1. |
I-National Natural Science Olympiad yiprojekthi exhaswa ngemali yi-South African Agency for Science and Technology Advancement (SAASTA). Injongo yale Olimpiyadi:
- kukudala umdla wesayensi kubafundi nokubakhuthaza bafunde isayensi kwiSigaba seFET;
- kukuqaphela abafundi beeSayensi zeNdalo abaziintshatsheli kuzwelonke;
- kukunika inkxaso ootitshala beeSayensi zeNdalo nokuphucula indlela abafundisa ngayo eklasini; kunye
- nokuqaphela italente kubafundi beeSayensi zeNdalo.
|
2. |
I-Olimpiyadi ngumsebenzi ohlupheza ingqondo (stimulating activity) ofuna abathathinxaxheba babonise ukucinga ngokuphangaleleyo (critical thinking), izakhono zokwazi ukusombulula iingxaki (problem-solving abilities), ingqondo yokukwazi ukuvelisa izinto ezintsha kunye nobuchule bokuyila (innovativeness and creativity). Ixhasa isicwangciso i-Western Cape Education Department's (WCED) strategy for Mathematics and Physical Science. Kukho amabhaso angayiwayo aza kuphunyelelwa ngabo bafundi batshatsheleyo kwi-Olimpiyadi. |
3. |
Ngo-2015, bayi-30 320 abafundi bamaBakala 4 - 6 nabafundi abayi-63 281 bamaBakala 7 - 9 (eNtshona Koloni) ababebhale iimviwo ze-Olimpiyadi. Impumelelo engumndilili yephondo ibingu-39.7% kumaBakala 4 no-6 kunye no-40.5% kumaBakala 7 - 9. La mabhaso alandelayo aye anikwa abaphumeleleyo eNtshona Koloni kudidi lukazwelonke (national category):
Iziphumo ze-Olimpiyadi zeeSayensi zeNdalo zika-2015
IGAMA LESIKOLO |
II-INISHIYALI NEFANI YOMFUNDI |
IBAKALA |
ABAFUNDI ABAWONGWAYO |
INDAWO AKUYO UMFUNDI KUZWELONKE |
% |
IBHASO |
Sweet Valley Primary School |
D Junor (61%) |
4 |
Ngumfundi otshatsheleyo kumaBakala 4 no-5 |
1 |
61 |
Ithablethi |
Star College |
A Abdullah (78%) |
6 |
Ngabafundi abathathu abatshatshele jikelele : kumaBakala 4-6 |
1 |
78 |
Ithablethi |
Grove Primary |
SH Hofmeister (77%) |
6 |
Ngabafundi abathathu abatshatshele jikelele : kumaBakala 4-6 |
2 |
77 |
Ithablethi |
Parklands College |
RS Sparg (70%) |
7 |
Ngabafundi abatshatsheleyo kumaBakala 7 no-8 |
1 |
70 |
Ithablethi |
Parklands College |
FS Smuts (77%) |
9 |
Ngabafundi abathathu abatshatshele jikelele : kumaBakala 7-9 |
1 |
77 |
Ithablethi (3G) |
IZIKOLO EZITSHATSHELEYO KUZWELONKE |
Rondebosch Boys Preparatory |
63.67% |
AmaBakala 4-6 |
|
63.67 |
R6 000 ivawutsha yezixhobo zaselebhu |
|
4. |
Ngo-2016 i-WCED inqwenela ukwandisa intatho-nxaxheba yabafundi abasuka kwizikolo ezazivinjwe amathuba ngaphambili (previously disadvantaged schools). Imali yenkxaso iya kufumaneka ukuhlawula amangeno abafundi (learners’ entries). I-Olimpiyadi kwakhona luviwo olunyanzelekileyo lwabo bonke abafundi abakwiZikolo zeMathematika, iSayensi neThekhinoloji (Maths, Science and Technology (MST) Schools). Imali yenkxaso iya kufumaneka kwakhona yamangeno abo. Zonke ezi zikolo mazithumele amangeno abafundi bazo kuSuanne Rampou ungadlulanga owe-15 :00 ngoLwesihlanu, we-26 Februwari 2016. Izikolo zinako ukusikena amangeno azo yaye ziwathumele nge-imeyili apha Suanne.Rampou@westerncape.gov.za okanye ziwathumele ngefeksi ku-086 205 1450. |
5. |
Intlawulo yokuthatha inxaxheba kwi-Olimpiyadi yi-R10.00 ngomfundi ngamnye. Le mali mayidiphozithwe ngqo kwi-akhawunti yebhanki ye-SAASTA. Iinkcukacha zebhanki zikwifom yokungenela. Akukho nani liqingqiweyo labafundi elibekelwe abo banokungenela i-Olimpiyadi. |
6. |
I-Olimpiyadi luviwo olukhethisayo (multiple-choice questions) olufumaneka ngesiNgesi kuphela. Lwahlulwe lwangamacandelo amabini, o.k.t. iSigaba seSiseko neSigaba esiPhakamileyo. Luya kubhalwa kuphela ngo-09:00 – 12:00 ngoLwesine, nge-05 Meyi 2016. Umhla osikiweyo wokubhalisa eNtshona Koloni nguMvulo, we-29 Februwari 2016. |
7. |
Abafundi abanetalente abanjengaba bangasentla mabaqatshelwe yaye bakhuthazwe ezikolweni zethu. I-WCED ikhuthaza izikolo zingenise abafundi besayensi abathembisayo kumaBakala 4 - 9 kwi-Natural Science Olympiad ka-2016. |
8. |
Kucelwa izikolo zikugcine ukuthembeka (integrity) kwe-Olimpiyadi ngokubagada ngenyameko abaviwa ababhala uviwo. Ukuba kwenzeke isitenxo (an irregularity), isikolo esichaphazelekayo siya kukhutshwa kwi-Olimpiyadi ngaphandle kwengxoxo. |
9. |
Kucelwa izikolo zizalise yaye zisayine ezi fom zobhaliso ziqhotyoshelweyo (iziHlomelo A no-B) zize zizibuyisele kweyona ofisi yesithili ikufutshane okanye kwiziko lesayensi elidweliswe kwisiHlomelo C. Makuqinisekiswe ukuba ikopi yerisithi yentlawulo iqhotyoshelwe kwifom yobhaliso. Zonke iifom zobhaliso eziqhotyoshelweyo mazifike kwii-ofisi ngee-ofisi zezithili kunye/okanye kumaziko esayensi engadlulanga u-14:00 ngoLwesibini, we-23 Februwari 2016. |
ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE OBAMBELEYO WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:01:19
|
|