1. Ukuphucula iMathematika kuwo onke amabakala yenye yezinto eziphambili ngokobaluleko zeSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED).

2. IWCED yenze izifundo zoqeqesho eziphangaleleyo ekuthenjwa ukuba ziya kukuthatha ukufundiswa kweMathematika zikubeke kwelinye inqanaba.

3. Olu qeqesho lujolise ekuphuculeni ootitshala kwezi nkalo zilandelayo zokufundisa iMathematika:

  • ubuchule bokubuza imibuzo ukukhuthaza ukucinga ngokwendlela yeMathematika;
  • amacebo okunceda abafundi ekuqondeni nasekutolikeni imibuzo;
  • amacebo okuseta imibuzo ngokwamanqanaba obuchule bokusebenza kwengqondo ahlukeneyo (different cognitive levels);
  • ukuseta iimvavanyo ezisemgangathweni nemisebenzi yovavanyo enjalo;
  • indlela yokumodareyitha iphepha lovavanyo/umsebenzi wovavanyo;
  • ukuqinisekiswa komgangatho womsebenzi wabafundi; kunye
  • nendlela yocazululo lwee-ayithem nokuqaphela iimpazamo (item and error analysis) nokunika inkxaso efanelekileyo.
4. Esi sifundo siya kunika ngokuqinisekileyo amava aphathekayo kuzo zonke iinkalo ezichaziweyo.

5. Ukuza kuthi ga ngoku bonke abacebisi bezifundo sebefumene uqeqesho yaye iWCED ijonge ukuqeqesha isiqendu esilandelayo sabaphathi abajongene neMathematika kwinqanaba lesikolo.

6. Olu xwebhu lokunxibelelana lwazisa ngoqeqesho lweMathematika olulandelayo:

Ngubani omakabekho: Iintloko zamacandelo esigaba sesiseko nezamacandelo esigaba esiphakathi (HoDs) kunye/okanye iintloko zesifundo ezijongene neMathematika.
Nini: Nge-29 – 31 Matshi ne-01 Epreli 2016 (Lwesibini – Lwesihlanu).
Indawo: Iya kuba kwi-ofisi yesithili ize iqinisekiswe xa selisondele ixesha.

7. Makuqatshelwe ukuba uqeqesho lwabo bonke ootitshala besigaba sesiseko nabesigaba esiphakathi beMathematika luya kuqhubeka ngoJulayi 2017.

8. Kubalulekile ukuba ii-HoD ezichaphazelekayo kunye/okanye iintloko zesifundo zibhaliswe kwangethuba njengoko oku kuya kuncedisa ekulungiseleleni uqeqesho. IFom yokuBhalisa (isiHlomelo A) mayingeniswe ungadlulanga uLwesine, 04 Februwari 2016 kuMququzeleli wezeGET ochaphazelekayo odweliswe kule theyibhile ingezantsi:

Isithili Umququzeleli Ifoni I-imeyili Ifeksi
Metro Central Avrille Morgendal 021 514 6770 Anna.Morgendal@westerncape.gov.za 021 514 6770
Metro North Malefo Makena 021 938 3104 Malefo.Makena@westerncape.gov.za 021 938 3104
Metro East Ursula Esau 021 900 7051 Ursula.Esau@westerncape.gov.za 021 900 7051
West Coast Ebrahim Peck 021 860 1569 Ebrahim.Peck@westerncape.gov.za 021 860 1569
Cape Winelands Edgar Johannes 023 348 0605 Edgar.Johannes@westerncape.gov.za 086 555 0261
Eden & Central Karoo Marietjie Beukes 044 803 8316 Marietjie.Beukes@westerncape.gov.za 086 673 8499
Metro South Lorraine Bailey 021 370 2041 Lorraine.Bailey@westerncape.gov.za 021 372 1856
Overberg James Daniels 028 214 7363 James.Daniels@westerncape.gov.za 028 214 7400

9. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane kubasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:01:12

IsiHlomelo A  (ubukhulu: 55 KB)