1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lilungise le ncwadana "Tips for Success" ukulungiselela umfundi ngamnye wabafundi beBakala 9 eNtshona Koloni ukubanceda ekukhetheni kwabo izifundo kwiBakala 10. Le ncwadana inika iingcebiso ngokufunda, iingcebiso ngeemviwo, iingcebiso ngokuphumelela kunye nenye ingcaciso eluncedo.
2. Le ncwadana iya kusiwa ngamagosa ezithili kuzo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ezinabafundi beBakala 9.
3. Le ncwadana kufuneka inikwe umfundi ngamnye weBakala 9 yakuba nje ifikile.
4. Ukuba kuthe kanti inani leencwadana ezisiwe esikolweni alichanekanga, kucelwa uqhagamshelane ne-ofisi yesithili sakho. Iincwadana ezingaphezu kwemfuneko mazibuyiselwe kwi-ofisi yesithili.
5. Ukwenzela ukuba ezi ncwadana zibe nesiphumo esinqwenelekayo sokuncedisa abafundi ekukhetheni izifundo zabo nokulungiselela iimviwo, kucetyiswa ngamandla ukuba ootitshala baxoxe ngokuqulethwe yile ncwadana neeklasi zabo zeBakala 9 yaye bakhuthaze abafundi ukuba bayifunde kwaye bayisebenzise le ncwadana.
6. Kucelwa iinqununu zincede zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE OBAMBELEYO WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:01:19