1. |
IMfunalwazi i-South African Mathematics Challenge yabafundi bamaBakala 4 ukuya ku-7, iququzelelwa yi-South African Mathematics Foundation (SAMF) isebenzisana ne-Association for Mathematics Education of South Africa (AMESA) yaye ixhaswa ngemali yi-SASOL Foundation. |
2. |
Injongo yale Mfunalwazi kukuba ibe sisixhobo esikhuthaza ukuba ithandwe nguye wonke umfundi iMathematika nokomeleza umgangatho wokufundiswa nokufundwa kwemathematika. Le Mfunalwazi ayilovavanyo lwezikolo lwezemfundo koko iluvavanyo lolwazi ngeekhonsephthi, ukusetyenziswa kolwazi olutsha kwiimeko ezintsha, iindlela zokucinga nokusombulula amaqhina ekufundeni imathematika ngokubanzi, ukunika inkxaso kwikharityhulam yethu entsha, ukunceda abemi boMzantsi Afrika babenako nokucinga ngokuphangaleleyo nangobuchule. Siyakholwa nokuba iMathematika inako ukufundwa ngumntu wonke, ingabi yiloo mbinana nje kuphela. Ngo-2015 iNtshona Koloni ibinabafundi abangaphezu kwe-4 000 abathatha inxaxheba kuMjikelo wokuQala we-SA Mathematics Challenge, nabangabona bathathi-nxaxheba babaluleke gqitha kweli lizwe! Indlela eyakhiwe ngayo le Mfunalwazi, iya kuqinisekiswa ngabacebisi bezifundo, nabaya kunxibelelana nezikolo ezikwizithili zabo ngokunjalo. |
3. |
Kukho iindidi ezimbini zokuthatha inxaxheba kwabafundi: Abafundi abanobuchule banokukhetha ukuthatha inxaxheba ngabodwa (ngabanye) lo gama abanye benokukhetha ukuthatha inxaxheba ngababini (izibini). |
4. |
Umjikelo wokuQala: 09-13 Meyi 2016
- Zazazisiwe izikolo zizithili zazo ngenyanga ka-Apreli ngamalungiselelo oMjikelo wokuQala obhalwa kwiveki ye-09 ukuya kweye-13 Meyi 2016.
|
5. |
Amalungiselelo oMjikelo wokuQala: NgoLwesithathu, we-27 Julayi 2016
- Ootitshala bazalisa ifom i-First Round Statistics form nefom i-Final Round Registration form baze bayithumele kumququzeleli wezikolo ezisebenzisanayo (cluster)/wesekethe/wengingqi oya kunxibelelana ne-SAMF. Kucelwa ukuba abacebisi bezifundo bathunyelwe nabo zonke iikopi zembalelwano ye-imeyili. Iifom zokungenela imfunalwazi mazifike kwi-SAMF ungadlulanga umhla we-25 Meyi 2016 ukulungiselela ukuba kuququzelelwe uMjikelo wokuGqibela. Ziyacelwa izikolo ziyithumele le fom, nokuba ngaba isikolo asiyi kuthatha nxaxheba kuMjikelo wokuGqibela, ukwenzela iinjongo zeerekhodi ze-SAMF.
- Abafundi abafumana amanqaku angu-50% ubuncinane (ali-10 okanye ngaphezulu kwayi-20) kuMjikelo wokuQala bakufanele ukuthatha inxaxheba kuMjikelo wokuGqibela.
- Umjikelo wokuGqibela ubhalwa ngowe-27 Julayi 2016 kwindawo ekunokufikelela kuyo wonke umfundi kummandla ngamnye. Umququzeleli wezikolo ezisebenzisanayo/wesekethe/ wengingqi uya kwenza amalungiselelo endawo, awokugadwa kwabafundi xa bebhala yaye uya kwazisa izikolo ezithatha inxaxheba ngamalungiselelo oMjikelo wokuGqibela ungadlulanga owe-24 Juni 2016- ngokuxhomekeke ekubeni unazo iifom zakho i-First Round Statistics form nefom i-Final Round Registration form.
- Amaphepha emibuzo oMjikelo wokuGqibela neencwadi zeempendulo ezenziwe ngokukhethekileyo (specially designed answer sheets) ziya kuprintwa yi-SAMF zize zisiwe ngekhuriya kuzo zonke izikolo ezibhalisele uMjikelo wokuGqibela. Akuyi kubakho mfuneko yokuba zimakishwe.
- Iincwadi zeempendulo ezigqityiweyo ziya kuthathwa yinkampani yekhuriya zize zimakishwe ngekhompyutha (electronically marked) yi-SAMF.
- Zizikolo ezibhalisele uMjikelo wokuGqibela KUPHELA (o.k.t. ezingenise iifom zazo zaza zahlawula nemali yokubhalisa eyi-R10 ngomfundi ngamnye) eziya kuvunyelwa zithathe inxaxheba.
|
6. |
Sinethemba lokuba abafundi nootitshala baya kuyonwabela le Mfunalwazi yaye baya kuzuza lukhulu kuyo. Iinkcukacha ezingaphezulu ngale Mfunalwazi, nezibandakanya amaphepha emibuzo amahala ethuba elidlulileyo, zinokufunyanwa ngokungena kwiziko lewebhu apha www.samf.ac.za nakwi-www.amesa.org.za/Challenge/Index.htm |
7. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) liyawathakazelela amalinge ootitshala bethu angamanye okubonelela abafundi ngeli thuba lokuthatha inxaxheba kule Mfunalwazi yeMathematika yaqho ngonyaka. Inkxaso yenu ibe negalelo kwelona nani liphezulu labafundi kweli lizwe, ababhala uMjikelo wokuQala ngo-2014 nango-2015. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:05:04
|
|