1. INkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statement (CAPS)) yeeSayensi zeNtlalo (Social Sciences) kwiSigaba esiPhakathi (Intermediate Phase) igxininisa ngokukodwa kwimiba ethile ekhethiweyo yezakhono zeemephu (selected aspects of map skills).
2. Ukuze kube nokufikelelwa kwizakhono zejografi ezigxininisa ngokukodwa kwimiba ethile nakuphuhliso olucwangcisiweyo (focused and systematic development of geographical skills) kwibakala ngalinye, abafundi mabafundiswe iintlobo ngeentlobo zokusetyenziswa kweemephu nezinye izakhono zejografi ezinxulumene nezihloko zephysical ne-human Geography kumaBakala 4 ukuya ku-6.
3. Ukusetyenziswa kweemephu makuhlanganiswe (be integrated) nezihloko zezifundo kwibakala ngalinye liphela.
4. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) liya kubonelela ngemephu yodonga yaseMzantsi Afrika (physical) kunye nemephu yodonga yaseAfrika (political) kuzo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ezinamaBakala 4 ukuya ku-6.
5. Ezi mephu ziya kusiwa ezikolweni zisuka kwii-ofisi zezithili zosibhozo.
6. Iinqununu neentloko zamacandelo ezifundo maziqinisekise ukuba kugcinwa i-inventri yazo zonke izibonelelo ezikhutshwa yiWCED kwanokuqinisekisa ukuba kusetyenziswa umgaqo-nkqubo ongqongqo wokubuyiswa kwezibonelelo ezinikwe abafundi.
7. Kukhuthazwa ootitshala bee-Social Sciences ukuba baziqhelanise nezi mephu zodonga, babelane ngengcaciso yaye bazisebenzise mihla le ekufundiseni kwabo.
8. Usetyenziso lweemephu zodonga malubekwe esweni yintloko yesigaba okanye yintloko yecandelo lezifundo kunye nangamagosa esithili.
9. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu malunga noku, izikolo zingaqhagamshelana noNks N Dodgen, oyi-Deputy Chief Education Specialist yeGET, kule dilesi ye-imeyili noleen.dodgen@westerncape.gov.za okanye kule foni 021 467 9333.
10. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:09:12