1. |
URhulumente weNtshona Koloni (WCG) neSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) bakhethe i-eLearning njengesinye isicwangciso sobuchule se-"Game Changers" ezenzelwe ukuvula iingcango zamathuba amahle kulutsha ngokutshintsha ngamandla ukufunda nokufundisa kusetyenziswa izibonelelo zethekhnoloji kwizikolo zephondo ngokubanzi ngokuthi lufikelele kumaqonga olwazi lwethekhnoloji (digital
knowledge platform). |
2. |
Sinovuyo ngokukwazisa ukuba iSebe iWCED belisikhethe isikolo sakho ekuqaleni njengesikolo esiyi-Enhanced School njengenxalenye yeprogram i-eLearning Game Changer programme. |
3. |
Izikolo ii-Enhanced schools, zomgangatho wethekhnoloji ophezulu ngokweli phulo, ziya kubanako ukufikelela kwethekhnoloji zokufundisa (teaching technology) ukuqalisa nokwakha iikhonsepthi ii-eLearning concepts nokwandisa ukufikelela kwabafundi kwi-eLearning. |
4. |
URhulumente weNtshona Koloni neSebe iWCED baya kuqala ngokubonelela ezi zinto zilandelayo kwithuba leminyaka emithathu ezayo:
- Ukufakwa kwe-Wide Area Network (WAN)
- Ukufakwa kwe-Local Area Network (LAN) ekhonektha igumbi ngalinye lokufundisela kwi-WAN
- Ukufikelela kootitshala kwii-wireless points
- Ukufikelela kootitshala kwiiklasi ezenziwe zazii-technology enabled classrooms
- Ukufikelela kwabafundi kwizixhobo ngokwamabakala abakuwo kwizixhobo zokufunda ekwabelwana ngazo okanye ezabo izixhobo zokufunda ii-Bring Your Own (BYO) learning devices.
- Ukuhlaziya (okuyimfuneko) iilebhu ezingasetyenziswayo (defunct computer labs) ngephulo elibizwa i-SLIMLAB initiative
- Uqeqesho olugxininisa kwizakhono ezithile (skills-specific training) nophuhliso lwabo bonke ootitshala nabaphathi bezikolo
- Izibonelelo zethekhnoloji (digital resources) zokufundisa nokufunda
- Umcebisi we-eLearning onika inkxaso ukuhlanganiswa kwezibonelelo zethekhnoloji (integration of digital resources) ekufundiseni ezikolweni
- I-Integrated Quality Management System
- Inkxaso ngezethekhnoloji enikwa yi-Centre for eInnovation (CeI) Service Desk
|
5. |
Ukuba uyavuma ukuthatha inxaxheba njengesikolo esiyi-enhanced school, sicela ukuba:
- useke ikomiti eyi-eLearning team;
- wenze isicwangciso sombono (vision) nokuphunyezwa kwe-eLearning;
- wenze umgaqo-nkqubo we-eLearning obandakanya ukusetyenziswa kweselula ii-smart phones; yaye
- unike igama neenkcukacha zoqhagamshelwano zegosa eliphambili le-eLearning (eLearning lead) kwakunye namanye amabini aya kunika inkxaso kwi-eLearning (eLearning advocates) esikolweni sakho.
|
7. |
Njengoko ithuba lokumiselwa kweli phulo liyiminyaka emithathu, uya kuzichazelwa iinkcukacha ezingaphezulu ezicacileyo xa usondele umhla wokuqaliswa kweli phulo. |
9. |
Iyathakazelelwa yaye ixatyisiwe intsebenziswano yenu ngokumalunga noku. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:09:28
|
|