentials) nemiyalelo yeendlela zokungena kwii-imeyili zakho. IOfisi yeSekethe yakho iya kukunika kwakhona iinkcukacha zokuba ungangena phi, njani xa ufuna ukufumana ii-support materials.

  3. Umhla wokusebenza kwale sistim i-Go Live yazo zonke izikolo iya kuba ngowe-01 Septemba 2016. Ukususela ngalo mhla, iWCED iya kusebenzisa idilesi ye-imeyili entsha i-Managed Email Solution (OWA) neya kusebenza njengedilesi ye-imeyili yesikolo ekunxityelelwana ngayo qho nawe (primary email address), ize yona idilesi ye-imeyili yesikolo ekhoyo okanye idilesi ye-imeyili endala isebenze njengedilesi ye-imeyili engenye (secondary email address). Kubalulekile ukuqaphela ukuba lonke unxibelelwano lwaseburhulumenteni luya kuthunyelwa kwezi dilesi ze-imeyili zombini okweli thutyana. I-WCED iya kukuphelisa ukusetyenziswa kwedilesi ye-imeyili engenye ungadlulanga uDisemba 2016.

  4. Nayiphi imibuzo yokufuna uncedo ingathunyelwa kwi-ofisi yethu i-Centralised Service Desk ku-021-900 7123 okanye kule dilesi ye-imeyili SchoolsIT.Helpdesk@westerncape.gov.za.

  5. Zonke iimathiriyeli zokuncedisa ezenzelwe isistim entsha zingafunyanwa apha https://wcgschools.sharepoint.com/sites/TrainingMaterial/SitePages/Home.aspx. Kucelwa uqaphele ukuba kuya kufuneka ukuba ube nazo iinkcukacha ze-akhawunti ye-imeyili yakho ukwenzela ukuba ukwazi ukungena kwizinto ezifundwayo zezoqeqesho (training materials).



ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:08:11