1. URhulumente weNtshona Koloni (WCG) neSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) bakhethe i-eLearning njengesinye isicwangciso sobuchule se-"Game Changers" ezenzelwe ukuvula iingcango zamathuba amahle kulutsha ngokutshintsha ngamandla ukufunda nokufundisa kusetyenziswa izibonelelo zethekhnoloji kwizikolo zephondo ngokubanzi ngokuthi zifikelele kumaqonga olwazi lwethekhnoloji (digital knowledge platform).

2. Sinovuyo ngokukwazisa ukuba iSebe iWCED lisikhethe isikolo sakho njengesikolo esiyi-Universal School esinendlela esisiseko yokungena kwi-intanethi njengenxalenye yeprogram i-eLearning Game Changer programme.

3. Izikolo ii-Universal schools, ngokweli phulo, ziya kubanako ukufikelela kwithekhnoloji zokufundisa (teaching technology) ezisisiseko ukuqalisa nokwakha iikhonsepthi iieLearning concepts nokwandisa ukufikelela kwabafundi kwi-eLearning.

4. URhulumente weNtshona Koloni neSebe iWCED baya kuqala ngokubonelela ezi zinto zilandelayo kwithuba leminyaka emithathu ezayo:

  • Ukufakwa kwe-Wide Area Network (WAN)
  • Ukufikelela kootitshala kwizibonelelo zethekhnoloji (digital resources) nge-WAN zisebenzisa iilebhu zekhompyutha nee-centralised wireless access points
  • Ukuphucula nokwandisa iilebhu zekhompyutha ezikhoyo ngoku nge-Slim Lab project ukuqinisekisa ukufikelela kunxibelelwano lwe-broadband
  • Uqeqesho olugxininisa kwizakhono ezithile (skills-specific training) nophuhliso lwabo bonke ootitshala nabaphathi bezikolo
  • Izibonelelo zethekhnoloji (digital resources) zokufundisa nokufunda
  • Umcebisi we-eLearning onika inkxaso ukuhlanganiswa kwezibonelelo zethekhnoloji (integration of digital resources) ekufundiseni ezikolweni
  • Inkxaso ngezethekhnoloji eqhelekileyo enikwa yi-Centre for eInnovation (CeI) Service Desk
5. IProjekthi eyi-Slim Lab project, isikolo sakho esikhethelwe ukuba sithathe inxaxheba kuyo, ijonge ekuboneleleni ngendawo elungele ukuba amaqela abafundi nootitshala babenako ukufikelela nokusebenzisa ngokukhulu unxibelelwano lwe-broadband ukuphucula ukufundisa nokufunda.

6. Ingcaciso engaphezulu emalunga ne-Slim Lab solution enokwenzeka, nenokulungelana neemeko zesikolo sakho, iya kwaziswa kuni ngeembalelwano eziya kulandela emva koku.

7. Wena ke njengenqununu ye-universal school, siyakucela ukuba:

  • unike imvume iikomiti zovavanyo nokuqaliswa kwe-eLearning yokuba zifikelele ngokupheleleyo kwisikolo njengoko kuyimfuneko oko.
  • useke ikomiti eyi-eLearning team;
  • wenze isicwangciso sombono (vision) se-eLearning;
  • unike igama neenkcukacha zoqhagamshelwano zegosa le-eLearning (eLearning champion) kwakunye namagama neenkcukacha zamanye amagosa amabini aya kunika inkxaso kwi-eLearning (eLearning advocates) esikolweni sakho.
8. Ukubonisa ukuba uzimisele yaye uyakuxhasa ukuphunyezwa kwe-eLearning uyacelwa uzalise le fom iqhotyoshelweyo uze uyibuyisele apha warda.conrad@westerncape.gov.za ungadlulanga owe-27 Januwari 2017.

9. Njengoko ithuba lokumiselwa kweli phulo liyiminyaka emithathu, uya kuzichazelwa iinkcukacha ezingaphezulu ezicacileyo xa usondele umhla wokuqaliswa kwalo.

10. Iyathakazelelwa yaye ixatyisiwe intsebenziswano yenu ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:12:07

ILETA YOKUVUMA UKUNIKA INKXASO  (ubukhulu: 57 KB)