1. INgcaciso eMfutshane yeCandelo leKharityhulam i-DCG 0001/2016 icele zonke iintloko zamacandelo ezifundo zesigaba sesiseko nezesigaba esiphakathi kunye/okanye iintloko zesifundo seMathematika ukuba ziye kuqeqesho ukususela ngoLwesibini, we-29 Matshi – ngoLwesihlanu, 01 Apreli 2016.

2. Le ngcaciso imfutshane isebenza njengokungqina olu qeqesho.

3. Injongo yolu qeqesho kukomeleza umsebenzi weHoD nentloko yesifundo (subject head) ojongene neMathematika ukuba bakwazi ukuqonda imfuno ngokwasengqondweni yekharityhulam yeMathematika kunye novavanyo, imingeni ejamelene nabafundi kwiMathematika nokunika isikhokelo nenkxaso kubafundi kunye nootitshala malunga noku.

4. Bonke ootitshala beMathematika kwizigaba zesiseko neziphakathi baya kwaziswa ngoqeqesho olunje ngo-2017.

5. Olu qeqesho luya kwenzeka kwezi ndawo zilandelayo, o.k.t.:

Isithili Indawo
ISithili i-Metro Central College of Cape Town, Crawford Campus
Ifoni: 021 696 5133
Idilesi: Kromboom Road Crawford
ISithili i-Metro North Elsies River SS
Ifoni: 021 932 5085
dilesi: Halt Road IElsies River
ISithili i-Metro East Axios SOS)
Ifoni: 021 904 5306
Old Faure Road Idilesi: Faure
ISithili i-West Coast Dirkie Uys PS
Ifoni: 022 433 1082
Idilesi: Reservoir Street Moorreesburg
ISithili i-Cape Winelands Worcester Gymnasium
Ifoni: 023 347 0426
Idilesi: Tulbagh Street Worcester
ISithili i-Eden & Central Karoo PW Botha
Ifoni: 044 874 4166
Idilesi: Union Street George
ISithili i-Metro South Cristel House
Ifoni: 021 704 9400
Idilesi: Swallowcliffe Drive Wetton Cape Town
ISithili i-Overberg Overberg Primary School
Ifoni: 028 214 1590
Idilesi: 20 Laing Street Caledon

6. Kucelwa uqaphele ukuba uqeqesho luya kuqala ngo-07:30 (ukwenzela u-08:00 kusasa) ukuya ku-15:30 emva kwemini yonke imihla ngaphandle kosuku lokugqibela apho luya kuphela ngo-14:00 emva kwemini.

7. Amalungiselelo ohambo
7.1 Amabango aya kunikwa ingqwalaselo ngokwale mimiselo kuphela xa:

  • Buqinisekisiwe ubukho bukatitshala kwikhosi yoqeqesho ngokupheleleyo.
  • Umgama ohanjiweyo uwonke kwithuba leentsuku ezi-4 mawube ngaphezu kwe-80 km, o.k.t. ubuncinane mawube yi-20 km ngohambo lokuya nokubuya ngosuku ngalunye.
  • Uwonke umgama owenzelwa ibango ngethuba leentsuku ezi-4 mawungabi ngaphezu kwe-560 km, o.k.t. mawungabi ngaphezu kwe-140 km ngohambo lokuya nokubuya ngosuku ngalunye. Abathathi-nxaxheba abagqithisayo kulo mgama abayi kubuyiselwa iindleko zabo ngomgama abawuhambileyo ongaphezu kwe-560 km yaye bacetyiswa ukuba endaweni yoko mababhalisele indawo yokulala.
7.2 Amabango eehambo aya kuhlolwa ngokwezi khrayitheriya zilandelayo:

7.2.1 Ukusebenzisa imoto yakho Ootitshala mabakhwelisane kangangoko kunokwenzeka.
Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza ibango ngeekhilomitha ezihanjiweyo. Abakhweli mababhalwe kuluhlu.
Kuya kuhlawulwa ireyithi eqingqiweyo ye-R3.00 ngekhilomitha. Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.
7.2.2 Ukusetyenziswa kweklabhu yokukhwelisana (okuhlawulelwayo okanye okumahala) kwimoto yabucala. Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza ibango ngeekhilomitha ezihanjiweyo. Abakhweli mababhalwe kuluhlu.
Kuya kuhlawulwa ireyithi eqingqiweyo ye-R3.00 ngekhilomitha. Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.
7.2.3 Ukusetyenziswa kwebhasi yesikolo Isikolo masingenise ileta ebonisa ukuba kusetyenziswe ibhasi yesikolo ukuya kule khosi, namagama abakhweli kunye nomgama ohanjiweyo.
Kuya kuhlawulwa ireyithi eqingqiweyo ye-R3,00 ngekhilomitha.
Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.
7.2.4 Ukusetyenziswa komboneleli-nkonzo obhalisiweyo

Makuqatshelwe: makufunyanwe imvume kwangaphambili ngencwadi ebhaliweyo kumququzeleli weGET wesithili.

Inyathelo 1) Isikolo masifumane iikoteshini ezi-3 phambi koqeqesho.
Inyathelo 2) Isikolo masingenise ezi koteshini kumququzeleli weGET. Kuya kwamkelwa eyona koteshini isezantsi.
Inyathelo 3) Umququzeleli weGET makanike inqununu ubungqina ngencwadi ebhaliweyo bokuba inokwenziwa inkonzo (can be contracted).
Inyathelo 4) Isikolo masenze amalungiselelo okuqeshwa kwenkonzo.
Inyathelo 5) Emva kokwenziwa kwenkonzo ISIKOLO masihlawule umboneleli-nkonzo yaye sifumane irisithi.
Inyathelo 6) Ukwenzela ukuba sibuyiselwe imali yaso, isikolo masingenise ileta kumphathi wamabango wesithili ebonisa ukuba kusetyenziswe umboneleli-nkonzo, kubhalwe amagama abakhweli neenkcukacha zomgama ohanjiweyo. Makuqhotyoshelwe iikoteshini, imvume yomququzeleli weGET ne-invoyisi yokugqibela ehlawuliweyo mayiqhotyoshelwe ngokunjalo.

Onke amaxwebhu azalisiweyo (paperwork) makagcinwe njengobungqina ukulungiselela umphicothi-zincwadi wangaphakathi.
I-WCED iya kusibuyisela isikolo imali KUPHELA yakuba ifumene amaxwebhu asayiniweyo kuqukwa nemvume ebhaliweyo kwangaphambili yomququzeleli weGET.
Ootitshala mabenze amalungiselelo okuthathwa kwabo kwindawo enye.

7.2.5 Ukusetyenziswa kwezithuthi zikawonke-wonke, umz.
iteksi, ibhasi, uloliwe kuhambo lomgama omfutshane
Amabango makabonise indawo uhambo oluqala noluphela kuyo kwisigaba ngasinye sohambo.
Ukuhlawulwa kwazo kuya kwenziwa ngokweereyithi eziqingqiweyo.
Bunokufunwa ubungqina (amatikiti) ligosa lamabango ukwenzela ukuba kungqinisiswe amabango.
Akukho mabango aya kwenziwa ngeentlawulo zokukhwela iiteksi ezihlawulwa ngokomgama eziwuhambileyo (metered taxes).

8. Indawo yokulala nokutya (apho kufanelekileyo) kwizithili zasamaphandleni kuphela
8.1 Kuya kubonelelwa ngendawo yokulala nokutya (isidlo sakusasa nangokuhlwa) phantsi kwale mimiselo ilandelayo:

  • Umgama wokuya kwindawo yoqeqesho mawube ngaphezu kwe-60 km uhambo lokuya kuphela, o.k.t. yi-120 km ukuya nokubuya.
  • Buqinisekisiwe ubukho bukatitshala kwikhosi yoqeqesho ngokupheleleyo.
  • Ubhaliso lugqitywe kwangaphambili.
  • Kungqinelwene ngokupheleleyo neemfuno ezibhalwe ku-8.3 apha ngezantsi.
  • Kunokukhethwa kuphela uhlobo olunye (1) (makujongwe ku-8.3 apha ngezantsi) nootitshala abayi kubuyiselwa ngeendleko zabo ngako nakuphi na ukutshintsha okanye ukusebenzisa enye indawo yokulala.
8.2 Kuya kubonelelwa ngendawo yokulala ukususela ngosuku lokuqala lwekhosi yoqeqesho, yaye ootitshala banokukhetha ukufika kwindawo yokulala (checking in) ngo-14:00 nango-17:00 ngosuku oluphambi kokuqala kukamasifundisane.
8.3 Iintlobo zeendawo zokulala:

Ootitshala abakufaneleyo ukufumana indawo yokulala banokubhalisela uhlobo OLUNYE kwezi ntlobo zingezantsi:

8.3.1 Indawo eyihostele Kuya kubonelelwa ngendawo yokulala ehostele mahala kootitshala. Kuya kusebenza le mimiselo ilandelayo:

  • Ifom yobhaliso (IsiHlomelo A) mayingeniswe engadlulanga uLwesihlanu, we-11 Matshi 2016.
  • Ootitshala baya kwabelana ngokusebenzisa ngamagumbi.
  • Bayacelwa ootitshala ukuba beze nezinto zabo zokulala, iitawuli nezinto zokuhlamba.
  • Ixesha lokufika liphela ngo-17:00 kuphela ngolo suku luphambi kokuqala koqeqesho.
8.3.2 Iindawo eziqeshisayo zokuhlala iindwendwe nezibhalisiweyo umz. i-bed and breakfast, ii-guest house, iihotele Kuya kusebenza le mimiselo ilandelayo:

  • Kunokwenziwa amabango afikelela kwi-R300 ngosuku lesidlo sangokuhlwa, indawo yokulala nesidlo sakusasa.
  • I-invoyisi yentsusa evela kwiindawo yokuhlala iindwendwe (establishment) mayisayinwe ngokunjalo ngulowo wenza ibango ize ingeniswe kwikhosi yoqeqesho.
  • Ayinakuqinisekiswa into yokuhlawulwa kwamabango angazaliswanga ngokupheleleyo okanye afike mva.
8.3.3 Ukuhlala kwisizalwane/kubahlobo Kuya kusebenza le mimiselo ilandelayo:

  • Kunokwenziwa amabango afikelela kwi-R130 ngosuku esidlo sangokuhlwa, indawo yokulala nesidlo sakusasa.
  • Eli bango malikhatshwe yingxelo efungelweyo yalowo usisizalwane/ungumhlobo uchaphazelekayo, laza lasayinwa ngulowo wenza ibango, lize lingeniswe kwikhosi yoqeqesho.
8.3.4 Iimvumelwano zokurenta/zokuqesha zethuba elifutshane Kuya kusebenza le mimiselo ilandelayo:

  • Isikolo siya kujongana nokwenza amalungiselelo endawo yokulala neentlawulo (zazo zonke iindleko zesidlo sangokuhlwa, ibhedi nesidlo sakusasa) zazo.
  • Makulandelwe le nkqubo imiselweyo:
  • Inyathelo 1) Isikolo masingenise ileta kumququzeleli weGET, kwangaphambili, ecela isibonelelo sefasilithi erentwayo ukulalisa iqela elithile lootitshala. Makunikwe iinkcukacha zendawo yokulala, kuquka nemvumelwano yokuqeshisa, namagama ootitshala.
    Inyathelo 2) Umququzeleli weGET makawavume la malungiselelo ngencwadi ebhaliweyo. Akukho malungiselelo anokugqitywa ngaphandle kokuba kwenzeke oku.
    Inyathelo 3) Isikolo masihlawule size singenise irisithi namaxwebhu axhasayo (okuqeshisa nemvume yomququzeleli weGET kwikhosi yoqeqesho.
  • Ibango liya kusingathwa njengebhili enye emayihlawulwe kweso sikolo.
  • Sisixa-mali esiyi-R250 esona sikhulu ngosuku utitshala ngamnye aya kusihlawulwa - esi sixa-mali sidibanisa zonke iindleko zendawo yokulala, isidlo sangokuhlwa, nesidlo sakusasa. Esona sixa- mali kanye sibuyiswayo nakuba kunjalo siya kuxhomekeka kwiindleko kanye ezenziweyo, nezifikelela kwi-R250 esona sixa-mali sikhulu ngomntu ngamnye ngosuku. Naziphi iindleko ezingaphezulu aziyi kuhlawulelwa yiWCED.
  • Zonke iirisithi zentsusa zokutya, iirisithi zethili, njl. njl., mazisayinelwe zingeniswe nesishwankathelo.
  • Ibango lilonke malingeniswe NJENGEBHILI ENYE kunye neleta ecacisa ngalo ehamba nalo evela esikolweni nexhaswa ngawo onke amaxwebhu entsusa.

9. Indlela yokwenza ibango
9.1 Bonke ootitshala abanqwenela ukufaka ibango mabazalise le Fom yeeNkcukacha zeBhanki iqhotyoshelweyo baze bayingenise kwitafile yokufaka amabango kwindawo yoqeqesho ngosuku lokuqala. IFom yeeNkcukacha zeBhanki (Bank Details Form) mayigximfizwe isitampu yibhanki yaye yifom yentsusa kuphela emayingeniswe. Akukho zifeksi okanye zifotokopi ziya kwamkelwa. Ootitshala mabazalise le fom PHAMBI kokuba luqale uqeqesho (oko kukuthi, mabafike kwindawo yekhosi sele benayo yaye beyizalisile ngokunjalo).
9.2 Onke amabango mawaxhaswe ngamaxwebhu entsusa. Akukho zifeksi okanye zifotokopi ziya kwamkelwa.
9.3 Abenzi-mabango baya kubuyiselwa iintlawulo kuphela emva kokuba begqibe ikhosi yoqeqesho yaye ke ngoko kuya kufuneka bazihlawulele iindleko zabo kwangaphambili. Apho kuyimfuneko, ziyacelwa izikolo ukuba zibancedise ootitshala bazo kulo mbandela. Uxwebhu olububungqina bentlawulo malugcinwe.
9.4 Ukubuyiselwa iintlawulo kuya kwenziwa kuphela emva kokuphicothisiswa kwebango ngalinye yaye iWCED inelungelo lokwenza isigqibo sokugqibela apho kukho ukungangqinelani kwengcaciso.
9.5 Onke amabango makangeniswe kwindawo yoqeqesho apho kuya kubakho amagosa aya kubancedisa abenzi-mabango.
9.6 Akukho mabango afike emva kwexesha nangazaliswanga ngokupheleleyo aya kwamkelwa ngaphandle kokuba kungenxa yeemeko ezizodwa ezithethelelayo yaye ayinakuqinisekiswa imbuyiselo yeentlawulo zawo.

10. Imibuzo

Ukuba unayo nayiphi eminye imibuzo, kucelwa ukuba uqhagamshelane nomququzeleli weGET wesithili ochaphazelekayo:

ISithili UMququzeleli Ifoni I-imeyili Ifeksi
Metro Central Avrille Morgendal 021 514 6770 Anna.Morgendal@westerncape.gov.za 086 236 1892
Metro North Malefo Makena 021 938 3104 Malefo.Makena@westerncape.gov.za 021 938 3183
Metro South Lorraine Bailey 021 370 2061 Lorraine.Bailey@westerncape.gov.za 086 673 8499
Metro East Ursula Esau 021 900 7051 Ursula.Esau@westerncape.gov.za 086 5569 519
West Coast Ebrahim Peck 021 860 1569 Ebrahim.Peck@westerncape.gov.za 086 590 0730
Cape Winelands Edgar Johannes 023 348 0605 Edgar.Johannes@westerncape.gov.za 086 531 0476
Eden & Central Karoo Marietjie Beukes 044 803 8320 Marietjie.Beukes@westerncape.gov.za 086 673 8499
Overberg James Daniels 028 214 7363 James.Daniels@westerncape.gov.za 028 214 7400
11. Kucetyiswa ukuba bonke abathathi-nxaxheba baphathe amaxwebhu eCAPS abo eMathematika.

12. Kucelwa iinqununu zazise le ngcaciso imfutshane kuzo zonke iintloko zezifundo zezigaba zeziseko neentloko zezigaba eziphakathi kunye/okanye zeentloko zezifundo zeMathematika. Kucelwa uqaphele ukuba ukubhalisa kuya kuvunyelwa kude kube ngowe-11 Matshi 2016.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:03:03

IsiHlomelo A  (ubukhulu: 37 KB)
"BAS Entity Maintenance"  (ubukhulu: 18 KB)