1. Amaziko okubhalela iimviwo karhulumente nazimeleyo amele ukuhlolwa ngamathuba athile yaye oko makwenziwe liSebe leMfundo leNtshona Koloni (ISebe iWCED), ukwenzela ukuba kube nokuqinisekiswa ukulungela kwawo ukubhalisa iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC).
2. Amagosa eSebe iWCED aya kuqhagamshelana nezikolo ukugqiba ngomhla nexesha lotyelelo. Amathuba otyelelo awayi kugqitha kwimizuzu eyi-45.
3. Amaziko aya kutyelelwa ukususela ngoJulayi 2016 ukuya kuSeptemba 2016.
4. Ziyacelwa iinqununu zisebenzisane namagosa ukwenzela ukuba la mathuba otyelelo abe mafutshane kodwa abe nentsingiselo.
5. Apha kuqhotyoshelwe ikopi yesixhobo esiya kusetyenziselwa ukuhlola amaziko okubhalela iimviwo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:06:23

"State of readiness of examination centres"  (ubukhulu: 72 KB)