Ukunikwa inkxaso nengcebiso kwabaviwa abangapasanga
Kubaluleke gqitha ukuba abaviwa abangalupasanga uviwo banikwe inkxaso ngokwasemoyeni nentuthuzelo kwanengcebiso (support and counselling). Mabaxelelwe aba baviwa ukuba kukho inkonzo yentuthuzelo nengcebiso efumanekayo. Le ntuthuzelo nengcebiso inokunikwa esikolweni xa abafundi benikwa iziphumo zabo, okanye, apho kunokwenzeka, kwii-ofisi zezithili ezichaphazelekayo apho kuya kubakho abantu besebe bokwenjenjalo.
Ukuba inqununu, umphathi weziko okanye utitshala othunywe yiyo ithumela umviwa kwi-ofisi yesithili, makanikwe umviwa lowo inombolo yefoni nedilesi ye-ofisi yesithili yaye makunikwe i-ofisi yesithili iinkcukacha zomviwa.
Njengoko kudla ngokwenzeka, abona baviwa bafanele ukuba banikwe le ntuthuzelo nengcebiso, baye bangayifuni ngokwabo, yaye ke kubongozwa iinqununu ukuba zikuthathele ingqalelo oku yaye zibe nemfobe novelwano ngeemvakalelo zabaviwa ekuye akwaphumelela oko bebekulindele. |