1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni lilungise le ncwadana "Tips for Success" ukulungiselela umfundi ngamnye wabafundi beBakala 9 eNtshona Koloni ukubanceda ekukhetheni kwabo izifundo kwiBakala 10. Le ncwadana inika iingcebiso ngokufunda, iingcebiso ngeemviwo, iingcebiso ngokuphumelela kunye nenye ingcaciso eluncedo. |
2. |
Le ncwadana iya kusiwa ngamagosa ezithili kuzo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ezinabafundi beBakala 9. |
3. |
Le ncwadana kufuneka inikwe umfundi ngamnye weBakala 9 yakuba nje ifikile. |
4. |
Ukuba kuthe kanti inani leencwadana ezisiwe esikolweni alichanekanga, kucelwa uqhagamshelane ne-ofisi yesithili sakho. Iincwadana ezingaphezu kwemfuneko mazibuyiselwe kwi-ofisi yesithili. |
5. |
Ukwenzela ukuba ezi ncwadana zibe nesiphumo esinqwenelekayo sokuncedisa abafundi ekukhetheni izifundo zabo nokulungiselela iimviwo, kucetyiswa ngamandla ukuba ootitshala baxoxe ngokuqulethwe yile ncwadana neeklasi zabo zeBakala 9 yaye bakhuthaze abafundi ukuba bayifunde kwaye bayisebenzise le ncwadana. |
6. |
Kucelwa iinqununu zincede zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE OBAMBELEYO WEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2016:12:08
|
|