1. Intshayelelo
1.1 Ngexesha ISebe leMfundo esisiSeko (DBE) kunye neSebe leMfundo laseNtshona Koloni(WCED) lihambele izikolo ngenyanga kaJulayi 2015 ngohlola okokuba IZikolo zika Rhulumente nezizimeleyo zilungile na kunye nokubalwa kweeSefu/amagumbi anqatyisiweyo eZikolo zika Rhulumente kunye nezizimeleyo,Kuye kwafumaniseka okokuba iZikolo ezininzi azinawo umthetho malunga nokusetyenziswa kweeSefu/amagumbi anqatyisiweyo kunye nezitshixo zawo ngexesha bebhexesha iiMviwo zikaNSC 2016.
1.2 Ngo Okthobha/Novemba 2016 iiMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke(NSC),zonke IZikolo zikaRhulumente kunye nezizimeleyo kunyanzeleke okokuba zibenalo igumbi elinqatyisiweyo/isefu, kwaye zibenawo nomthetho wokugcina izitshixo zesefu/zegumbi elinqatyisiweyo ukuqinisekisa okokuba iimviwo zeNSC azinakuphazamiseka.
1.3 Iinqununu okanye abaphathi bamaZiko mabaqinisekise okokuba iisefu/amagumbi anqatyisiweyo wabo acociwe,kwaze kwakhutshelwa ngaphandle zonke iincwadi zokufunda,izixhobo zokubhala nayo yonke enye impahla enokuthi iphazamisane neeMviwo zeNSC. Zizixhobo eziphathelene neeMviwo zika Okthobha/Novemba 2016 ze Satifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) kunye nezika AET L4 kuphela ezivumelekileyo eSefini/kwigumbi elinqatyisiweyo ngethuba leeMviwo.
1.4 Izikolo ziyacetyiswa ngokuthe kratya ukuba zikhe zizame ukuba neAlamu ezakuqhagamshelana nenkampani yooMantshingilani ezababeka esweni iiyure ezi 24,ukuba azikabinayo le Alamu.

2. Imigaqo kunye neMigangatho yokungena kwi Sefu yesikolo kunye nokuphathwa kwezitshixo zeSefu
2.1 Ukungena kwiSefu yesikolo
2.1.1 Akukho namnye umntu ovumelekileyo ukuvula iSefu/igumbi elinqatyisiweyo eyedwa ngethuba kufakwe amaphepha emibuzo kuyo. Oku kuthetha ukuba Unobhala wesikolo akakwazi ukuba nemvume yokungena kwisefu/kwingumbi elinqatyisiweyo nangawuphi na umzuzu ehamba yedwa ngethuba leemviwo.
2.1.2 Ngethuba lokugcinwa kweeNcwadi zemibuzo ,yinqununu okanye umphathi-ziko kunye noMphathi oyintloko wabaviwa abanako ukuvula iSefu/igumbi elinqqatyisiweyo xana bedinene ngethuba lokukhutshwa kweecwadi zemibuzo,ngosuku oluchanekileyo loviwo.
2.1.3 Ngomhla woviwo ,xa kusele iyure enye phambi kokuqala koviwo,Inqununu okanye umphathi weziko,umphathi wabaviwa oyintloko kunye notitshala wesifundo oyintloko bazakuwakhupha amaphepha emibuzo esefini/kwigumbi elinqatyisiweyo.
2.1.4 Ukuvulwa kweSefu/kwegumbi elinqatyisiweyo kufuneka kujongiwe kwaye kulawulwe ngamaxesha onke.
2.1.5 kufuneka kubekho iRejista yeSefu yawo wonke amagosa angena kwi Sefu/gumbi elinqatyisweyo,kufuneka batyikitye ukungena kwabo kunye nokuphuma kwabo baxele nesizathu sokungena/ sokuvula isefu.
2.1.6 Kanye xa umsebenzi ebesenziwa ugqitywa,amagosa kufuneka ayitshixe isefu ngokuKhawuleza.
2.1.7 Indlela ezimbini zokutshixa kwe sefu ziyakhuthazwa ukwenzela ukuba kungakwazeki ukuba igosa elinye libenethuba lokuvula isefu lilodwa.Apho iindlela ezimbini zokutshixa zingakwazeki ,enye indlela yokugcina izitshixo zesefu mayizanywe ukwenzela ukuba kungabikho nalinye igosa elizokungena/lizovula isefu lihamba lodwa .Oku kukwathetha ukuba inqununu/umphathi- ziko akanalo ilungelo lokungena esefini/kwigumbi elinqatyisiweyo ehamba yedwa.
2.2 Ukuphathwa kwezitshixo zesefu
2.2.1 Inqununu yesikolo okanye umlawuli-ziko nguye kuphela qwaba onoxanduva lokugcina ngokukhuselekileyo izitshixo zesefu/zegumbi elinqatyisiweyo.
2.2.2 Inqununu okanye umphathi-ziko makatyumbe elinye igosa elizoncedisana naye kwimeko zoba inqununu okanye umphathi-ziko engephangelanga okanye ephangele kude kunegumbi lakhe lokusebenzela.
2.2.3 Zonke iisefu/amagumbi anqatyisiweyo kufuneka abenayo iseti yesitshixo yesibini.Le seti yesi sitshixo yesibini kufuneka igcinwe ngumphathi wekomiti yesekethi okanye ngumphathi weIMG kwi-ofisi yesithili semfundo.

Iinkcukhacha zomntu onoxanduva lokugcina iseti yesibini yesitshixo mazithunyelwe e-WCED ngomhla we 30 Septemba 2016 ku:

Mnu Clive Berry
Nombolo yefekisi: 021-461 5637 okanye 086 660 1965
I-imeyile: Clive.Berry@westerncape.gov.za

2.2.4 Iseti yesibini yesitshixo sesefu/segumbi elinqatyisiweyo mayingagcinwa kumaZiko abucala/angaphandle.
2.2.5 Ukuhlolwa kwezitshixo kuzokwenziwa rhoqo ligosa lesithili ukuqinisekisa ukuba zonke izitshixo ziphethwe ngendlela ekhuselekileyo.
2.3 Imigaqo emayilandelwe ukuba isitshixo sesefu siye salahleka
2.3.1 Le migaqo ilandelayo mayilandelwe ngokuthe ngqo ngesiganeko soba kulahleke isitshixo sesefu/segumbi elinqatyisiweyo ngethuba leemviwo:

  • Xela isitshixo esilahlekileyo ngokukhawulaza kuMququzeli weSithili nakwandlunkulu wazise umnu Clive Berry kulenombolo 021-467 2265
  • Yazisa kwangoko isikhululo samaPolisa ase Mzantsi Afrika ufumane inombolo iMAS
  • Iseti yesibini yesitshixo sesefu/segumbi elinqatyisiweyo mayilandwe kwangoko kwi ofisi yesithili ukuze kuzovulwa isefu/igumbi elinqatyisiweyo
  • Qhagamshelana nomniki nkonzo waloomveliso yalo sefu/gumbi elinqatyisiweyo okanye umntu osikisa izitshixo okufutshane ukuba anetshintshele indawo yokutshixa(replace lock meganism).Iiseti zesitshixo ezimbini ezintsha mazinikezelwe esikolweni kuze kulandelwe umgaqo ofanelekileyo wokugcinwa kwezitshixo
  • Nikezela enye iseti yezitshixo ezintsha zeSefu/zegumbi elinqatyisiweyo kwi ofisi yesithili


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:09:02