1. Le ngcaciso imfutshane mayifundwe kunye ne-National Policy pertaining to the Conduct, Administration and Management of the National Senior Certificate Examination, eyayipapashwe njengeZaziso zikaRhulumente 372 no-373 kwiGazethi kaRhulumente, iVolyum 587 No 37652, yowe-16 Meyi 2014, i-Curriculum Assessment Policy Statements and the Regulations pertaining to the Programme and Promotion Requirements of the National Curriculum Statement.

2. Iimakhishithi zeSchool-Based Assessment (SBA), ze-Practical Assessment Tasks (PAT) neze-Language Oral
2.1 Iimakhishithi eziveliswe ngekhompyutha ze-SBA, ze-PAT nezeemvavanyo ze-Language Oral ziya kusiwa ezikolweni phakathi kwinyanga kaSeptemba 2016. Ezi makhishithi zezi zifundo zilandelayo azisayi kuthunyelwa zikolweni koko ziya kusiwa ngqo kuBacwangcisi bezeKharityhulam aBakhulu kwaNdlunkulu:

Dance studies Design Dramatic Arts
Electrical Technology Mechanical Technology Music
Trinity Music Unisa Music Visual Arts
2.2 Zisakuba zifunyenwe iimakhishithi, iinqununu maziqinisekise ukuba zizifumene zonke iimakhishithi zezifundo ezifunekayo zezikolo zazo, ekubhalwe kuzo abaviwa besifundo ngasinye, zifunyenwe.
2.3 Kucelwa uqaphele ukuba unikwa ikopi enye kuphela yemakhishithi nganye ukuba izaliswe. Kubaluleke kakhulu ke ngoko ukuba izikolo nabacebisi ngezifundo mabenze iikopi zeemakhishithi emva kokumodareyithwa kwazo yaye bazigcine ezikolweni nakwizithili ukulungiselela iinjongo zeerekhodi.
2.4 Izikolo maziqinisekise ukuba iimakhishithi zizalisiwe yaye ziya kufumaneka xa zifunwa ngabacebisi ngezifundo ngosuku lokumodareyitha. Ootitshala bezifundo mabazalise kuphela amanqaku angekamodareyithwa kwikholam ebhalwe "Mark".
2.5 Kuphela kusemva kokumodareyithwa kokugqibela kwesifundo ngasinye, apho kuya kukhutshelwa ngokuchanekileyo amanqaku amodareyithiweyo ngumcebisi ngezifundo kwikholam ebhalwe "Mod" kwiimakhishithi ze-SBA.
2.6 Ukuba isikolo sifumana kuphela iimakhishithi eziveliswe ngekhompyutha emva kokumodareyithwa kwazo, makwenziwe amalungiselelo afunekayo okuzaliswa nokusayinwa kweemakhishithi ngabacebisi ngezifundo.

3. Ukwabiwa kwamanqaku e-SBA, e-PAT nawe-Language Oral
3.1 Kufuneka abelwe amanqaku umviwa ngamnye onombolo yakhe yoviwo ivelayo kwimakhishithi.
3.2 Oku makwenziwe nakubaviwa:

  • ababegxothiwe okanye ababenqunyanyiswe okwethutyana esikolweni;
  • abenze izicelo zokutshintsha iziko lokubhalela uviwo;
  • ababengekho esikolweni ithuba elide apha enyakeni;
  • ababengekho ngosuku lokumodareyitha;
  • ababhalisele isifundo kwesinye isikolo okanye kwelinye iziko, umz. iziko lobugcisa (art centre); okanye
  • ababhaliswe njengabaviwa abaphindayo/abangesosigxina.
4. Amanqaku angafakwanga (aBaviwa ababengekho nabo bangenawo amanqaku e-SBA, e-PAT nawe-Language Oral)
4.1 Ukuba umfundi akayenzanga ikhomponenti okanye iikhomponenti ze-SBA, ze-PAT neze-Language Oral apha enyakeni, makunikwe izizathu ezibambekayo (valid reasons), umfundi makanikwe elinye ithuba lokuvavanywa kwimisebenzi ayinikiweyo okanye, umfundi makathi, kwiiveki ezintathu phambi kokuqala kweemviwo zokuphela konyaka zokugqibela (ungadlulanga owe-03 Oktobha 2016) zebakala elichaphazelekayo, angenise umsebenzi obungafakwanga. Apho kungenakwenzeka oku, amanqaku alo khomponethi ye-SBA, ye-PAT, neye-Language Oral makangathathelwa ngqalelo aze awona manqaku maninzi, kule meko, abalwe kwakhona kususelwa kwinani eliseleyo lemisebenzi (makujongwe kwiTheyibhile 1).

ITheyibhile 1: Isizathu esibambekayo (Iikhomponenti ze-SBA, ze-PAT neze-Language Oral yesifundo namanqaku omfundi):

  Ikhompo-nenti 1 Ikhompo-nenti 2 Ikhompo-nenti 3 Ikhompo-nenti 4 Ikhompo-nenti 5 Ikhompo-nenti 6 Ikhompo-nenti 7
Aman-qaku aphe-zulu 5 5 30 20 40 40 40
Umfundi 4 Ayenziwa-nga (Kunikwe isizathu esibambe-kayo) 16 Ayenziwa-nga (Kunikwe isizathu esibambe-kayo) 20 15 12

Amanqaku e-SBA = (4+16+20+15+12)/(5+30+40+40+40)
= 67/155
= 43%
4.1.1 "Isizathu esibambekayo" kule meko sibandakanya okulandelayo:

  1. ukugula, okuhamba nephepha likagqirha elisemthethweni, elikhutshwa ngugqirha obhalisiweyo;
  2. izizathu zeemeko zokuba sikho, ezinjengokufa komntu wosapho okufutshane, oko kuxhaswa sisiqinisekiso salowo uswelekileyo;
  3. ukuvela komfundi kwinkundla yezomthetho, ekufuneka ukuba kuxhaswe ngobungqina obubhaliweyo; okanye
  4. naso nasiphi na esinye isizathu esinokwamkelwa njengesisemthethweni yintloko yebhunga elijongene novavanyo okanye lowo ungummeli wakhe.
4.1.2 Ubungqina bezo zizathu zivakalayo mabufakwe kubungqina benkqubo ebhaliweyo yomfundi ngethuba leseshoni yokumodareyitha.

4.2 Ukuba umfundi akaphumeleli ukwenza ikhomponenti okanye iikhomponenti ze-SBA, ze-PAT neze-Language Oral, kungekho sizathu sibambekayo, umfundi uya kunikwa kude kuyokuba ziiveki ezintathu phambi kokuqaliswa koviwo lokugqibela lokuphela konyaka (kude kuyokuba nge-03 Oktobha 2016) ukungenisa umsebenzi obungekangeniswa. Ukuba oku akunako ukwenzeka, umfundi makanikwe amanqaku anguziro ("0") ngaloo khomponenti okanye ngezo khomponenti ze-SBA, ze-PAT neze-Language Oral. Ngokwakule meko, amanqaku angawona aphezulu makabalwe njengoko kubhaliweyo apha ngezantsi (makufundwe iTheyibhile 2).

ITheyibhile 2: Akukho sizathu sibambekayo sinikiweyo (iikhomponenti zesifundo ze-SBA, ze-PAT ne-Language Oral namanqaku omfundi):

  Ikhompo-nenti 1 Ikhompo-nenti 2 Ikhompo-nenti 3 Ikhompo-nenti 4 Ikhompo-nenti 5 Ikhompo-nenti 6 Ikhompo-nenti 7
Aman-qaku aphe-zulu 5 5 30 20 40 40 40
Umfundi 4 Ayenziwa-nga (akukho sizathu sibambe-kayo sinikiweyo) 16 Ayenziwa-nga (akukho sizathu sibambe-kayo sinikiweyo) 20 15 12

Amanqaku e-SBA = 4+0+16+0+20+15+12)/(5+5+30+20+40+40+40)
= 67/180
= 37%
4.3 Ukuba onke amacandelo anikwa amanqaku anguziro ("0") umfundi uya kufumana amanqaku angaphelelanga, kwaye kufuneka arekhodwe njengongekhoyo.
4.4 Makugxininiswe le mizekelo (scenarios) ilandelayo malunga nokuzaliswa kweemakhishithi (isiHlomelo A):
4.4.1 Apho umviwa angakhange ayigqibe nayiphi na imisebenzi, kodwa kube kunikwe isizathu esibambekayo, faka u-"999" kwimakhishithi. Makunikwe ubungqina besizathu esibambekayo (bezizathu ezibambekayo) kubacebisi ngezifundo ngethuba leseshoni yokumodareyitha buze buthunyelwe kwiCandelo loLawulo lweeMviwo.

Okuthethwa ngu-"999":

  • Umviwa uya kufumana iziphumo ezingaphelelanga (incomplete result) nkqu nokuba amanye amaphepha oviwo abhaliwe.
  • Umviwa uya kunikwa iinyanga ezintathu zekhalenda emva kokukhutshwa kweziphumo ukuba bangenise amanqaku e-SBA kunye/okanye i-PAT nawe-Language Oral. Ezi ziphumo mazingeniswe ngabacebisi ngezifundo kwiCandelo loLawulo lweeMviwo ungadlulanga owe-31 Matshi 2017. Ukungaphumeleli ukungenisa amanqaku e-SBA, e-PAT naweLanguage Oral, kwiinyanga ezintathu emva kokukhutshwa kweziphumo, kuya kubangela ukuba umviwa asiphinde isifundo siphela.
4.4.2 Apho umviwa angakhange awagqibe amanqaku e-SBA, e-PAT nawe-Language Oral yaye kungekho sizathu sivakalayo sinikiweyo, faka u-"444" kwimakhishithi. Umviwa ololu hlobo uya kufumana iziphumo ezingaphelelanga (incomplete result) yaye kufuneka asiphinde isifundo sonke kubandakanywa ne-SBA, ne-PAT ne-Language Oral kwiimviwo ezilandelayo. Lo mviwa akavumelekanga ukuba angazibhala iimviwo zokuxabangela ngoFebruwari/Matshi 2017.
4.4.3 Lonke utshintsho olwenziweyo kwizifundo lungavunywanga ngokusemthethweni luya kuthathwa njengokutenxa (irregularities). Faka u-"888" kwikholam yamanqaku ("Mark" column), uze ungenise nezizathu kunye nobungqina (beripoti yesikolo yeBakala 11 okanye yeBakala 12 yeKota 1) ehamba kunye nefom yesiHlomelo B ezalisiweyo. Isigqibo siya kuthathwa yiNtloko yeSebe leMfundo malunga neziphumo zomfundi. Utshintsho kwizifundo alusayi kuvumeleka.

5. Abafundi abanezithintelo zokuthetha kunye/okanye zokuva

Abaviwa abanezithintelo zokuthetha kunye/okanye zokuva (candidates with speech and/or hearing barriers) kufuneka, endaweni yamanqaku e-orali, bafumane amanqaku ngokomlinganiselo (pro rata) osusela kumanqaku abawafumeneyo kumsebenzi wabo obhalwayo weemviwo zikaJuni nezikaSeptemba zango-2016.


6. Umsebenzi oluxanduva lweenqununu ngokumalunga nokuzaliswa kweemakhishithi

Iinqununu maziqinisekise ukuba bonke abaviwa ababhala uviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke kwizikolo zabo bawanikiwe amanqaku afunekayo e-SBA, e-PAT, nawe-Language Oral. Iinqununu maziyisayine imakhishithi emva kokuba izaliswe ngutitshala, ukuqinisekisa ukuba kuhanjelwana mbo nomyalelo okule ngcaciso imfutshane.


7. Umsebenzi oluxanduva lwabacebisi bezifundo ngokumalunga nokumodareyithwa kweemakhishithi

Abacebisi ngezifundo bathatha umsebenzi oluxanduva ngokupheleleyo wokujongana nenkqubo yokumodareyithwa kweekhomponenti ze-SBA, ze-PAT neze-Language Oral kwakunye nokuqinisekisa ukuba kuhanjelwana mbo nemigaqo emalunga nokumodareyithwa, ukuzaliswa kweemakhishithi namanqaku angafakwanga.


8. Umhla wokubuyiswa kweemakhishithi

Abaququzeleli bovavanyo mabaqinisekise ukuba iimakhishithi ezizaliswe ngokupheleleyo zifika kwiCandelo loLawulo lweeMviwo ungadlulanga owe-28 Oktobha 2016.


9. Amanqaku angafakwanga (Outstanding) e-SBA, e-PAT nawe-Language Oral

Kucelwa iinqununu ukuba zingathumeli abaviwa abangenawo amanqaku e-SBA, e-PAT nawe-Language Oral ngqo kwiSebe leMfundo leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) emva kokukhutshwa kweziphumo. Inkqubo echanekileyo yokuqhagamshelana neWCED malunga namanqaku angafakwanga e-SBA, e-PAT nawe-Language Oral kukuqala kumcebisi ngezifundo kwi-ofisi yesithili echaphazelekayo.


10. Kucelwa iinqununu zinike le kopi yale ngcaciso imfutshane aBaququzeleli kunye nootitshala beBakala 12 ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:08:01

"Government Gazette No 37652f"  (ubukhulu: 221 KB)
IsiHlomelo A: "SBA mark sheet"  (ubukhulu: 40 KB)
IsiHlomelo B  (ubukhulu: 51 KB)