1. I-National Policy on the Conduct, Administration and Management of the National Senior Certificate ngumgaqo-nkqubo ofuna ukuba amaSebe eMfundo amaPhondo makaqinisekise ukuba bonke abagadi babaviwa baqeqeshwa ngokufanelekileyo ukuba baqhube iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC), ezeSatifikethi seMatriki (SC) neze-AET ngokomgaqo-nkqubo okhoyo njengangoku.
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) liya kuqalisa iprogram yoqeqesho yephondo eya kwenziwa kwiphondo liphela ukususela kwi-18 Agasti 2016 ukuya kwi-22 Septemba 2016 ukuqinisekisa ukuba zonke iinqununu/abaphathi bamaziko, abagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa abaneqhuzu bawo onke amaziko okubhalela iimviwo bafumana uqeqesho olufanelekileyo; ngokungakumbi ekusetyenzisweni kweenkqubo zeemviwo ezintsha eziqaliswe ngenjongo yokuphucula ukhuseleko nentembeko yenkqubo yeemviwo.
3. Ukulungiselela u-2016, kunyanzelekile ukuba inqununu/umphathi weziko (umgadi wabaviwa oyintloko), amalungu amabini ekomiti yolawulo lwesikolo (school management team (SMT)), umgadi wabaviwa oneqhuzu kunye namagosa esithili athatha inxaxheba ekuqhubeni, ekulawuleni nasekuphatheni iimviwo zeNSC, eze-SC neze-AET Level 4, baye kwiseshoni yoqeqesho.
4. Iinqununu/abaphathi bamaziko kunye neeSMT zabo baya kunikwa izinto zokuqhuba uqeqesho (training material) kwaye kuya kufuneka badlulisele uqeqesho nengcaciso abayifumeneyo kwabanye kuze kwabelwana ngayo kwiiseshoni zoqeqesho zephondo nabanye abagadi babaviwa.
5. Ukuqaliswa kweenkqubo zeemviwo ezintsha zokuhanjiswa kwamaphepha emibuzo oviwo lweNSC nokulawulwa kweencwadi zeempendulo zoviwo kwenza uqeqesho lube lolunyanzelekileyo kuwo onke amaqela achaphazelekayo ukwenzela ukuqinisekisa ukuba kubekho utshintsho olungenazimpazamo xa kutshintshelwa kwinkqubo entsha.
6. Nangona uqeqesho lwalunyanzelekile ngo-2014 nango-2015, kwaqatshelwa yaye kwenziwa ingxelo ngeqela lezenzo zolwaphulo-mthetho, ezokuziphatha ngendlela engeyiyo nezokunganyiseki kwiimviwo zeNSC zango-2015. Oku kukhankanywe apha ngentla kubonisa ngokucacileyo imfuneko yokuqeqeshwa kwabagadi babaviwa neenqununu ukulungiselela iimviwo zeNCS zango-2016, iimviwo zokuXabangela zeNCS zango-2017 (ngoFebhuwari/Matshi 2017) neemviwo zeSC neze-AET Level 4 zangoJuni ngo-2017.
7. Okuqhotyoshelwe apha njengesiHlomelo A nokuthunyelelwayo yishedyuli ebonisa imihla yoqeqesho, amaxesha neendawo zoqeqesho kwisekethe nakwisithili ngasinye. Igosa lesithili, njengoko kubonisiwe kwishedyuli yoqeqesho, liya kuququzelela amalungiselelo okuqhutywa koqeqesho.
8. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.
9. Ukukuqonda kwenu ukubaluleka kolu qeqesho kwakunye nentsebenziswano yenu kuya kuthakazelelwa kakhulu.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:08:05

"IsiHlomelo A"  (ubukhulu: 63 KB)