1. Ngo-2015 iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) lalibambe iprojekthi eyi-Grade R Emergent Literacy (ELIT) Project eyayenzelwe ootitshala okanye iiprakthishina zeBakala R.
2. Le ngcaciso imfutshane yazisa izikolo ngelinge elifana nelo eliyi-Emergent Mathematics Project (R-Maths) eyenzelwe ootitshala/ iiprakthishina kunye notitshala abancedisa abantwana abanengxaki beBakala R.
3. I-WCED ingene kubuhlakani (partnership) neyunithi i-Schools Development Unit (SDU) yaseYunivesithi yaseKapa kwakunye nabaxhasi ngemali bale projekthi ebandakanya iphondo liphela.
4. Le projekthi inenjongo yokuphucula kakhulu ukufunda nokufundiswa kweMathematika kwiBakala R ngokunikezela ngezixhobo, izicwangciso kunye nenkqubo eqingqwe ngokulungelene nokukhula komntwana ukwenzela ukuba kusetyenziswe ixesha eligxininisa kakhulu kwiMathematika kwiprogram yemihla ngemihla. Ikhontenti yemathematika ingqinelaniswe ne-CAPS yaye abathathinxaxheba baya kuphonononga umsebenzi nokuntsonkotha kweekhonsepthi ezingundoqo ekwakhelwe kuzo ukufundwa kwemathematika kwixesha elizayo.
5. Iprojekthi i-Emergent Maths Project iya kuphononongwa yi-arhente yezophando yangaphandle.
6. Le projekthi iya kuqhubeka ngezigaba ezibini kwithuba leminyaka emibini ngokulandelayo: izikolo zesigaba 1 ziya kuqeqeshwa ngo-2017 zize izikolo zesigaba 2 zona zifumane ukuqeqeshwa ngo-2018. Zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo namaziko azimeleyo oPhuhliso lweMfundo yaBasaqalayo (Early Childhood Development) (ECD)) ziya kucelwa zithathe inxaxheba nokuba kukwisigaba 1 okanye kwesesi-2. Izithili ziya kwazisa zonke izikolo namaziko ee-ECD ngesigaba eso zifakwe kuso ungadlulanga owe-30 Novemba 2016.
7. Kucelwa uqaphele ukuba ootitshala/iiprakthishina ezingezizo ezeBakala R (umzekelo abancedisi abazii-Early Childhood Development (ECD) assistants neeprakthishina ze-pre-Grade R) abanako ukubhalisela olu qeqesho. Nakuba kunjalo abathunywa abayileyo kuqeqesho banako ukwabelana nabo ngolwazi abalufundileyo kumsebenzi wabo wokufundisa. Oku kuya kuba ngumsebenzi oya kuququzelelwa yikomiti yolawulo lwesikolo.
8. Kwisigaba ngasinye uqeqesho luya kuqhutywa ngothotho loomasifundisane abaziiklasta (a series of cluster workshops) nangomasifundisane abe mnye oqhutywa ithuba leentsuku ezintlanu ezilandelelanayo (five-day block workshop). Ootitshala okanye iiprakthishina ezibhaliselwe ukuya kule khosi mazizibophelele ekubeni ziza kuya kuyo yonke le program njengoko umntu ngamnye eya kunikwa ii-maths resources zeklasi yakhe. Ngabacebisi ngezifundo abaya kube beqhuba olu qeqesho.
9. Ngo-2017, oomasifundisane besigaba 1 baya kuqhubeka ngokulandelayo:

Oomasifundisane beeklasta 1 no-2 14 Januwari 2017 (4 iiyure) Baya kuqinisekiswa yi-ofisi yesithili phambi kokuphela kuka-2016.
Umasifundisane 3 17 uya ku-20 Januwari 2017* Izithili ziya kuthumela izaziso ekubhalwe kuzo imihla ngqo neendawo ekuya kuqhubekela kuzo uqeqesho kwizikolo zeSigaba 1 ubuncinane iiveki ezintathu phambi kokuba aqhubeke umasifundisane.
Umasifundisane weklasta 4 13 ukuya kwi-17 Februwari 2017*
Umasifundisane weklasta 5 13 ukuya kwi-17 Matshi 2017*
Umasifundisane weklasta 6 08 ukuya kowe-12 Meyi 2017*
Umasifundisane weklasta 7 05 ukuya kowe-09 Juni 2017*
Umasifundisane weentsuku eziliqela ezilandelelanayo 03 ukuya kowe-07 Julayi 2017: Uqeqesho lweentsuku ezintlanu ngeeholide zikaJulayi Kuya kuqinisekiswa iindawo ekuya kubanjelwa kuzo uqeqesho ngo-2017.
*Ootitshala mabaye kumasifundisane abe mnye weeklasta kwithuba elimiselweyo

10. Ngenjongo yokufumana ingcaciso engaphezulu kucelwa uqhagamshelane nomququzeleli weGET wesithili ochaphazelekayo:

Isithili Umququzeleli Ifoni I-imeyili
Metro Central Avrille Morgendal 021 514 6770 amorgendal@gmail.com
Metro North Malefo Makena 021 938 3104 Malefo.Makena@westerncape.gov.za
Metro South Lorraine Bailey 021 370 2061 Lorraine.Bailey@westerncape.gov.za
Metro East Ursula Esau 021 900 7051 Ursula.Esau@westerncape.gov.za
West Coast Ebrahim Peck 021 860 1569 Ebrahim.Peck@westerncape.gov.za
Cape Winelands Edgar Johannes 023 348 0605 Edgar.Johannes@westerncape.gov.za
Overberg Lynne Le Grange 028 214 7363 Lynn.LeGrange@westerncape.gov.za
Eden & Central Karoo Marietjie Beukes 044 803 8320 Marietjie.Beukes@westerncape.gov.za
11. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala okanye iiprakthishina zeBakala R yaye baqinisekise ukuba le projekthi ifakiwe kwikhalenda yesikolo.


ISAYINWE: NGU-L ELY
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:11:17