1. Ukhuphiswano i-Science Schools Debates Competition yiprojekthi exhaswa ngemali yi-South African Agency for Science and Technology Advancement (SAASTA). Iinjongo eziphambili (core objectives) zokhuphiswano lweengxoxo (Debates Competition) zezi:„h

  • kukubonelela abafundi bamaBakala 9-11 ngethuba lokuphuhlisa izakhono zophando, ezokuzikisa ukucinga nezengcaciso yolwazi lokufunda nokubhala (information literacy skills), kwakunye nokubanako ukusebenza njengeqela nokuxoxa ngokusengqiqweni nangokucacileyo ngeembono zabo;
  • kukhuthaza abafundi baphengulule yaye bathethe ngemiba yezenzululwazi abathi baqubisane nayo kwiindawo abahlala kuzo, kumaphondo nakuzwelonke nokuba inzululwazi nethekhnoloji zinganako okanye zingangabinako njani na ukuyisombulula le miba;
  • kukuhanjiswa kwengcaciso yezenzululwazi (scientific information) kubafundi bezikolo eziphakamileyo ngendlela eyonwabisayo nangentsebenziswano ukwenzela ukukhuthaza umdla wabafundi;
  • kukuququzelela iikhathalogu zikazwelonke kwinzululwazi, kwezobunjineli nakwithekhnoloji; kunye
  • nokukhuthaza amakhondo omsebenzi anxulumene nezenzululwazi, ezobunjineli nethekhnoloji kubafundi baseMzantsi Afrika ukwenzela ukuba bakhuthazwe balandele ezi nkalo zala makhondo.
2. Ukhuphiswano luvuleleke kubo bonke abafundi abenza izifundo ezinxulumene neScience kumaBakala 9 -11 kuzo zonke izikolo eziziisekondari neziphakamileyo.

3. Ukungenela ukhuphiswano, izikolo:

  • Mazikhethe abafundi abahlanu kumaBakala 9-11 abenza iqela eliya kumela isikolo kukhuphiswano lweengxoxo;
  • Mazikhethe umcebisi (ongutitshala ) omakaqeqeshe abafundi;
  • Mazithumele i-imeyili enamagama omcebisi (ongutitshala), inombolo yefoni negama lesikolo apha: lizelle@wwmedia.co.za okanye ngefeksi apha: 021 979 5343 ukufumana ifom yokungenela ukhuphiswano (IsiHlomelo C) kwakunye neenkcukacha ezininzi ngolu khuphiswano (IsiHlomelo A no-B).
  • Umcebisi makasebenze nabafundi ukubalungiselela ukuba benze uphando yaye baqulunqe iingxoxo zabo ngesi sihloko silandelayo:
    "Do you think nanotechnology should be used in cleaning polluted water?"
  • Kulindeleke ukuba abafundi bakhethe ifomathi ibenye kwezi zilandelayo ukuveza izimvo zabo kwiingxoxo:

    Isincoko esibhalwayo

    • babhala isincoko esinamagama ayi-400-450, esitayitshwe ngefonti engu-Arial size 12 ne-line spacing engu-1.5 okanye sibhalwe ngesandla yaye sifundeke kakuhle nangokucacileyo.

    Amazwi arekhodiweyo (Voice recording) neskripthi

    • I-MP3 format yemizuzu emi-4, enamazwi abantu abahlanu abona baninzi nabayinxalenye yeqela elenza intetho;
    • Ukurekhodwa kwamazwi (voice recording) kufanele ukuhamba neskripthi esitayitshiweyo kwi-font engu-Arial 12 ene-line spacing engu-1.5 okanye kwifomathi ebhalwe ngesandla efundeka kakuhle nangokucacileyo.

    Ikliphu yeVidiyo (Video clip) neskripthi

    • I-MPEG okanye i-MP4 format yemizuzu emi-4 enabadlali abayi-5 abona baninzi abayinxalenye yeqela elikwikliphu yevidiyo (video clip);
    • Ikliphu yevidiyo ifanele ukuhamba neskripthi esitayitshiweyo ngefonti engu-Arial size 12 ne-line spacing engu-1.5 okanye ikwifomathi ebhalwe ngesandla efundeka kakuhle nangokucacileyo.
  • Umcebisi makazalise, asayine aze afake isitampu kwiphepha le-SAASTA National Schools Debates Entry cover page lango-2016 nengxelo yokuzibophelela (declaration) (IsiHlomelo B). Isincoko esibhaliweyo okanye ilizwi elirekhodiweyo okanye ikliphu yevidiyo nephepha elingaphezulu mazithunyelwe apha: debates@saasta.ac.za. Ukuba isikolo sifumana iingxaki ngokuthumela iifayili ezinkulu sisebenzisa iziko lewebhu: sinokusebenzisa eli ziko www.wetransfer.co.za
4. Ukufumana iinkcukacha ezingaphezulu, ziyacetyiswa izikolo ukuba zingene kwiziko lewebhu i-SAASTA Schools Debates Competition website apha: www.saasta.ac.za okanye zitshekishe ingcaciso kwi-Facebook page – SAASTA Debates – ukufumana isikhokelo ngevidiyo, ukubhalwa kwesincoko nangamazwi arekhodiweyo (voice recordings), kwakunye nengcaciso eyongezelelweyo engophando ngezenzululwazi.

5. Umhla wokuvala ukungenela ukhuphiswano nguMgqibelo we-20 Februwari 2016 ezinzulwini zobusuku.

6. Isincoko esibhaliweyo, ilizwi elirekhodiweyo (voice recording) okanye ikliphu yevidiyo, ziya kuvavanywa ligqiza labagwebi bangaphandle abatyunjwe yi-SAASTA. Izikolo ezigqwesileyo ezilishumi ziya kukhethwa ngokwephondo ngalinye. Ezi zikolo ziya kwaziswa ngeziphumo engadlulanga uLwesithathu we-30 Matshi 2016.

7. Isincoko esiphume emagqabini kwizikolo ezigqwesileyo ezilishumi kwiphondo, siya kunikwa ibhaso eliyimali eyi-R6, 000 emalisetyenziselwe ukuthenga izixhobo zaselebhu, iincwadi okanye nantoni na enokuba luncedo esikolweni.

8. Izikolo ezilishumi ezigqwesileyo ezikhethiweyo kwiphondo ziya kuya kumasifundisane wephondo ngoMgqibelo we-16 Apreli 2016. Lo masifundisane uya kuqhutywa yi-SAASTA isebenzisana no-Word Wise Media.

9. Izikolo ezigqwesileyo ezilishumi emva koku ziya kuthatha inxaxheba kukhuphiswano lweengxoxo lwephondo ngoMgqibelo we-21 Meyi 2016 apho amaqela aya kukhuphisana phakathi kwawo. Olu khuphiswano luya kusingathwa ligqiza labagwebi bephondo.

10. Isikolo esiphumelelayo kukhuphiswano lweengxoxo zezikolo ezigqwesileyo ezilishumi siya kumela iphondo kukhuphiswano lokugqibela lwabagqwesileyo ngoLwesine we-06 Oktobha 2016. Ibhaso lokuqala labaphumeleleyo kuzwelonke luhambo lokuya eMelika.

11. Ngo-2015, i-Settlers High School yaphumelela ukhuphiswano lwesincoko sephondo ngo-75%. Isikolo sanikwa ibhaso eliyimali eliyi-R6, 000.
I-De Kuilen High School yaphumelela ibhaso lokuqala lokhuphiswano lwengxoxo kwiphondo yaza yaya kumela iphondo kwinqanaba likazwelonke apho esi sikolo saphumelela ibhaso lesithathu. ISebe leMfundo leNtshona Koloni libothulela umnqwazi abacebisi ngomsebenzi wabo oqaqambileyo wokuhlupheza iingqondo zabafundi balibone ilizwe lenzululwazi elimangalisayo. Kumjikelo wokugqibela kazwelonke umcebisi ngamnye weqela lephondo wafumana ilephutophu entsha njengesipho ngenxa yemigudu yakhe.

12. Eyona nto ibalulekileyo kukuqaphela, ukulawula nokukhuthaza italente yenzululwazi kwizikolo zethu.

13. ISebe iWCED ke ngoko licela izikolo ukuba zibangenele abafundi abakumaBakala 9 -11 abayithanda ngokumangalisayo inzululwazi kolu Khuphiswano lwe Science Schools Debates Competition lwango-2016.

14. Ziyacelwa Iinqununu ke ngoko ukuba zazise okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane kubo bonke abasebenzi abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE OBAMBELEYO WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:01:19

"IsiHlomelo A"  (ubukhulu: 145 KB)
"IsiHlomelo B"  (ubukhulu: 178 KB)
"IsiHlomelo C"  (ubukhulu: 106 KB)