1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liya kube libambe uKhuphiswano lokuBhala ngoBuchule kusetyenziswa iiLwimi eZininzi (Multilingual Creative Writing Competition) kwiBakala 6 kwiKota 1 ka-2016. |
2. |
Injongo yolu khuphiswano kukomeleza ukuBhala ngoBuchule (Creative Writing) okuyinxalenye yesicwangciso i-WCED Language Strategy, 2015-2019. |
3. |
Izikolo maziqaphele ukuba amanqaku eziqwengana ezibhalwayo ngobuchule (creative written pieces) asuka kukhuphiswano anokusetyenziselwa i-Formal Assessment Task (FAT) yeKota 1. |
4. |
I-WCED iyathemba ukuba lo mngeni uya kukhuthaza ezo zikolo zinomdla ekuthatheni inxaxheba ekwenzeni konke okusemandleni azo ukukhuthaza ukubhala ngobuchule nokunika abafundi amathuba okufunda inkqubo yokubhala. |
5. |
Ukhuphiswano luya kuqhutywa ngoLwimi lweeNkobe lwabafundi. |
6. |
Iziqwengana ezibhalwayo ezigqityiweyo ziya kupapashwa kwincwadi yamabali abhalwe ngeelwimi ezininzi esihloko sithi "Usiba Lomfundi". |
7. |
Ukuza kuthi ga ngoku sekubanjwe oomasifundisane nabacebisi ngezifundo bezithili kwanootitshala abakhokelayo (lead teachers) ngenjongo yokuxhasa ukukhethwa kwezincoko kumanqanaba ahlukeneyo okhuphiswano. |
8. |
Abathathi-nxaxheba ababandakanyeka kule projekthi baquka i-Pan South African Language Board (PanSALB), i-Centre for the Book, iYunithi yezeeLwimi yeSebe leMicimbi yeNkcubeko nezeMidlalo (Language Unit of the Department of Cultural Affairs and Sport), iiLayibrari zeSixeko seKapa nezePhondo, i-Afrikaanse Taalraad, i-Publishers’ Association of South Africa (PASA) kunye ne-EDULIS.
|
9.1 |
Kukho ilungelo lokukhetha phakathi kwezihloko ezibalisayo nezichazayo eziqhotyoshelwe njengeSihlomelo A. |
9.2 |
Izikolo ziya kubhala i-FAT yokuqala ngokweekhrayitheriya ezimiselweyo yaye zimakishe iziqwengana ezibhalwa ngobuchule ngokwemeyitriksi yokumakisha (marking matrix) ekwiSihlomelo B. |
9.3 |
Idrafti neziqwengana ezibhalwayo ezigqityiweyo mazingeniswe zikwi-A5 exercise book. |
9.4 |
Izikolo zithumela isiqwengana somsebenzi obhalwa ngobuchule okhethiweyo walowo utshatsheleyo kuloo misebenzi (o.k.t. ube mnye kuphela) kuMququzeleli weGET. Kucelwa uqwalasele uluhlu lwaBaququzeleli be-GET abakule theyibhile ingezantsi. |
9.5 |
Ikomiti yokukhetha yesithili iya kwenza uluhlu olufutshane lweziqwengana ezibhalwa ngobuchule ezizezona zigqwesileyo ize izithumele kwiKomiti ejongene nezokuBhala ngoBuchule yePhondo (Provincial Creative Writing Committee) eya kukhetha amabali alishumi agqwesileyo, o.k.t. ma-3 kwiqela lolwimi ngalunye kuqukwa eli-1 leSisuthu. |
9.6 |
Zonke izikolo ezithatha inxaxheba ziya kufumana ikopi yencwadi yamabali abhalwe ngeelwimi ezininzi. |
9.7 |
Abafundi beziqwengana zokubhalwayo eziphumeleleyo baya kubuyekezwa ngezipho kumsitho wePhondo oya kubanjwa ngoAgasti 2016. |
10. |
Kucelwa ukuba ufumane ishedyuli eqhotyoshelweyo apha yemihla yokhuphiswano njengeSihlomelo C. |
11. |
Kucelwa iinqununu zibhalise izikolo zazo kwangexesha njengoko oku kuya kunika isikhokelo sokunceda kumalungiselelo okhuphiswano. |
12. |
Ifom yokubhalisa (isiHlomelo D) mayingeniswe ungadlulanga uLwesihlanu, nge-29 Januwari 2016 kuMququzeleli we-GET ochaphazelekayo.
|
13. |
Kucelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE OBAMBELEYO WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:01:19
|
|