1. |
Ngokwemimiselo i-Regulations Pertaining to the Conduct, Administration and Management of Assessment for the National Senior Certificate examination, eyapapashwa kwiGazethi kaRhulumente No. 37651 ye-16 Meyi 2014, amasebe emfundo amaphondo makatyumbe iinqununu nabaphathi bamaziko njengabagadi babaviwa abaziintloko beemviwo zeNSC nezeSatifikethi seMatriki (SC) nakwiimviwo ze-Adult Education and Training (AET) Level 4. |
2. |
Iinqununu nabaphathi bamaziko banokuwudlulisela lo msebenzi, ngencwadi ebhaliweyo, kwilungu leKomiti yoLawulo yeSikolo (School Management Team (SMT)). Nakuba kunjalo, inqununu/umphathi weziko uya kwamkela uxanduva ngokupheleleyo lokuphendula ngokubhalwa kwazo zonke iimviwo. |
3. |
Kuviwo lweNSC lwangoNovemba 2016, umgadi wabaviwa oneqhuzu (senior invigilator), ekufuneka abe ungumntu wasekuhlaleni, kulindeleke ukuba ancedise umgadi wabaviwa oyintloko ekulawulweni nasekubhalweni kweemviwo. Akuvumelekile, phantsi kwazo naziphi na iimeko ukuba umgadi wabaviwa oneqhuzu athathe uxanduva ngokupheleleyo lwayo yonke imisebenzi yezolawulo enxulumene noviwo lweNSC lwangoNovemba 2016. |
4. |
Umgadi wabaviwa oneqhuzu uya kusebenza njengomgadi wabaviwa oyintloko kwiimviwo zokuxabangela zeNSC zangoMatshi 2017. |
5. |
Kucelwa iinqununu zezikolo nabaphathi bamaziko emfundo yabadala ukuba bagaye abantu abafanelekileyo basekuhlaleni abaya kusebenza njengabagadi babaviwa abaneqhuzu kwanabagadi babaviwa bezi mviwo zikhankanywe ngentla. |
6. |
Inqununu/umphathi weziko okanye lowo kudluliselwe kuye amagunya makaqinisekise ukuba kuzaliswa onke la maxwebhu aqhotyoshelwe kule ngcaciso imfutshane:
ISIHLOMELO A – Ukutyunjwa koMgadi waBaviwa oyiNtloko ISIHLOMELO B – Ukutyunjwa koMgadi waBaviwa oneQhuzu ISIHLOMELO C – Ukuqeshwa kwaBagadi baBaviwa ISIHLOMELO D – I-BAS Entity Maintenance ISIHLOMELO E – I-Contract of Temporary Employment for Community Members
|
7. |
Iikhrayitheriya zokuqeshwa kwabagadi babaviwa |
7.1 |
Phantsi kweemeko zesiqhelo, makunganikwa ngqwalaselo yokuqesha umntu njengomgadi wabaviwa oyintloko, umgadi wabaviwa oneqhuzu okanye umgadi wabaviwa ukuba: |
7.1.1 |
Ungaphantsi kwe-25 okanye ungaphaya kwe-65 yeminyaka ubudala; |
7.1.2 |
Sisizalwane somfundi obhala iimviwo; |
7.1.3 |
Ngumyeni okanye inkosikazi yesizalwane somgadi wabaviwa oyintloko. |
7.2 |
Ukongezelela kumgadi wabaviwa oyintloko, makuqeshwe umgadi wabaviwa abe mnye kwi-30 nganye yabaviwa okanye inxenye yabo okanye ngomgadi wabaviwa kwigumbi ngalinye ekufakwe kulo abaviwa, ukuba ngaba onke amagumbi asetyenziswe ngokomthamo wawo opheleleyo phantsi kokuba kusetyenziswe elinye igumbi.
Umzekelo: |
1-30 yabaviwa: 31-60 yabaviwa: |
1 umgadi wabaviwa 2 abagadi babaviwa |
|
7.3 |
Kwiiseshoni apho kukho kuphela inani elincinane labaviwa (ababini ilelona nani lisezantsi), ziya kwanela iinkonzo zomgadi wabaviwa omnye. Kwimeko enjengale, umgadi wabaviwa oyintloko okanye oneqhuzu akasayi kwenza misebenzi yesiqhelo yokugada abaviwa, ngaphandle nje kokubambela umgadi wabaviwa xa kufuneka ekhaphe umviwa onikwe imvume yokuba aphume kwigumbi lokubhalela uviwo ngenxa yemfuno engxamisekileyo. |
7.4 |
Ukuba bonke abaviwa ngamadoda, umgadi wabaviwa oyintloko, abagadi babaviwa abaneqhuzu nabagadi babaviwa mababe ngamadoda. Ukuba bonke abaviwa ngamabhinqa, umgadi wabaviwa oyintloko, abagadi babaviwa abaneqhuzu nabagadi babaviwa mababe ngamabhinqa. Ukuba kukho abaviwa abangamadoda nabangamabhinqa yaye umgadi wabaviwa oyintloko ngumntu oyindoda, ubuncinane omnye wabagadi babaviwa makabe libhinqa, okanye, ukuba umgadi wabaviwa oyintloko libhinqa, ubuncinane omnye wabagadi babaviwa makabe ngoyindoda. |
7.5 |
Xa zifuneka iinkonzo zabagadi babaviwa abongezelelweyo ukulawula amagumbi okubhalela iimviwo amabini okanye nangaphezulu ngaxeshanye, umgadi wabaviwa oyintloko akasayi kwenza misebenzi yesiqhelo yokugada abaviwa, koko kuya kufuneka ukuba enze imisebenzi yomgadi wabaviwa oyintloko kuwo onke loo magumbi. |
8. |
Ukuqeshwa kwabagadi babaviwa |
8.1 |
Iimviwo zeNSC zangoNovemba 2016 neemviwo ze-AET Level 4 zangoNovemba 2016 |
8.1.1 |
Kwiiseshoni zeemviwo zeNSC, inqununu mayiqinisekise ukuba i-50% yabagadi babaviwa ngootitshala yaye i-50% ngabantu basekuhlaleni. |
8.1.2 |
Ootitshala abasebenza njengabagadi babaviwa akuyomfuneko ukuba bafakwe kwishedyuli epheleleyo yokugada abaviwa kwiseshoni nganye yeemviwo. |
8.1.3 |
Utitshala onomntwana obhala iimviwo zeNSC esikolweni apho utitshala aqeshwe khona, makangaqeshwa njengomgadi wabaviwa. |
8.1.4 |
Kunyanzelekile ukuba utitshala angabagadi abafundi ababhala isifundo asifundisayo esikolweni. |
8.1.5 |
Inqununu mayiqeshe ngencwadi ebhaliweyo bonke ootitshala abaya kuba besebenza njengabagadi babaviwa kwiimviwo zeNSC. Ilisti yabo bonke ootitshala nabantu basekuhlaleni abaqeshwe njengabagadi babaviwa mayingeniswe kwi-ofisi yesithili engadlulanga uLwesihlanu, we-29 Julayi 2016. |
8.2 |
Uviwo lokuxabangela lweNSC lwango-2017
Inqununu yesikolo mayiqeshe, ngencwadi ebhaliweyo, abantu basekuhlaleni abaya kuba besebenza njengabagadi babaviwa abaneqhuzu kunye nabagadi babaviwa ngethuba loviwo lokuxabangela lweNSC lwango-2017. Ilisti yabo bonke abantu basekuhlaleni abaqeshwe njengabagadi babaviwa kolu viwo mayingeniswe kwi-ofisi yesithili engadlulanga uLwesihlanu, we-10 Februwari 2017. |
8.3 |
Iimviwo zeSatifikethi seMatriki (SC) zangoJuni ukuya kuJulayi 2017 kunye neemviwo ze-AET Level 4 zangoJuni 2017 |
8.3.1 |
Inqununu/umphathi weziko okanye lowo kudluliselwe kuye amagunya uya kusebenza njengomgadi wabaviwa oyintloko yaye uya kusingatha kwaye alawule uviwo lweSatifikethi seMatriki (SC) lwangoJuni 2017. |
8.3.2 |
Inqununu yesikolo/umphathi weziko makaqeshe, ngencwadi ebhaliweyo, abantu basekuhlaleni abaya kuba besebenza njengabagadi babaviwa abaneqhuzu kunye nabagadi babaviwa ngethuba loviwo lweSatifikethi seMatriki (SC) lwangoJuni ukuya kuJulayi 2017 nakwiimviwo ze-AET Level 4. Ilisti yabo bonke abantu basekuhlaleni abaqeshwe njengabagadi babaviwa kwezi mviwo mayingeniswe kwi-ofisi yesithili engadlulanga uLwesithathu, we-29 Matshi 2017. |
9. |
Imisebenzi yabagadi babaviwa abaziintloko, abagadi babaviwa abaneqhuzu kunye nabagadi babaviwa |
9.1 |
Imisebenzi yabagadi babaviwa abaziintloko, abagadi babaviwa abaneqhuzu nabagadi babaviwa ivela kwi-Examination Procedure Manual. |
9.2 |
Abagadi babaviwa mabangabancedisi abaviwa kuyo nayiphi na imisebenzi etenxileyo (irregular activities) ngethuba lokubhalwa koviwo. IWCED ayisayi kuthandabuza ukubeka izityholo zolwaphulo-mthetho kuloo mgadi wabaviwa ufunyenwe enetyala lokubandakanyeka kwisitenxo (irregularity). |
9.3 |
Abagadi babaviwa abaziintloko, abagadi babaviwa abaneqhuzu nabagadi babaviwa mabaphathe izazisi zabo, irekhodi yezifundo zakutshanje abazipasileyo (ubuncinane iBakala 12) neemvumelwano zengqesho ngalo lonke ithuba lokubhalwa kweemviwo. |
9.4 |
Iinqununu zezikolo mazenze ithayimthebhile yokugada abaviwa ize ingeniswe kumphathi wesekethe ochaphazelekayo nje ukuba igqitywe ukwenziwa inkqubo yokuqeshwa kwabagadi babaviwa. Ithayimthebhile yokugada abaviwa mayibandakanye abagadi babaviwa nabagadi babaviwa ababambeleyo kwiseshoni yoviwo nganye. |
10. |
Ukuqeqeshwa kwabagadi babaviwa beemviwo zeNSC, eze-SC neze-AET Level 4 |
10.1 |
Uqeqesho lweenqununu, abagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa abaneqhuzu luya kuqhutywa ngoAgasti nangoSeptemba 2016 yaye lunyanzelekile. |
10.2 |
Abagadi babaviwa abaneqhuzu abahlala kumgama we-75 km ukusuka esikolweni okanye kwiziko apho uqeqesho luqhubekela khona, baya kuhlawulwa ngeseshoni enye kuphela eyongezelelweyo. |
10.3 |
Abagadi babaviwa abaneqhuzu abahlala kumgama ongaphezu kwe-75 km ukusuka kwindawo yoqeqesho baya kuhlawulwa ngeeseshoni ezimbini ezongezelelweyo. |
10.4 |
Inqununu yesikolo mayiqinisekise ukuba bonke ootitshala nabantu basekuhlaleni abafumana ukuqeshwa njengabadi babaviwa baqeqeshwe ngokupheleleyo ekuqhubeni imisebenzi yabo yokugada abaviwa. |
10.5 |
Uqeqesho lungasusela phezulu (cascaded) kwiinqununu nakubagadi babaviwa abaziintloko ukuya kubo bonke abagadi babaviwa abangekayi kwiseshoni yoqeqesho kwaNdlunkulu. |
10.6 |
Iirejista zabahamba uqeqesho mazizaliswe njengobungqina zibonise ixesha nendawo ekuqhutyelwa kuyo uqeqesho kwanamagama abagadi babaviwa ababekwiseshoni leyo. |
11. |
Ukutyunjwa nokuvunywa kwamagama abagadi babaviwa abaziintloko, abagadi babaviwa abaneqhuzu nabagadi babaviwa ukulungiselela zonke iimviwo |
11.1 |
IsiHlomelo A nesiHlomelo B mazizaliswe yinqununu okanye ngumphathi weziko. Umphathi wesekethe uya kunika ingcebiso (recommend) ngamagama abatyunjiweyo kwaNdlunkulu ukwenzela ukuvunywa kwawo. |
11.2 |
Amagama abagadi babaviwa abaziintloko nawabagadi babaviwa abaneqhuzu abatyunjiweyo, makahanjiswe neekopi ezingqinisisiweyo zesazisi somntu ngamnye otyunjiweyo, isivi eliphepha elinye namabanga emfundo akhe, amakabandakanye nesatifikethi seBakala 12 ubuncinane. |
11.3 |
Umphathi wesekethe makenze udliwano-ndlebe nalowo utyunjwe njengomgadi wabaviwa oyintloko okanye njengomgadi wabaviwa oneqhuzu. |
11.4 |
Umphathi wesekethe makaqiniseke ngobuchule bokufunda, ukubhala, ukuva nokubona kwakunye nemeko yempilo yomntu ngamnye otyunjiweyo. |
11.5 |
Abenzi-sicelo okanye abatyunjwa ababefake izicelo zokuqeshwa ngokusisigxina kwezinye iindawo kukhethwa ukuba mabangayifumani ingqwalaselo yakuqeshwa. |
11.6 |
Inqununu okanye umphathi wesekethe makangqine ukuba umtyunjwa (abatyunjwa) ukufanele ukwenza imisebenzi yokugada abaviwa. Emva koko, umphathi wesekethe makaxele ukuba ingaba angacebisa ukuba angaqwalaselelwa ukuqeshwa na lowo utyunjiweyo (abo batyunjiweyo). IsiHlomelo C emva koko masizaliswe size sisayinwe ngumgadi wabaviwa (ngabagadi babaviwa). |
11.7 |
Kuphela ngumntu ekuvunyiweyo ukuqeshwa kwakhe ngumphathi wesekethe/ nguNdlunkulu onokwenza imisebenzi njengomgadi wabaviwa. Akuvumelekanga naphantsi kwazo naziphi na iimeko ukuba abagadi babaviwa baqeshe abagadi babaviwa ababambeleyo nakweyiphi na inxenye yomsebenzi wabo.
Ukuba iimeko ziyamthintela umgadi wabaviwa oyintloko, umgadi wabaviwa oneqhuzu okanye umgadi wabaviwa ukuba asuphavayize uviwo, inqununu okanye umphathi weziko, ngokuthetha-thethana nomphathi wesekethe, makenze amalungiselelo okuqeshwa komgadi wabaviwa obambeleyo kwaye malaziswe ngoko nangoko iCandelo loLawulo lweeMviwo ngolo tshintsho. Abagadi babaviwa ababambeleyo nabo mabangenise ngokunjalo iinkcukacha zabo zeebhanki neenombolo zesalathisi zerhafu (tax reference number) kwifom yesiHlomelo D eqhotyoshelweyo. |
12. |
Imvumelwano yokwenziwa kwenkonzo
Bonke abagadi babaviwa abaziintloko, abagadi babaviwa abaneqhuzu nabagadi babaviwa, mabazilungiselele ukungena kwimvumelwano yokwenziwa kwenkonzo (service contract) neWCED emalunga nemisebenzi yabo ephathelele kwezeemviwo. Le mvumelwano iya kusebenza kwiimviwo zangoNovemba 2016, Matshi 2017, nezangoJuni ukuya kuJulayi 2017. |
13. |
Ukungeniswa kweefom zokutyumba |
13.1 |
Emva kokuzaliswa kweziHlomelo A, B, C, D no-E, umphathi wesekethe makazingenise zikwibhetshi enye kumagosa eCandelo loLawulo lweeMviwo achaphazelekayo akule listi ingezantsi:
|
13.2 |
Isishwankathelo semihla yokungeniswa kweefom zokutyumba abagadi babaviwa: |
13.2.1 |
Iimviwo zeNSC zangoNovemba 2016 neemviwo ze-AET Level 4 |
29 Julayi 2016 |
13.2.2 |
Uviwo lokuxabangela lweNSC lwangoMatshi 2017 |
10 Februwari 2017 |
13.2.3 |
Iimviwo zeSatifikethi seMatriki (SC) zangoJuni ukuya kuJulayi zango-2017 neemviwo ze-AET Level 4, zangoJuni 2017 |
29 Matshi 2017 |
14. |
Ukuhlawulwa kwabagadi babaviwa |
14.1 |
IWCED iya kuqesha ize ihlawule abagadi babaviwa abangabantu basekuhlaleni ngokungqinelana nemimiselo ye-Personnel Administration Measures (PAM). |
14.2 |
Izikolo ezizimeleyo, iikholeji neentolongo, luxanduva lwazo ukuhlawula abagadi babaviwa bazo. Nangona abagadi babaviwa bala maziko bengahlawulwa yiWCED, iinqununu zezikolo ezizimeleyo, iintloko zeekholeji nezeentolongo maziqaphele ukuba kunyanzelekile ukuzalisa iziHlomelo A, B, C no-E zize zizibuyisele eWCED. Abaphathi beesekethe mabadlane iindlebe nabagqatswa abafanelekileyo abaya kuqeshelwa ukwenza imisebenzi yabagadi babaviwa abaziintloko/yabagadi babaviwa abaneqhuzu/yabagadi babaviwa kwizikolo ezizimeleyo. |
14.3 |
Abasebenzi abangoomabhalana nootitshala abafumana umvuzo kwiWCED nabasebenza njengabagadi babaviwa, abayi kuhlawulwa yiWCED ngemisebenzi yabo abayenzileyo yokugada abaviwa. |
14.4 |
Ireyithi yentlawulo yokugada abaviwa ngoku (esengatshintsha) yi-R195,35 ngeseshoni kumgadi wabaviwa oneqhuzu ize ibe yi-R130,25 ngeseshoni kumgadi wabaviwa. |
14.5 |
Abagadi babaviwa abayi kuhlawulwa naphantsi kwazo naziphi na iimeko ngeendleko zeehambo. Iinqununu nabaphathi bamaziko, ngoko ke, mabaqeshe abagadi babaviwa abangabantu basekuhlaleni abafumana iinkonzo kweso sikolo okanye kwelo ziko. |
14.6 |
Imimiselo (IRP10) emalunga nokuhlawulwa kwerhafu yomqeshwa imisela ukuba yonke imivuzo yabantu abaqeshwe ngokungesosigxina mayitsalelwe irhafu ye-25%. IWCED iya kuthi, ngoko ke, itsale i-25% eyirhafu yezixa zentlawulo yabagadi babaviwa ngeenkonzo abazenzileyo. Ngoko ke, ukungeniswa komyalelo werhafu yabaqeshwa (tax directive) (IRP 3) akusasebenzi.
Abagadi babaviwa abafanele ukuxolelwa okanye ukuxolelwa ngokungephi kwintlawulo yerhafu yabaqeshwa, mabathi emva kokuba befumene izatifikethi ze-IRP 5 zabo (iinkcukacha zentlawulo yokutsalwa kwerhafu yomvuzo yiWCED, bazingenise kwi-ofisi yabo ye-Receiver of Revenue ekufutshane nabo, kwakunye nefom emiselweyo i-IT12 S form. Izatifikethi zerhafu ii-IRP 5 certificates, zidla ngokuposelwa kumakhaya abagadi babaviwa okanye kwiidilesi zeposi ngoJuni okanye ngoJulayi kunyaka olandela lowo bebengabagadi babaviwa ngawo. |
14.7 |
Ukwenzela ukuba kukhawuleziswe intlawulo yamabango abagadi babaviwa, kufuneka ukuba ngamnye umgadi wabaviwa oneqhuzu okanye umgadi wabaviwa abhale inombolo yesazisi (identity number) yakhe kwifom yokwamkela ukuqeshwa aze aqhoboshele ikopi yesazisi sakhe eqinisekisiweyo. IsiHlomelo D ekubhalwe kuso kwakhona inombolo yerhafu (tax reference number) masizaliswe ngabo bonke abagadi babaviwa abaneqhuzu nangabagadi babaviwa abangabantu basekuhlaleni. Le fom mayizaliswe ize ingqinwe njengechanekileyo kwaye i-akhawunti yebhanki mayingqinwe njengesebenzayo yibhanki echaphazelekayo. |
15. |
Kucelwa uqinisekise ukuba ikopi yale Ngcaciso iMfutshane yeCandelo loLawulo lweeMviwo inikwa inqununu okanye umphathi weziko, lowo kudluliselwe kuye amagunya, umgadi wabaviwa oneqhuzu kunye nomgadi wabaviwa ngamnye owongezelelweyo, ukuze bakunike ingqwalaselo okukule ngcaciso imfutshane. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:07:01
|
|