1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) lenza isixhobo sovavanyo i-Diagnostic Assessment Tool seBakala 8 nesaqaliswa ukusetyenziswa ezikolweni ngo-2016 kuLwimi, kwiMathematika nakwi-Natural Sciences. |
2. |
Ukusetyenziswa kwesi sixhobo kwenze ukuba izikolo zibenako ukubafaka abafundi kumaqela ngokwezakhono zabo nokuba zibanike inkxaso eyimfuneko ukuphuhlisa ngokukhulu izakhono zabo kwizifundo. |
3. |
Kucingelwa ukuba iziphumo zolu ngenelelo ngoncedo aziyi kuvala isikhewu kwiqela elithile labafundi abathile nje kuphela, ngokukodwa kwiMathematika nakwi-Natural Sciences kwiBakala 9, koko kuya kubakho nokwanda kwenani labantu abafunda ezi zifundo kwiCandelo le-Further Education and Training (FET) Band. |
4. |
Ngenxa yoku, zakuqeqeshelwa zonke izikolo eziphakamileyo ukusisebenzisa esi sixhobo siyi-Diagnostic Assessment Tool ngabacebisi bezifundo ngo-2015 yaye zafumana ne-CD ene-Diagnostic Assessment Tool, amaxwebhu ii-recording sheets kwakunye nevidiyo yemiyalelo yokusetyenziswa kwesixhobo (instructional video). |
5. |
Le ngcaciso imfutshane yenzelwe ukwazisa izikolo ukuba zenze amalungiselelo ovavanyo lolwazi lomfundi (diagnostic assessment) kubafundi beBakala 8 ngo-2017. Imihla ecetyiswayo yile: owe-18, 19 no-we-20 Januwari 2017. |
6. |
Inkqubo yokuqalisa oku ecetyiswayo yile ilandelayo:
- Izikolo ziprinta amaphepha emibuzo ngo-2016
- Izikolo zinika ingxelo ngokulungela kwazo ukuqalisa i-Diagnostic Assessment Tool.
- Bonke abafundi beBakala 8 babhala iimvavanyo ezintathu zeyure enye ngoJanuwari 2017.
- Ootitshala bagqiba ukumakisha iimvavanyo ungadlulanga owe-30 Januwari 2017.
- Izikolo zifaka iziphumo kwikhompyutha (capture results electronically) kwi-excel spreadsheets ingadlulanga iveki yesibini kaFebruwari 2017.
- Izikolo zithumela nge-imeyili ii-summary spreadsheets ezineziphumo zabafundi ezixela indlela abaqhube ngayo abafundi ngesifundo ngasinye, ngenqanaba lolwazi lokuqonda ngenkalo yekhontenti nganye nezicwangciso zongenelelo ngoncedo kwii-ofisi zezithili engaphelanga uFebruwari 2017 ukwenzela ukuhlalutywa kweziphumo zizithili.
- Ii-ofisi zezithili zishwankathela idatha nezicwangciso zongenelelo ngoncedo zize zizigqithisele kwaNdlunkulu ungadlulanga owe-17 Matshi 2017.
- Zisebenzisa esi sixhobo sinye, izikolo ziqhuba uvavanyo lwasemva kolu (post-test) engadlulanga uSeptemba 2017 zize zingenise idatha kwii-ofisi zezithili (akunyanzelekenga oku).
|
7. |
Inkxaso kwizikolo
ISebe iWCED licebisa ngezi program zenkxaso zilandelayo ukulungiselela izikolo: |
7.1 |
Uvavanyo lolwazi lomfundi (Diagnostic assessment) kuLwimi nakwiMathematika kuphela Izikolo zinokukhetha ukuvavanya uLwimi neMathematika kuphela. Uvavanyo lwe-Natural Sciences alunyanzelekanga njengoko abanye abafundi benokukufumana kunzima ukukhumbula ikhontenti yesifundo yeminyaka edlulileyo. |
7.2 |
Ukusetyenziswa kwabantu abafaka idatha (data capturers) Ngenxa yokuba le nkqubo yokufaka idatha iyinkqubo enzima nezixakekisayo izikolo, iSebe iWCED liya kuzivumela zonke izikolo ezithatha inxaxheba ukuba ziqiniseke ukuba zifumana umntu wokufaka idatha omnye ngesikolo ngasinye, afake iziphumo zeemvavanyo ii-diagnostic assessment. Ukugaywa kwabantu bokufaka idatha icaciswe kwisiHlomelo A.
|
7.3 |
Iimbono ezongezelelweyo zokunika inkxaso abafundi kuLwimi, kwiMathematika nakwi-Natural Sciences Izikolo zinokusebenzisa ezinye iindlela zongenelelo ngoncedo ukunika inkxaso abafundi beBakala 8 abangaqhubi kakuhle kuLwimi nakwiMathematika, ezifana nokuba zibe ngamahlakani namashishini engingqi ukunika inkxaso isikolo ngezi ndlela zilandelayo:
- Ukufundiswa kwezi zifundo kusetyenziswa abanye abantu abafundisayo (tutors), abafundi kunye/okanye ootitshala abadla umhlala-phantsi ukulungiselela iiklasi zangeMigqibelo, zasemva kwemini neezeholide (o.k.t. isikolo sasebusika nesentwasahlobo).
- Ukuqhuba iiklasi ezongezelelweyo ezingaphezulu ezihlawulelwa ngabazali.
- Ukuhlanganisa iinzame ezenziwa zizikolo nokwabelana ngezibonelelo kwezikolo ezingabamelwane.
- Ukwahlula abafundi babe ngamaqela ngesifundo ngasinye ngokwezakhono zeqela ngalinye.
- Ukusebenzisa indlela "ekukubakhupha" ("pull-out" method) abafundi, oko kukuthi ukubakhupha kwiklasi enabafundi abanezakhono ezixubeneyo (mixed ability class) ukubasa kwiklasi yephiriyodi yesifundo esithile apho utitshala aya kubafundisa ngokweemfuno nezakhono zabo, ukuze emva koko babuyele kwiklasi yabo ababhaliswe kuyo.
|
8. |
Makuxoxwe ngokuphunyezwa kwesicwangciso sokuphucula umgangatho i-Language, Mathematics and Science (LMS) strategy kwisikolo ngasinye kunye nabo bonke abadlali-ndima abacetywayo abangabahlali besikolo. |
9. |
Ziyacelwa iinqununu ziqinisekise ukuba okukule ngcaciso imfutshane kuya kugqithiselwa kubo bonke ootitshala namagosa olawulo aya kufaka idatha. |
ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE OBAMBELEYO WEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2016:12:07
|
|