1. Ngokomyalelo weSebe leMfundo esiSiseko (DBE), ingcaciso yabafundi bamaBakala 10 - 12 mayirekhodwe kwi-National Examination System..

2. Oku kuthetha ukuba ingcaciso engabafundi ekwiCEMIS iya kutsalwa (extracted) ize ikhutshelwe (transferred) kwi-National Examination System ukwenzela iinjongo zeemviwo. Onke amaphepha emibuzo namaxwebhu anxulumene neemviwo aya kuphakhejwa aze ahanjiswe kuzo zonke izikolo ngokwedatha yeCEMIS esayinelwa ziinqununu.

3. Izikolo zinethuba lokwenza izilungiso kwiinkcukacha zabafundi bazo (ngaphandle kwezilungiso zezifundo) kwiCEMIS. Ukusebenza kwesistim (functionality) kuvuliwe kwiCEMIS ukwenzela izikolo ukuba zenze ezi zilungiso.

4. Eli iya kuba lithuba lokugqibela lezikolo ukuba zenze naziphi izilungiso kwiinkcukacha zabafundi bazo bamaBakala 10 – 12 phambi kokuba idatha ikhutshelwe kwi-National Examination System.

5. Iinqununu mazingqinisise zize zisayinele iinkcukacha zobhaliso zabafundi bazo bamaBakala 12 kwiCEMIS engadlulanga uLwesihlanu we-06 Meyi 2016 kunye nezamaBakala 10 – 11 ungadlulanga uLwesihlanu, we-03 Juni 2016

6. Ukungqinisiswa kweenkcukacha zabafundi
6.1 Makutshekishwe upelo lwamagama apheleleyo neefani. Amagama makafane nalawo akuxwebhu lwesazisi somfundi (learner’s identity document).
6.1.1 Ukuba abaviwa batshintsha amagama neefani zabo kunyaka abenza ngawo iBakala 12, makuthunyelwe ikopi engqinisisiweyo yoxwebhu lwesazisi kwaNdlunkulu kwigosa elo lichaphazelekayo.
6.1.2 Ukuba abaviwa batshintsha amagama neefani zabo emva koviwo lweBakala 12 lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke umviwa makangenise ikopi engqinisisiweyo yoxwebhu lwesazisi ne-afidavithi echaza isizathu sokuba kutheni kutshintshwa nje.
6.2 Inombolo yesazisi (identity number) yomfundi licandelo elinyanzelekileyo (compulsory field) njengoko i-National Examination System ingabamkeliyo (rejects) abafundi abangenazo iinombolo zezazisi (identity numbers). Abafundi abangenazo iinombolo zezazisi abayi kusifumana iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke. Ngako oko, kubalulekile ukuba bonke abaviwa bafake izicelo zamaxwebhu ezazisi zabo kwiBakala 10.
6.3 Inombolo yeselula yomzali womfundi/yomgcini licandelo elinyanzelekileyo. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lisebenzisa iinkonzo ze-SMS ukunxibelelana nabafundi ngemiyalezo ebalulekileyo.
6.4 Abaviwa abangabantwana babemi bangaphandle kunye nabaviwa beemfuno zemfundo ezizodwa abakhetha ukubhalisela i-NSC e-endosiweyo mabachazwe ngolo hlobo kwiCEMIS.

7. Inkqubo emayilandelwe ukwenza izilungiso kwiinkcukacha zabafundi kwiCEMIS
7.1 Landela imiyalelo ecacileyo kwiCEMIS emalunga nokuba itsalwa njani na ifayili kwelo bakala neklasi ethile.
7.2 Shicilela ishedyuli ngokweklasi.
7.3 Bonke abafundi mabazingqinisise iinkcukacha zabo yaye basayinele ukuba bazitshekishile.
7.4 Iimpazamo mazixelwe kwishedyuli yaye mazilungiswe ngumlawuli weCEMIS wesikolo.
7.5 Emva kokuba kwenziwe izilungiso ezi shedyuli mazisayinwe yinqununu zize zisayinelwe kwiCEMIS. Makwenziwe ikopi yezi shedyuli zisayiniweyo. Le kopi mayigcinwe esikolweni ukwenzela iirekhodi zesikolo. Ishedyuli yentsusa yeBakala 12 mayithunyelwe kumagosa achaphazelekayoadweliswe kwiTheyibhile 1 ngomhla okanye phambi komhla we-06 Meyi 2016.

KwiTheyibhile 1

AmaBakala
10-11
Izikolo zigcina iirekhodi zazo
IBakala 12 KwaNdlunkulu
  Ekuqhagam-
shelwana naye kwaNdlunkulu
Inombolo yoqhagam-
shelwano
I-imeyili
ISithili i-Cape Winelands Lindsay Weber 021 467 2732 Lindsay.Weber@westerncape.gov.za
ISithili i-Eden & Central Karoo Samuel Adams 021 467 2978 Samuel.Adams@westerncape.gov.za
ISithili i-West Coast Gail Laguma 021 467 2913 Gail.Laguma@westerncape.gov.za
ISithili i-Overberg Patricia Liguma 021 467 2935 Patricia.Liguma@westerncape.gov.za
ISithili i-Metro Central Farrel Jacobs 021 467 2990 Farrel.Jacobs@westerncape.gov.za
ISithili i-Metropole East Riyad Isaac 021 467 2916 Riyad.Isaac@westerncape.gov.za
ISithili i-Metro North Johnnie Isaacs 021 467 2974 Johnnie.Isaacs@westerncape.gov.za
ISithili i-Metro South Linsay van Gensen 021 467 2911 Linsay.vanGensen@westerncape.gov.za

8. Kucelwa uqaphele ukuba izikolo aziyi kuvunyelwa ukuba zenze NAZIPHI NA izilungiso zezifundo (subject corrections) kwiCEMIS. Izikolo mazingenise izicelo zamaBakala 10 – 11 zokwenziwa kwezilungiso kwi-ofisi yesithili yabo zize izicelo zeBakala 12 zithunyelwe kwaNdlunkulu namaxwebhu ahamba nazo ayimfuneko, anjengeshedyuli yokudlulela kwelinye ibakala (progression schedule) ukwenzela u-2015 okanye iripoti yesikolo yomfundi kaNovemba yonyaka ongaphambili (kwimeko yeBakala 10, yiripoti yeKota yokuQala yomfundi ekufuneka ingenisiwe).

9. Kwimeko yomfundi owenza u-Music njengesifundo, uxwebhu oluqhotyoshelweyo, i-Annexure A List of Music candidates, maluzaliswe luze luthunyelwe kumagosa achazwe kwiTheyibhile 1.

10. Le ngcaciso imfutshane mayithunyelwe kubo bonke abaququzeleli bamaBakala 10 – 2 nakubalawuli beCEMIS ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:04:25

"Annexure A: List of music candidates"  (ubukhulu: 49 KB)