1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) libonelele ngonxibelelwano oluyi-highspeed broadband connectivity (WAN) kwisikolo sakho yaye liqalise i-wireless Local Area Network (LAN) njengenxalenye yokumiselwa ngokusesikweni kweprojekthi ieLearning Game Changer. |
2. |
I-WAN ne-LAN zenza ukuba ootitshala nabafundi bakho bakwazi ukufumana uintanethi ukunzwela zonke iinkalo zokufunda ngaphandle kweendleko kwisikolo sakho. |
3. |
Ii-aplikheyishini zonxibelelwano (social media applications) ezifana no-WhatsApp, Twitter no-Facebook ukwenzela intsebenziswano phakathi kootitshala nabafundi nokwabelana ngolwazi, zenziwe ukuba zisebenze kwinethiwekhi ii-WAN and LAN networks. |
4. |
Iinkcukacha-manani zabasebenzi beLAN zibonisa ukuba i-WAN neLAN zisetyenziswa kancinci. |
5. |
Bayakhuthazwa ootitshala nabafundi ukuba bangene (to log on) kwi-LAN besebenzisa iiselula zabo ii-smartphones, ii-laptops nezinye izixhobo, neziya kukwenza kube lula ukufundisa nokufunda ngezibonelelo nezixhobo zethekhnoloji (digital resources).
|
6. |
Ingcaciso nesikhokelo esilula samanyathelo alandelelanayo okuba ungena (log on) njani na kwi-wireless LAN sele niyichazelwe ligosa le-eLearning esikolweni sakho. |
8. |
Ukuba ufuna uncedo olungaphezulu ngokumalunga nokuvumela ootitshala nabafundi bakho bangene (to log on) kwi-wireless LAN, kucelwa uqhagamshelane ne-ofisi enika inkxaso nge-LAN (LAN helpdesk) okanye nomcebisi wesithili we-eLearning. |
9. |
Iinkcukacha zoqhagamshelwano zamagosa anika inkxaso (technical support) zezi zilandelayo:
|
10. |
Iinkcukacha zabacebisi bezithili beze-eLearning zezi zilandelayo:
|
11. |
Iya kuthakazelelwa kakhulu inkxaso yakho eqhubekekayo ngokumalunga noku. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:09:28
|
|