INkulumbuso uHelen Zille ibhengeze ngowe-08 Septemba 2015 ukuba uRhulumente weNtshona Koloni (WCG) uya kunika zonke izikolo i-intanethi yasimahla ekhawuleza kakhulu ungadlulanga uDisemba 2016.

Le projekthi iyinxalenye yeprogram ye-WCG yokunika uqhagamshelwano olukhawuleza kakhulu ibroadband connectivity kwiphondo liphela, oluqala ezikolweni.

Le program iquka ii-Local Area Networks (LANs) ezikolweni eziqhagamshelene kwi-Wide Area Network (WAN) kwiphondo lonke liphela.

Izikolo ngoku zihlawula ababoneleli-nkonzo be-intanethi (internet service providers) (ISPs), yaye isikolo ngasinye sifumana inkxaso-mali kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) ukuhlawula iindleko zazo zonke ezi nkonzo zonxibelelwano zobuxhakaxhaka bekhompyutha (telecommunication services).

Njengoko i-broadband connectivity iya kukhawulezisa uqhagamshelwano nge-intanethi kunye nokufikelela okuphuculiweyo kwiisistim zolawulo zakwandlunkulu (central administration systems) ezinjenge-CEMIS okwenzelwa izikolo simahla, iinkxaso-mali (subsidies) zeWCED ziya kurhoxiswa ngononophelo emva kokuba izikolo zitshintshelwe (migrated) kwisistim yoqhagamshelwano ngekhompyutha entsha.

Amabhunga olawulo angaqhubeka ngokuhlawula ii-SIPs (ababoneleli-nkonzo be-intanethi) kwaneenkonzo ze-imeyili ethatha kwiimali zawo, ukuba anqwenela ukwenjenjalo, ukongeza ngaphezulu kwiinkonzo ze-intanethi neze-imeyili ekubonelelwa ngazo yi-WCG.

Siyavuya ukukwazisa ukuba iiprojekthi ezinxulumene nezo ziquka inkonzo ye-imeyili entsha ukuphucula unxibelelwano phakathi kwezikolo, iWCED kunye nabo bonke abathathi-nxaxheba.

I-WCG iya kubonelela kwakhona ngenkonzo ye-imeyili yasimahla ezikolweni.

I-WCED iya kusebenzisa isistim entsha kulo lonke unxibelelwano nge-imeyili kunye nezikolo.

I-WCG iya kuqalisa ngenkonzo ye-imeyili entsha ngowe-01 Epreli 2016. Ezi zibonelelo ziya kuquka okulandelayo:

  • Inkonzo yewebhu, eya kwenza ukuba abasebenzisi bangene kwii-imeyili zabo nanini nangaliphi ixesha.
  • Le nkonzo iya kuba ye-cloud-based (iya kufumaneka naphi nanini na), nto leyo eya kwenza ukuba kube lula ukusebenzisa le nkonzo kuzo zonke izikolo.
  • I-user interface iya kubonisa eyona nkqubo isebenza kakuhle kakhulu, elunga kuko konke okusetyenziswayo, ukususela kwii-desktops ukuya kwii-tablets nakwii-smartphones.
  • Le sistim iya kuba yekhuselekileyo, ethembakeleyo neqinisekileyo, kubulelwa imimiselo esekelwe kwinkqubo yekhompyutha i-Enterprise-grade specifications.
  • Le sistim iya kwenza kube lula ukuthagetha, ukulandelela nokulawula unxibelelwano lwe-imeyili ngabo bonke abathathi-nxaxheba.

I-WCG iya kubonelela ngee-akhawunti ze-imeyili ezintathu kwisikolo ngasinye, eziquka:

  • I-akhawunti ye-imeyili yenqununu;
  • i-akhawunti ye-imeyili yomlawuli wesikolo; kunye
  • ne-akhawunti ngokubanzi ye-imeyili yesikolo.

Inqununu nomlawuli esikolweni baya kuba namalungelo okungena kwi-akhawunti esetyenziswa sisikolo ngokubanzi (generic account). Ii-akhawunti zabo ziya kunxityelelaniswa namagama abantu abachaphazelekayo.

Igama ledomeyini yenkonzo liya kuba (ligama lesikolo/lomnini-akhawunti yesikolo/lomnini-akhawunti)@wcgschools.gov.za

Le nkonzo iya kunikeza ngee-emailboxes ezinomthamo i-20 GB nge-akhawunti nganye. Abasebenzisi baya kukwazi ukuzenzela awabo amaqela ngeenjongo zokuthumela imbalelwano eninzi ngekhompyutha.

I-Centre for e-Innovation (CeI) iya kunika inkxaso yezobugcisa kwanolwazi. Iiseshoni zokunika ulwazi ziya kuqhubeka ngoFebruwari noMatshi 2016.

Iiseshoni ziya kuquka ingcebiso engokufikelela nokusebenzisa le nkonzo kwanendlela yokwenza ii-emailboxes zenu. Siya kunazisa ngemihla nangamaxesha ezi seshoni ukunceda indawo yenu kungekudala.

I-CeI iya kubonelela ngee-user guides kwanemibuzo exhaphakileyo ukubuzwa (frequently asked questions).

Sijonge phambili kwintsebenziswano nani ukuqinisekisa impumelelo yale projekthi inika umdla.



ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:01:26