1. Bonke abathathi-nxaxheba, kwaneenqununu zezikolo eziphakamileyo/eziziisekondari kwakunye nabaphathi bamaziko emfundo oluntu (community learning centres), mabancede baqaphele ukuba zonke izatifikethi ekungekafakwa mabango ngazo (unclaimed certificates) mazifumaneke kwakhona (retrieved) zibuyiselwe kwaNdlunkulu, emva kwethuba leenyanga ezilishumi elinesibini (12) zazifunyenwe ngamaziko. Izatifikethi zoviwo lwangoNovemba 2014 ezazikhutshwe ngo-2015 mazibuyiselwe kwaNdlunkulu ungadlulanga owe-30 Juni 2016. Le nkqubo mayiphinde yenziwe kwakhona ngonyaka ngamnye.


2. Izatifikethi ekungenziwanga mabango ngazo ziya kugcinwa ngokunqatyisiweyo kwaNdlunkulu isithuba seminyaka emithathu (3) ukulungiselela xa zinokuza kuthathwa ngumnini-satifikethi, emva koko ziya kuthi zitshatyalaliswe.

3. Abathathi-nxaxheba abachaphazelekayo kufuneka kwakhona bahambelane mbo nemimiselo, imigaqo-nkqubo kunye neMiyalelo ka-Umalusi (Umalusi Directives) malunga noku kulandelayo:

  1. Izatifikethi ekungenziwanga mabango ngazo (unclaimed certificates) mazithathwe kwiindawo ezilandwa kuzo kwisithuba sonyaka omnye (1) emva kokuba ziphumile.
  2. Izatifikethi mazithathwe njengezinexabiso kakhulu yaye zigcinwe ngokunqatyisiweyo ngawo onke amaxesha.
  3. Abanini-satifikethi mabaziswe xa izatifikethi zilungele ukuzokuthathwa yaye ukuziswa kwazo makwenziwe phantsi kweemeko ezikhuselekileyo.
4. Kucelwa izikolo ukuba zibuyisele izatifikethi ekungakhange kwenziwe mabango ngazo (unclaimed certificates) neziya kuqwalaselwa ngulo: Mr Zane Isaacs, Directorate: Examinations, 5th Floor, Room 502, Grand Central Building, Cape Town, 8001.

5. Fumana apha kuqhotyoshelwe isatifikethi sokungqina ukususwa nokubuyiselwa kwezatifikethi (clearance certificate), esiya kuzaliswa zizikolo ukungqina ukuba zonke izatifikethi zaloo minyaka ichaziweyo zisusiwe zaze zabuyiselwa kwaNdlunkulu.

6. Imibuzo emalunga nokubuyiselwa kwezatifikethi ekungakhange kwenziwa mabango (unclaimed certificates) ngazo mayibhekiswe kuMnu Z Isaacs kwifeksi 086 514 8044 okanye ku-021 461 5637.

7. Intsebenziswano yakho malunga noku iya kuthakazelelwa.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:06:07

ISATIFIKETHI SOKUNGQINISISA UKUSUSWA NOKUBUYISELWA KWEZATIFIKETHI  (ubukhulu: 59 KB)