1. I-AstroQuiz lukhuphiswano lwesayensi olwenzelwa abafundi beBakala 7 olusekelwe kwimixholo enxulumene ne-astronomi (astronomy-related themes) yaye ikwanxulumene necandelo le-"Earth and Beyond" lesilabhasi yeeSayensi zeNdalo (Natural Sciences syllabus).

2. I-AstroQuiz yiprojekthi exhaswa ngemali yi-South African Agency for Science and Technology Advancement (SAASTA) yaye iqhutywa kweli phondo yi-South African Astronomical Observatory (SAAO). Injongo yale projekthi :

  • kukukhuthaza umdla kwiSayensi kwizikolo eziziiprayimari;
  • kukuphucula indlela yokufunda nokufundisa eklasini;
  • kukwenza ukuba kwaziwe yaye kuqondwe nzulu ngemiba esisiseko kwiastronomi, kwisayensi nakwimathematika; kunye
  • nokukhuthaza umdla kumathuba omsebenzi kweze-astronomi kunye nezinye iisayensi.
3. I-AstroQuiz iqaliswe ngempumelelo kweli phondo ukususela ngo-2006 yaye umdla kolu khuphiswano ube mkhulu kakhulu. Ngo-2015 iqela lezikolo zithathe inxaxheba kolu khuphiswano. I-Park Laerskool yaseMossel Bay ibimele eli phondo kwinqanaba lokhuphiswano lukazwelonke. Kukho amabhaso atsala umdla akhutshelwa izikolo ezilishumi ezitshatsheleyo zephondo kwanesikolo esiphumeleleyo.

4. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) likhuthaza izikolo ngobuninzi bazo ukuba zithathe inxaxheba kwi-AstroQuiz ka-2016 njengoko i-AstroQuiz ivuleleke kubo bonke abafundi beBakala 7 nasezikolweni.

5. Iphekhi yezibonelelo ye-AstroQuiz resource pack nephepha lemibuzo elingumzekelo (exemplar question paper) zinokukhutshelwa kwiziko lewebhu le-SAAO AstroQuiz : www.astroquiz.saao.ac.za. Le phekhi yezibonelelo i-AstroQuiz resource pack namaphepha emibuzo eminyaka edlulileyo zinokukhutshelwa (downloaded) kwiziko lewebhu i-SAAO AstroQuiz website : www.astroquiz.saao.ac.za

6. IWCED icela ukuba zonke izikolo ziyisebenzise i-AstroQuiz resource pack nephepha lemibuzo elingumzekelo (exemplar question paper) ukwenzela ukuba abafundi baprekthizele ukubhala ikhwizi. Oku kufuneka kube ngumsebenzi ekusetyenziswa kuwo iincwadi nezinye izibonelelo ukufumana iimpendulo zemibuzo (open-book activity) ngamaqela abafundi abane, apho iqela ngalinye lisebenza kunye njengeqela.

7. Izikolo ezinomdla mazibhalisele le khwizi kanye ngqo kwi-SAAO ngokuqala zingene kwi-AstroQuiz website: http://astroquiz.saao.ac.za Ubhaliso luya kuqala nge-01 Matshi 2016.

8. Lonke unxibelelwano ne-SAAO luya kwenziwa nge-imeyili kunye/okanye nge-SMS. Ootitshala banokukhetha iindlela zonxibelelwano abakholwa zizo xa bebhalisa. Kucelwa ootitshala ukuba bajoyine uluhlu lwembalelwano ye-Astroquiz apha http://astroquiz.saao.ac.za/join-the-mailing-list/ ukuhlala benolwazi ngekhwizi.

9. Ukungenela i-Astroquiz izikolo mazityumbe amaqela abafundi abane beBakala 7 benze amaqela okumela isikolo.

10. Izikolo mazenze amalungiselelo okuthatha inxaxheba kwimijikelo emibini yokuqala yephondo ye-AstroQuiz kwikhompyutha (AstroQuiz online). Ziyakhuthazwa izikolo ukuba zithathe inxaxheba zingenise amaqela amaninzi kangangoko zinako kumjikelo wokuqala. Kuya kubakho umjikelo wokuzivavanya (trial round) wokuba abafundi baprekthize ukwenza ikhwizi ekhompyutheni (quiz online). Abafundi banokusebenzisa iiselula zabo ukuthatha inxaxheba ekhompyutheni (online). Izikolo zikhuphisana ekuphenduleni iseti yemibuzo eyi-30 kumjikelo ngamnye. Zonke izikolo ziphendula imibuzo efanayo. Amaqela anikwa imizuzu eyi-60 eqingqiweyo ngombuzo ngamnye. Amaqela anokuxoxa ngeempendulo, ngokuzolileyo phakathi kwabo. Kuphela liqela elinye kwisikolo ngasinye elinokuthatha inxaxheba kumjikelo wesibini. Akuvumelekanga ukuba abafundi abathatha inxaxheba baze nezinto zokufunda kwindawo ekuqhutyelwa kuyo ikhwizi.

11. Imijikelo emibini yokuqala ye-Astroquiz yephondo, iya kubanjelwa esikolweni phantsi kweliso likatitshala owongameleyo. Umjikelo 1 uya kubanjwa ngoLwesihlanu we-22 Apreli 2016 ukuze uMjikelo 2 ube ngoLwesihlanu we-22 Julayi 2016.

12. Imijikelo 3 nowe-4 kwiphondo uya kubanjwa ngosuku olunye, ngoLwesihlanu we-26 Agasti 2016, kwi-SAAO e-Observatory, eKapa. Zonke izithili kwiphondo ngalinye ziya kumelwa kumjikelo wesithathu. Kuya kuba luxanduva lwe-SAAO ukuhambisa amaqela aya kuMjikelo 3 no 4 wephondo nakumjikelo wokugqibela kuzwelonke. Isikolo esiwinayo siya kumela iphondo kukhuphiswano lukazwelonke, oluya kuba ngoLwesihlanu we-05-07 Oktobha 2016. Indawo yokhuphiswano lokugqibela lukazwelonke iya kwaziswa kamva.

13. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo noko ufuna ukukucaciselwa malunga nokhuphiswano, kucelwa ukuba uqhagamshelane ngqo ne-SAAO ngokuthumela i-imeyili, ngefoni okanye ngefeski. Unokungena kwiziko lewebhu kwakhona labo ukufumana ingcaciso engaphezulu. Nazi iinkcukacha zabo:

Ifoni: 021 460 9369 (Buzani)
021 460 9319 (Thembela)
021 460 9328 (Christian)
Ifeksi: 086 554 1330
I-imeyili: help@astroquiz.saao.ac.za
Iziko lewebhu: http://astroquiz.saao.ac.za

14. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beeSayensi zeNdalo beBakala 7 ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:02:23