1. NgokweNkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assesssment Policy (CAPS)) weeLwimi kwiSigaba esiPhakamileyo (amabakala 7-9), abafundi kufuneka benze "ukufunda okuqingqiweyo kweetekisi zokufunda" ("formal study of literary texts"), kubandakanywa amabalana amafutshane, iinoveli, isihobe nedrama.
2. Fumana apha kuqhotyoshelwe uluhlu lwephondo lweencwadi ezicetyiswayo zokuFunda uNcwadi zamaBakala 7 – 9 zika-2017.
3. Olu luhlu lwenziwe ngenjongo yokunciphisa imfuneko yokuthenga iincwadi ezintsha, kodwa kuye kwangezwa izihloko ezitsha kuluhlu.
4. IKomiti ethweswe uXanduva lweeNcwadi eZimiselweyo (Prescribed Book Committee) iqwalasele zonke iingcebiso neekhomenti, kwafakelwa nezilungiso kuluhlu lwephondo.
5. Kucetyiswa izikolo ke ngoko ukuba zijonge iNgcaciso eMfutshane yeCandelo lokuXhasa Amaziko Ngezibonelelo: 0005/2013 phambi kokuba zisebenzise uluhlu loncwadi lokugqibela luka-2017 ukuthenga uncwadi.
6. Izikolo maziqaphele ukuba injongo yolu luhlu kukunceda ootitshala beelwimi bamaBakala 7 – 9 ekukhetheni iitekisi zokufunda. Iitekisi zokufunda ezininzi zibandakanya imibuzo, ukwenza izicelo (applications) namanqaku aziingongoma eziphambili (notes) ukunika inkxaso abafundi. Malunga nezihloko ezithile kukho uncedo olufumanekayo kwi-intanethi.
7. Ukufundwa kweentlobo zoncwadi kubandakanywa isihobe, iinoveli, amabalana amafutshane, idrama namavo (kwiiLwimi zesiNtu) kuya kunika isiseko sohlalutyo lweetekisi kwinqanaba leFET. Ukufakwa kwamavo (essays) kwiiLwimi zesiNtu kujoliswe ekunikeni umzekelo kuze ngaloo ndlela kunikwe inkxaso ngokufanelekileyo izakhono zokubhala ngobuchule (creative writing skills).


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:10:12

"Final 2017 Lists: English Literature"  (ubukhulu: 107 KB)
"Finale Lys vir 2017: Afrikaans Letterkundestudie"  (ubukhulu: 153 KB)
"Literature Study Lists: African Languages 2017"  (ubukhulu: 116 KB)