1. Apha kwaziswa izikolo ukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) liya kuqhuba uqeqesho lwabo bonke ootitshala bamaBakala 8 no-9 abafundisa iMathematika noLwimi lwesiNgesi.

2. Uqeqesho luya kuqhubeka ngolu hlobo lulandelayo:

Umhla: 11–15 Julayi 2016
NgoMvulo ukuya kuLwesine: Ngo-08:00 ukuya ku-15:45
NgoLwesihlanu: Ngo-08:00 ukuya ku-14:00
Indawo: Iya kuqinisekiswa xa ixesha sele lisondele

3. Uqeqesho lweMathematika
3.1 Ukulungiselela le njongo, iSebe iWCED laqhuba oomasifundisane boqeqesho ababini bootitshala bamaBakala 8 no-9 olwaba yimpumelelo kakhulu. Iseshoni yoqeqesho lokuqala yayingumasifundisane weentsuku ezi-5 ngoJulayi 2015. Olu qeqesho lwalujongene nekhontenti yemathematika kwiSigaba sesiBini soNyaka (Semester) 2 (o.k.t. ikhontenti ukususela kuJuni ukuya kuDisemba).
3.2 Umasifundisane wesibini ibungumasifundisane woqeqesho lweentsuku ezi-3 ngoJanuwari 2016 nobujongene nekhontenti kwiSigaba sokuQala soNyaka (Semester) 1 (o.k.t. ikhontenti ukususela kuJanuwari ukuya kuJuni). Olu qeqesho lujolise kubo bonke ootitshala beqela loontanga boku-1 nakwiqela elitsha lootitshala beqela loontanga besi-2.
3.3 Oku kuthetha ukuba ootitshala abakwiqela loku-1 loontanga abafumana uqeqesho kuzo zozibini iZigaba zoNyaka, iSigaba soku-1 neSigaba sesi-2 sekhontenti yemathematika, balugqibile ngokupheleleyo uqeqesho yaye baya kufumana isatifikethi sokubakho kolu qeqesho (a certificate of attendance). Kulindeleke ukuba eli qela lootitshala lizigqibe iiseshoni ezenziwa kwizikolo ezisebenzisanayo, kwizithili ezichaphazelekayo.
3.4 Olu qeqesho luya kujongana nezihloko zemathematika eziya kugqitywa kwiSigaba soNyaka sesi-2 (o.k.t ukususela ngoJulayi ukuya kuDisemba) yaye lufuna ukuba bonke ootitshala abakwiqela lesi-2 (o.k.t ootitshala ababeye kuqeqesho ngoJanuwari 2016 okokuqala ngqa) balugqibe uqeqesho lwabo ukwenzela ukuba bafumane isatifikethi sokubakho kuqeqesho (certificate of attendance). Ootitshala abatsha nabo bavumelekile ukuba babhalise kule khosi.
3.5 Izihloko zeMathematika ekuza kujongwana nazo kule khosi zezi zilandelayo: Iiphatheni zamanani nezejiyometri, iifankshini nonxulumano (functions and relationships), ii-Algebraic expressions, ii-Algebraic equations, iigrafu neJiyometri. Ukuhlalutywa kweengxaki neemposiso zabafundi kwimathematika (error analysis and misconceptions) ziya kuba yinxalenye ebalulekileyo yolu qeqesho. Iincwadi zokwenza umsebenzi ze-SASOL Inzalo, ziya kusetyenziselwa ukunika imizekelo echanekileyo yekhontenti yemathematika, ukwakha nokuvavanya iikhonsepthi nekhontenti ngokunjalo.

4. Uqeqesho loLwimi lwesiNgesi
4.1 Kuqulunqwe ikhosi i-Certificate in Secondary English Languages Teaching (CiSELT) ngentsebenziswano ne-British Council. Le khosi ijolise ekunikeni inkxaso nokuphuhlisa ootitshala abafundisa isiNgesi njengoLwimi lweeNkobe nanjengoLwimi lokuQala oloNgezelelweyo ngenjongo yokomeleza isakhono sabafundi ekusebenziseni isiNgesi njengolwimi lokufunda nokufundisa nolonxibelelwano.
4.2 Ikhontenti iya kubandakanya oku kulandelayo: ukufundiswa kokumamela nokuthetha, ukufunda, ubuchule bokubhala, ukwakhiwa kolwimi nemigaqo eyamkelekileyo yolwimi (conventions), uncwadi, ukufundisa i-EFAL kusetyenziswa indlela yeendidi zegenre approach, ukuqatshelwa kweemfuno ezizodwa zolwimi, izakhono zohlanganiso kusetyenziswa i-Balanced Language Approach (BLA) ne-Language across the Curriculum (LAC).

5. Ubhaliso

Ziyacelwa iinqununu zizalise le fom yobhaliso iqhotyoshelweyo zize ziyibuyisele kuMququzeleli weGET wesithili ochaphazelekayo phambi okanye engadlulanga uLwesihlanu we-10 kuJuni 2016. Ukwenzela ukuthintela naziphi na iingxaki ezimalunga nokuqhutywa koqeqesho, kubalulekile ukuba izikolo zinike ingcaciso yobhaliso echanekileyo.


6. Amalungiselelo ezeehambo
6.1 Kuya kuhlawulwa isibonelelo seehambo ngokwale miqathango ilandelayo:

  • Mabuqinisekiswe ubukho bukatitshala kwikhosi yoqeqesho ngokupheleleyo.
  • Umgama ohanjiweyo uwonke kwithuba leentsuku ezintlanu mawube ngaphezu kwe-100 km, o.k.t. ubuncinane mawube ngama-20 km yohambo lokuya nokubuya ngosuku ngalunye.
  • Uwonke umgama owenzelwa ibango ngethuba leentsuku ezintlanu mawungadluli kuma-700 km, o.k.t. ungabi ngaphezu kwe-140 km uhambo lokuya nokubuya ngosuku ngalunye. Abathathi-nxaxheba abagqithisayo kulo mgama abayi kuzibuyiselwa iindleko zabo ngomgama abawuhambileyo ongaphezu kwama-700 km ezihanjiweyo yaye bayacetyiswa ukuba babhalisele indawo yokulala endaweni yoko.
6.2 Amabango eehambo aya kuhlolwa ngokwezi khrayitheriya zilandelayo:

6.2.1 Ukusebenzisa imoto yakho Ootitshala mabakhwelisane kangangoko oku kunokwenzeka.
Ngumqhubi okanye umnini-moto kuphela onokwenza ibango ngeekhilomitha ezihanjiweyo. Abakhweli mababhalwe kuluhlu.
Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo ye-R3,00 ngekhilomitha. Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.
6.2.2 Ukusetyenziswa kweklabhu yokukhwelisana (okuhlawulelwayo okanye okumahala) kwimoto yabucala. Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza ibango ngeekhilomitha ezihanjiweyo. Abakhweli mababhalwe kuluhlu.
Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo ezi-R3,00 ngekhilomitha. Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.
6.2.3 Ukusetyenziswa kwebhasi yesikolo Isikolo masingenise ileta ebonisa ukuba kusetyenziswe ibhasi yesikolo ukuya kule khosi, namagama abakhweli nomgama ohanjiweyo.
Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo ye-R3,00 ngekhilomitha.
Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.
6.2.4 Ukusetyenziswa komboneleli-nkonzo obhalisiweyo

Makuqatshelwe: makufunyanwe imvume kwangaphambili ngencwadi ebhaliweyo kumququzeleli weGET wesithi semfundo.

Inyathelo 1) Isikolo masifumane iikowuteshini ezintathu phambi koqeqesho.
Inyathelo 2) Isikolo masingenise ezi kowuteshini kumququzeleli weGET kuya kwamkelwa ikowuteshini eyeyona isezantsi.
Inyathelo 3) Umququzeleli weGET makanike inqununu ubungqina ngencwadi ebhaliweyo bokuba inokwenziwa inkonzo (can be contracted).
Inyathelo 4) Isikolo masenze amalungiselelo okuqeshwa kwenkonzo karhulumente.
Inyathelo 5) Emva kokwenziwa kwenkonzo isikolo masihlawule umboneleli-nkonzo yaye sifumane irisithi.
Inyathelo 6) Ukwenzela ukuba sibuyiselwe imali yaso, isikolo masingenise ileta kumphathi wamabango wesithili ebonisa ukuba kwasetyenziswa umboneleli-nkonzo, noluhlu lwamagama, abakhweli neenkcukacha zomgama ohanjiweyo. Makuqhotyoshelwe ikowuteshini, imvume yomququzeleli weGET ne-invoyisi yokugqibela ehlawuliweyo ngokunjalo.

Onke amaxwebhu azalisiweyo (paperwork) makagcinwe njengobungqina ukulungiselela umphicothi-zincwadi wangaphakathi.
ISebe iWCED liya kusibuyisela isikolo KUPHELA lakuba lifumene amaxwebhu asayiniweyo kubandakanywa nemvume ebhaliweyo kwangaphambili yomququzeleli weGET wesithili semfundo.
Ootitshala mabenze amalungiselelo okuthathwa kwabo ngamaqela kwindawo enye.

6.2.5 UKusetyenziswa kwezithuthi zikawonke-wonke, umz. iteksi, ibhasi, okanye uloliwe kuhambo lomgama omfutshane Amabango makabonise indawo uhambo oluqala noluphela kuyo kwisigaba ngasinye sohambo.
Ukuhlawulwa kwazo kuya kwenziwa ngokweereyithi ezimiselweyo.
Bunokufunwa ubungqina (amatikiti) ligosa lamabango ukwenzela ukuba abe nako ukungqinisiswa amabango.
Akukho mabango aya kwenziwa ngeentlawulo zokukhwela iiteksi ezihlawulwa ngokomgama eziwuhambileyo (metered taxi).

7. Indawo yokulala nokutya (ezilungiselelwe ootitshala abavela kwizithili zasemaphandleni kuphela
7.1 Kuya kubonelelwa ngendawo yokulala nokutya (isidlo sakusasa nedinala) ngokuxhomekeke kule miqathango ilandelayo:

  • Umgama wokuya kwindawo yoqeqesho mawube ngaphezu kwe-50 km uhambo lokuya kuphela, o.k.t. li-100 km uhambo lokuya nokubuya.
  • Mabuqinisekiswe ubukho bukatitshala kwikhosi yoqeqesho ngokupheleleyo.
  • Ubhaliso malugqitywe kwangaphambili.
  • Mazifezekisiwe ngokupheleleyo iimfuno ezimiselweyo ku-7.3 apha ngezantsi.
  • Kunokukhethwa udidi lube lunye (1) (makujongwe ku-7.3 apha ngezantsi) yaye ootitshala abayi kubuyiselwa ngalo naluphi na utshintsho okanye enye indawo yokulala.
7.2 Kuya kubonelelwa ngendawo yokulala ukususela ngosuku lokuqala ukuya kwelokugqibela lwekhosi yoqeqesho, yaye ootitshala banokukhetha ukufika kwindawo yokulala (checking in) ngentsimbi yesi-14:00 nange yesi-17:00 ngosuku oluphambi kokuqala kukamasifundisane.
7.3 Iindidi zendawo yokulala:

Ootitshala abakufaneleyo ukufumana indawo yokulala banokubhalisa kudidi OLUNYE kwezi ndidi zingezantsi:

7.3.1 Kuya kubonelelwa ngendawo yokulala ehostele eCTLI, ngaphandle kwentlawulo kootitshala. Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Ifom yobhaliso (Annexure A) mayingeniswe engadlulanga uLwesihlanu we-10 June2016.
  • Ootitshala mabahlalisane kumagumbi.
  • Bayacelwa ootitshala ukuba beze nezinto zabo zokulala, iitawuli nezinto zokuhlamba
  • Ixesha lokufika ngeCawa liphela ngentismbi yesi-17:00 kuphela
7.3.2 Iindawo zokuhlala eziqeshisayo nezibhalisiweyo umz. i-bed and breakfast, ii-guest houses, iihotele Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Kunokwenziwa amabango afikelela kwi-R300 ngosuku lesidlo sangokuhlwa, indawo yokulala nesidlo sakusasa.
  • I-invoyisi yentsusa evela kwiindawo yokuhlala iindwendwe (establishment) mayisayinwe ngokunjalo ngulowo wenza ibango ize ingeniswe kwikhosi yoqeqesho.
  • Ayinakuqinisekiswa intlawulo yamabango angazaliswanga ngokupheleleyo okanye afike mva.
7.3.3 Ukuhlala kwisizalwane/kubahlobo Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Kunokwenziwa amabango afikelela kwi-R130 ngosuku esidlo sangokuhlwa, indawo yokulala nesidlo sakusasa.
  • Eli bango malihambe kunye nengxelo efungelweyo yalowo usisizalwane/ungumhlobo uchaphazelekayo, nesayinwe nangulowo wenza ibango, lize lingeniswe kwikhosi yoqeqesho.
7.3.4 Iimvumelwano zokurenta/zokuqesha zethuba elifutshane. Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Isikolo siya kwenza amalungiselelo endawo yokulala naweentlawulo yoko (yazo zonke iindleko zesidlo sangokuhlwa, ibhedi nesidlo sakusasa) eziya kubakho.
  • Makulandelwe le nkqubo ngokwemiqathango elandelayo:
  • Inyathelo 1) Isikolo masingenise ileta kumququzeleli weGET, kwangaphambili, ecela isibonelelo sokurenta ifasilithi ukulalisa iqela elithile lootitshala. Makunikwe iinkcukacha zendawo yokulala, kuquka nemvumelwano yengqeshiso, namagama ootitshala.
    Inyathelo 2) Umququzeleli weGET makawavume la malungiselelo ngencwadi ebhaliweyo. Akukho malungiselelo anokugqitywa ngaphandle kokuba kwenzeke oku.
    Inyathelo 3) Isikolo masihlawule size singenise irisithi enamaxwebhu axhasayo (engqeshiso nemvume yomququzeleli weGET kwikhosi yoqeqesho.
  • Amabango aya kusingathwa njengebhili enye emayihlawulwe kweso sikolo.
  • Sisixa-mali esiyi-R250 esona sikhulu ngosuku utitshala ngamnye aya kusihlawulwa - esi sixa-mali sidibanisa zonke iindleko zendawo yokulala, isidlo sangokuhlwa, nesidlo sakusasa. Esona sixa-mali kanye sibuyiswayo nakuba kunjalo siya kuxhomekeka kwindleko ezenziweyo, nezifikelela kwi-R250 ngomntu ngamnye ngosuku. Naziphi na iindleko ezingaphezulu aziyi kuhlawulelwa liSebe iWCED.
  • Zonke iirisithi zentsusa zokutya, iirisithi zethili njl.njl. mazisayinelwe yaye zingeniswe nesishwankathelo.
  • Ibango lilonke malingeniswe njengebhili enye kunye neleta ecacisayo evela esikolweni nexhaswa ngawo onke amaxwebhu entsusa.

8. Indlela yokwenza ibango
8.1 Bonke ootitshala abanqwenela ukufaka ibango mabazalise le fom ineenkcukacha zebhanki iqhotyoshelweyo baze bayingenise kwitafile yokufaka amabango kwindawo yoqeqesho ngosuku lokuqala. Ifom yeenkcukacha zebhanki (bank details form) mayigximfizwe yibhanki yaye yifom yentsusa kuphela emayingeniswe. Akukho zifeksi okanye zifotokopi ziya kwamkelwa. Ootitshala mabayizalise le fom phambi kokuba luqale uqeqesho (oko kukuthi, mabafike kwindawo yekhosi sele benayo yaye beyizalisile ngokunjalo.)
8.2 Onke amabango mawaxhaswe ngamaxwebhu entsusa. Akukho zifeksi okanye zifotokopi ziya kwamkelwa.
8.3 Abenzi-mabango baya kubuyiselwa ngeendleko zabo kuphela emva kokuba begqibe ikhosi yoqeqesho yaye ke ngoko kuya kufuneka bazihlawulele iindleko zabo kwangaphambili. Apho kuyimfuneko, ziyacelwa izikolo ukuba zincedise ootitshala bazo kulo mbandela. Malugcinwe uxwebhu olububungqina bentlawulo.
8.4 Ukubuyiselwa iintlawulo kuya kwenziwa kuphela emva kokuphicothisiswa kwebango ngalinye yaye iSebe iWCED linelungelo lokwenza isigqibo sokugqibela apho kukho ukungangqinelani kwengcaciso.
8.5 Onke amabango makangeniswe kwindawo yoqeqesho apho kuya kubakho amagosa aya kubancedisa abenzi-mabango.

9. Akukho mabango afike emva kwexesha nangazaliswanga ngokupheleleyo aya kwamkelwa ngaphandle kokuba kungenxa yeemeko ezizodwa ezithethelelayo yaye ayinakuqinisekiswa imbuyiselo yeentlawulo zawo.

10. Ootitshala bayakhuthazwa ukuba baziphathele izixhobo zabo ezisebenza ngombane nanjengokuba uqeqesho luza kuquka ukumanywa kweInformation Communication Technology (ICT) kwiKharityhulam.

11. Imibuzo

Ukuba unayo nayiphi na eminye imibuzo, kucelwa uqhagamshelane nomququzeleli weGET wesithili ochaphazelekayo:

Isithili Umququzeleli Ifoni I-imeyili Ifeksi
Metro Central Avrille Morgendal 021 514 6770 Anna.Morgendal@westerncape.gov.za 086 2361892
Metro North Malefo Makena 021 938 3104 Malefo.Makena@westerncape.gov.za 021 938 3183
Metro East Ursula Esau 021 900 7051 Ursula.Esau@westerncape.gov.za 086 562 3907
West Coast Ebrahim Peck 021 860 1569 Ebrahim.Peck@westerncape.gov.za 086 590 0730
Cape Winelands Edgar Johannes 023 348 0605 Edgar.Johannes@westerncape.gov.za 086 531 0476
Eden & Central Karoo Marietjie Beukes 044 803 8316 Marietjie.Beukes@westerncape.gov.za 086 673 8499
Metro South Lorraine Bailey 021 370 2041 Lorraine.Bailey@westerncape.gov.za 021 372 1856
Overberg James Daniels 028 214 7363 James.Daniels@westerncape.gov.za 028 214 7400

12. Ziyacelwa iinqununu ziqinisekise ukuba le ngcaciso ikule ngcaciso imfutshane yaziswa bonke ootitshala nokuba iinkcukacha zobhaliso zifakiwe kuMququzeleli wesithili weGET engadlulanga uLwesihlanu we-10 kuJuni 2016.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:05:13

IsiHlomelo A  (ubukhulu: 42 KB)