1. |
I-Cape Town Science Centre isingatha oomasifundisane be-Africa Code Week "Train the Trainer" abaxhaswa ngemali yinkampani ye-software yamazwe ngamazwe eye yaqalisa ukusetyenziswa yi-Simplon and Galway Education Centre. |
2. |
I-Africa Code Week liphulo elisalingwayo lelizwekazi iAfrika ngokubanzi lokukhuthaza inkqubo yokufaka iikhowudi (coding) ekhompyutheni (iprogram yekhompyutha) kulutsha kusetyenziswa i-software efumaneka simahla. |
3. |
Oomasifundisane be-Africa Code Week boku-"Qeqesha uMqeqeshi" benziwa simahla kusenzelwa ngokukodwa ootitshala baseNtshona Koloni. |
3.1 |
Oomasifundisane abasimahla boku-"Qeqesha uMqeqeshi" bootitshala baya kusingatha le miba ilandelayo:
- Kutheni kusetyenziswa inkqubo yokufaka iikhowudi ekhompyutheni/yokuprograma ikhompyutha?
- Indlela yeprogram yokufaka iikhowudi ekhompyutheni/iprogram yokufaka iikhowudi ekhompyutheni kusetyenziswa i-SCRATCH (i-software yasimahla).
- Indlela yokuququzelela umasifundisane weprogram yokufaka iikhowudi ekhompyutheni/iprogram yokufaka iikhowudi ekhompyutheni yabafundi abaneminyaka eyi-8 ukuya ku-16.
- Indlela yokuququzelela oomasifundisane babafundi ngethuba le-Africa Code Week ukususela nge-15 ukuya kwi-23 Oktobha 2016.
|
3.2 |
Aba masifundisane baxhobisa ootitshala bafundise abafundi izakhono zokufaka lula iikhowudi ekhompyutheni. Ukufaka ikhowudi ekhompyutheni/iprogram yokufaka iikhowudi ekhompyutheni kwanokubethelela umdla kwizakhono zokufunda zenkulungwane ye-21 ngaphandle kwaseklasini, bekhuthaza:
- ulwazi lokufunda nokubhala;
- iMathematika;
- izakhono zokusombulula iingxaki;
- ulwazi lwesiseko lwekhompyutha (computer literacy skills); kunye
- nolwazi lwendlela yokusebenza kwekhompyutha (procedural literacy), o.k.t. ukucinga ngeenkqubo ezikhoyo kwihlabathi liphela.
|
4. |
I-Africa Code Week liphulo ngoku elikunyaka wesi-2 yaye nabaqalisi balo bakhuthaza ootitshala baseNtshona Koloni babe ngabokuqala ukuzibandakanya kweli nyathelo liyimbali lelizwekazi ngokubanzi leAfrika ngokubhalisela ukuthatha inxaxheba koomasifundisane basimahla boku-"Qeqesha uMqeqeshi". Ootitshala abathatha inxaxheba baya kunikwa izixhobo zasimahla, iziphungo neSatifikethi sokuHamba ooMasifundisane (Certificate of Attendance). |
5. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) likhuthaza izikolo ukuba zibhalise kwaye zithathe inxaxheba koomasifundisane i-Africa Code Week "Train the Trainer" ngo-2016. |
6. |
IWCED icela izikolo ziqwalasele le mihla ichaphazelekayo yesi siganeko sange-22 ne-23 Julayi 2016 (Emva kwemini ngoLwesihlanu nangoMgqibelo). Ootitshala banokuza kwiseshoni yakusasa okanye yasemva kwemini engadlulanga kwimizuzu eyi-90 nokuba loluphi kolunye lwezi ntsuku. |
7. |
Makuthunyelwe lonke unxibelelwano nge-imeyili, nge-SMS kunye/okanye ngefoni e-Cape Town Science Centre. Ootitshala mababhale phantsi indlela abakhetha ukuba kuqhagamshelwane ngayo nabo xa kubhaliswa. |
8. |
Malunga nemibuzo engaphezulu okanye ubhaliso kucelwa uqhagamshelane ne-Cape Town Science Centre ngefoni, ifeksi okanye ungene kwiziko lewebhu:
|
9. |
Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala bamaBakala 3 ukuya kwele-10 ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE OBAMBELEYO WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:07:14
|
|