1. Le ngcaciso imfutshane mayifundwe neNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo loVavanyo 0010/2016, yowe-02 Septemba 2016, enika ingcaciso ngokuqaliswa kwenkqubo yokudluliselwa kwabafundi kwelinye ibakala kumaBakala 10 ukuya ku-12 kwanelungelo lokukhetha iThuba loKuhlalela uViwo lweXesha eLingaphezu koNyaka (Multiple Examination Opportunity) (MEO) yoviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC).

2. Ngokubhekiselele ekukhetheni uviwo i-MEO abafundi abadluliselwe kwibakala elilandelayo, emva koviwo lovavanyo (preparatory examination) yaye ngokuxhomekeke kwindlela abaqhube ngayo kuviwo lovavanyo, abafundi banokukhetha ukubhala zontandathu zizonke izifundo okanye nganeno koluhlu lwezifundo ezithandathu kuviwo lukaNovemba 2016 baze emva koko babhale izifundo ezisaleleyo kuviwo lukaJuni 2017.

3. Umfundi okhetha uviwo i-MEO makabhale ubuncinane bezifundo ezine kunyaka wakhe wokuqala (kuqukwa izifundo zoLwazi ngezoBomi) yaye kufuneka ukuba abe sele ezibhale zosixhenxe izifundo kunyaka wesibini.

4. Ukwenzela ukuqinisekisa ukuqhutywa ngokufanayo koviwo i-MEO ekhethwayo, umfundi owenza esi sigqibo makathobele ezi khrayitheriya zilandelayo:

Umfundi kufuneka—

  1. ibe ngumfundi odluliselwe kwelinye ibakala;
  2. abe uzenze wazigqiba zonke iimfuno ekulindeleke ukuba azenze ze-School-Based Assessment (SBA) kuzo zosixhenxe izifundo;
  3. abe ebesihamba qho isikolo;
  4. abe sele elubhalile uviwo lovavanyo kuzo zonke izifundo; kunye
  5. nokuba abe ngongakhange aphumelele ubuncinane bezifundo ezithathu.
5. Iinqununu maziqinisekise ukuba abazali babafundi abachaphazelekayo kuthetha-thethwana nabo malunga nesigqibo ngoviwo i-MEO ekhethwayo.

6. Nje ukuba abafundi abenza isigqibo sokukhetha uviwo i-MEO bakhethwe sisikolo, inqununu eso masizalise ngokulandela la manyathelo alandelayo kwiCEMIS ukwenzela ukuba zibhalise abafundi abaya kube bebhala i-NSC ithuba elingaphezulu konyaka:

  1. Loga kwiCEMIS.
  2. Iya kwimenyu yokukhetha i-"EXAMS/ASSESSMENTS" – "MEO/Progressed".
  3. Ukujonga uluhlu lwabafundi bakho abadlulela kwelinye ibakala: Khetha iqhosha elimalunga ne-"progressed learners" ("abafundi abadluliselwe kwelinye ibakala"). Kuya kuxhonywa kwindawo ebonakala kuwonkewonke iinkcukacha zabo bonke abafundi ababedluliselwe kwiBakala 11 ukuya kwiBakala 12. Printa uluhlu olo uze utshekishe ukuba luchanekile na.
  4. Ukuba umfundi odluliselwe kwelinye ibakala akafakwanga kuluhlu lwe-"progressed learners" ("lwabafundi abadluliselwe kwelinye ibakala"), imeko yomfundi yokupasa/ukudlulela kwelinye ibakala mayibhalwe kwakhona phambi kokuba umfundi abe nokuqatshelelwa ukuba akhethe uviwo i-MEO.
  5. Ukubhala ngokutsha ingcaciso ngabafundi: Khetha iqhosha u-"non-progressed learners" ("abafundi abangadluliselwanga kwibakala elilandelayo"). Kuya kuxhonywa uluhlu lwabo bonke abafundi bakho beBakala 12 abapasileyo. Tikisha ukukhetha ukuba zeziphi iinkcukacha ekufuneka zihlaziywe ngokutsha yaye ukhethe iinkcukacha ezintsha [udlulele phambili ngenxa yeminyaka yobudala ekwesi sigaba] kwi-drop down menu. Khetha iqhosha u-"Update" ukufaka iinkcukacha ezintsha zoluhlu lwabafundi bakho abadluliselwe kwelinye ibakala. Ngenisa bonke ubungqina kuMququzeleli woVavanyo ukuxhasa le nkqubo yokuhlaziywa ngokutsha kwale ngcaciso.
  6. Ukubhalisa abafundi abadluliselwa kwelinye ibakala abakhetha uviwo i-MEO. Khetha iqhosha u-"MEO candidates". Kuya kuxhonywa kwindawo kawonkewonke iinkcukacha zabo bonke abafundi abadluliselwe kwelinye ibakala. Tikisha ukukhetha loo mfundi ukhetha ukubhala uviwo i-MEO yaye utshintshe ubume bengcaciso yoviwo i-MEO ibe ngu-"YES". Khetha iqhosha u-"Update" ukuseyiva utshintsho olwenziweyo.
  7. Nje ukuba bonke abaviwa be-MEO babhalwe noluhlu luthi kanti selufakwe ingcaciso entsha, printa ikopi yoluhlu lokungqinisisa nokusayinela ikopi engamaphepha (hardcopy).
7. Makuthunyelwe ikopi esayiniweyo yoluhlu lwabaviwa be-MEO, eprintwa kwiCEMIS, kuMququzeleli woVavanyo weSithili engadlulanga u-15:00 ngoLwesihlanu, we-14 Oktobha 2016.

8. Abafundi ababhaliswe ngokungachanekile njengabaviwa beMEO abasayi kulinikwa ithuba lokuba babhale kuviwo lukaJuni 2017.

9. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane inqununu, bonke ootitshala beBakala 12, abafundi kunye nabazali esikolweni okuso ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:09:26