1. INgcaciso eMfutshane DCG 0009/2016 yazisa uqeqesho lwabo bonke ootitshala beMathematika naboLwimi lwesiNgesi, ababhalisele uqeqesho oluqhubeka ukususela ngoMvulo we-11 Julayi ukuya kuLwesihlanu we-15 Julayi 2016.

2. Le ngcaciso imfutshane yenzelwe ukungqinisisa olu qeqesho lungentla kwanokukhuthaza ootitshala abachaphazelekayo babhalise kwangexesha kwizithili zabo ngenjongo yokuba kwenziwe izicwangciso.

3. Kucelwa uqaphele ukuba uqeqesho luya kuqhubeka kwezi ndawo zimbini zilandelayo:

Isithili Indawo
Zonke izithili zeedolophu:
Metro Central
Metro North
Metro East
Metro South

Zonke izithili zasemaphandleni:Cape Winelands
Eden and Central Karoo
Overberg
West Coast

College of Cape Town, Crawford Campus
Ifoni: 021 696 5133
Idilesi: Kromboom Road
Crawford<
/b>
Iyafumaneka indawo yokuhlala ehostele. Kucelwa kufundwe umhlathi 6 apha ngezantsi yaye kuqatshelwe iimfuno zale ndawo yokuhlala kwifom yobhaliso:
Abathunywa ababhalisele ukulala ehostele baya kuhlaliswa e-CTLI. Makufundwe umhlathi 6 apha ngezantsi ukufumana iinkcukacha

4. Uqeqesho luya kuqala kanye ngqo ngo-7:30 (ukwenzela u-08:00) luze luqhubeke kude kube ngu-15:45 yonke imihla ngaphandle kosuku lokugqibela, apho luya kuphela ngo-14:00.

5. Amalungiselelo ezeehambo
5.1 Kuya kuhlawulwa isibonelelo seehambo ngokwale miqathango ilandelayo:

  • Mabuqinisekiswe ubukho bukatitshala kwikhosi yoqeqesho ngokupheleleyo.
  • Umgama ohanjiweyo uwonke kwithuba leentsuku ezintlanu mawube ngaphezu kwe-100 km, o.k.t. ubuncinane mawube yi-20 km yohambo lokuya nokubuya ngosuku ngalunye.
  • Uwonke umgama owenzelwa ibango ngethuba leentsuku ezintlanu mawungadluli kwi-700 km, o.k.t. ungabi ngaphezu kwe-140 km uhambo lokuya nokubuya ngosuku ngalunye. Abathathi-nxaxheba abagqithisayo kulo mgama abayi kuzibuyiselwa iindleko zabo ngomgama abawuhambileyo ongaphezu kwe-700 km ezihanjiweyo yaye bayacetyiswa ukuba babhalisele indawo yokuhlala endaweni yoko.
5.2 Amabango eehambo aya kuhlolwa ngokwezi khrayitheriya zilandelayo:

5.2.1 Ukusebenzisa imoto yakho Ootitshala mabakhwelisane kangangoko oku kunokwenzeka.
Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza ibango ngeekhilomitha ezihanjiweyo. Abakhweli mababhalwe kuluhlu.
Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo ye-R3,00 ngekhilomitha. Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.
5.2.2 Ukusetyenziswa kweklabhu yokukhwelisana (okuhlawulelwayo okanye okumahala) kwimoto yabucala. Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza ibango ngeekhilomitha ezihanjiweyo. Abakhweli mababhalwe kuluhlu.
Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo ye-R3,00 ngekhilomitha. Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.
5.2.3 Ukusetyenziswa kwebhasi yesikolo Isikolo masingenise ileta ebonisa ukuba kusetyenziswe ibhasi yesikolo ukuya kule khosi, nexela amagama abakhweli nomgama ohanjiweyo.
Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo ye-R3,00 ngekhilomitha.
Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.
5.2.4 Ukusetyenziswa komboneleli-nkonzo obhalisiweyo

Makuqatshelwe: makufunyanwe imvume kwangaphambili ngencwadi ebhaliweyo kumququzeleli weGET wesithi.

Inyathelo 1) Isikolo masifumane iikowuteshini ezintathu phambi koqeqesho.
Inyathelo 2) Isikolo masingenise ezi kowuteshini kumququzeleli weGET Kuya kwamkelwa ikowuteshini eyeyona isezantsi.
Inyathelo 3) Umququzeleli weGET makanike inqununu ubungqina ngencwadi ebhaliweyo bokuba inokwenziwa inkonzo (can be contracted).
Inyathelo 4) Isikolo masenze amalungiselelo okuqeshwa kwenkonzo karhulumente.
Inyathelo 5) Emva kokwenziwa kwenkonzo isikolo masihlawule umboneleli-nkonzo yaye sifumane irisithi.
Step 6) Ukwenzela ukuba sibuyiselwe imali yaso, isikolo masingenise ileta kumphathi wamabango wesithili ebonisa ukuba kwasetyenziswa umboneleli-nkonzo, noluhlu lwamagama, abakhweli neenkcukacha zomgama ohanjiweyo. Makuqhotyoshelwe ikowuteshini, imvume yomququzeleli weGET ne-invoyisi yokugqibela ehlawuliweyo ngokunjalo.

Onke amaxwebhu azalisiweyo (paperwork) makagcinwe njengobungqina ukulungiselela umphicothi-zincwadi wangaphakathi.
ISebe iWCED liya kusibuyisela isikolo kuphela lakuba lifumene amaxwebhu asayiniweyo kubandakanywa nemvume ebhaliweyo kwangaphambili yomququzeleli weGET wesithili semfundo.
Ootitshala mabenze amalungiselelo okuthathwa kwabo nganmaqela kwindawo enye.

5.2.5 UKusetyenziswa kwezithuthi zikawonke-wonke, umz. iteksi, ibhasi, okanye uloliwe kuhambo lomgama omfutshane Amabango makabonise indawo uhambo oluqala noluphela kuyo kwisigaba ngasinye sohambo.
Ukuhlawulwa kwazo kuya kwenziwa ngokweereyithi ezimiselweyo.
Bunokufunwa ubungqina (amatikiti) ligosa lamabango ukwenzela ukuba abenako ukungqinisiswa amabango.
Akukho mabango aya kwenziwa ngeentlawulo zokukhwela iiteksi ezihlawulwa ngokomgama eziwuhambileyo.

6. Indawo yokuhlala nokutya (ezifaneleke kootitshala abavela kwizithili zasemaphandleni kuphela)
6.1 Kuya kubonelelwa ngendawo yokuhlala nokutya (isidlo sakusasa nesedinala) ngokuxhomekeke kule miqathango ilandelayo:

  • Umgama wokuya kwindawo yoqeqesho mawube ngaphezu kwe-60 km uhambo lokuya kuphela, o.k.t. yi-120 km uhambo lokuya nokubuya.
  • Mabuqinisekiswe ubukho bukatitshala kwikhosi yoqeqesho ngokupheleleyo.
  • Ubhaliso malugqitywe kwangaphambili.
  • Mazifezekisiwe ngokupheleleyo iimfuno ezimiselweyo ku-6.3 apha ngezantsi.
  • Kunokukhethwa udidi lube lunye (1) (makujongwe ku-6.3 apha ngezantsi) yaye ootitshala abayi kubuyiselwa ngalo naluphi na utshintsho okanye enye indawo yokuhlala.
6.2 Kuya kubonelelwa ngendawo yokuhlala ukususela ngosuku lokuqala ukuya kwelokugqibela lwekhosi yoqeqesho, yaye ootitshala banokukhetha ukufika kwindawo yokuhlala (checking in) ngo-16:00 nango-18:00 ngosuku oluphambi kokuqala kukamasifundisane.
6.3 Iindidi zendawo yokuhlala:

Ootitshala abakufaneleyo ukufumana indawo yokuhlala banokubhalisa kudidi OLUNYE kwezi ndidi zingezantsi:

6.3.1 Ukuhlala ehostele Kuya kubonelelwa ngendawo yokuhlala ngaphandle kwentlawulo kootitshala. Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Ootitshala mabahlalisane kumagumbi.
  • Bayacelwa ootitshala ukuba beze nezinto zabo zokulala, iitawuli nezinto zokuhlamba
  • Ixesha lokufika ngeCawa liphakathi ko-16:00 no-18:00 ngosuku oluphambi kokuqala koqeqesho (ngeCawa, 10 Julayi)
6.3.2 Iindawo zokuhlala eziqeshisayo nezibhalisiweyo umz. i-bed and breakfast, ii-guest houses, iihotele Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Kunokwenziwa amabango afikelela kwi-R400 ngosuku lesidlo sangokuhlwa, indawo yokulala nesidlo sakusasa.
  • I-invoyisi yentsusa evela kwiindawo yokuhlala iindwendwe (establishment) mayisayinwe ngokunjalo nangulowo wenza ibango ize ingeniswe kwikhosi yoqeqesho.
  • Ayinakuqinisekiswa intlawulo yamabango angazaliswanga ngokupheleleyo okanye afike mva.
6.3.3 Ukuhlala kwisizalwane/kubahlobo Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Kunokwenziwa amabango afikelela kwi-R260 ngosuku esidlo sangokuhlwa, indawo yokulala nesidlo sakusasa.
  • Eli bango malihambe kunye nengxelo efungelweyo yalowo usisizalwane/ungumhlobo uchaphazelekayo, nesayinwe nangulowo wenza ibango, lize lingeniswe kwikhosi yoqeqesho.
6.3.4 Iimvumelwano zokurenta/zokuqesha zethuba elifutshane. Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Isikolo siya kwenza amalungiselelo endawo yokulala naweentlawulo yoko (yazo zonke iindleko zesidlo sangokuhlwa, ibhedi nesidlo sakusasa) eziya kubakho.
  • Makulandelwe le nkqubo ngokwemiqathango elandelayo:
  • Inyathelo 1) Isikolo masingenise ileta kumququzeleli weGET, kwangaphambili, ecela isibonelelo sokurenta ifasilithi ukulalisa iqela elithile lootitshala. Makunikwe iinkcukacha zendawo yokulala, kuquka nemvumelwano yengqeshiso, namagama ootitshala.
    Inyathelo 2) Umququzeleli weGET makawavume la malungiselelo ngencwadi ebhaliweyo. Akukho malungiselelo anokugqitywa ngaphandle kokuba kwenzeke oku.
    Inyathelo 3) Isikolo masihlawule size singenise irisithi enamaxwebhu axhasayo (engqeshiso nemvume yomququzeleli weGET kwikhosi yoqeqesho.
  • Amabango aya kusingathwa njengebhili enye emayihlawulwe kweso sikolo.
  • Sisixa-mali esiyi-R250 esona sikhulu ngosuku utitshala ngamnye aya kusihlawulwa - esi sixa-mali sidibanisa zonke iindleko zendawo yokulala, isidlo sangokuhlwa, nesidlo sakusasa. Esona sixa-mali kanye sibuyiswayo nakuba kunjalo siya kuxhomekeka kwiindleko kanye ezenziweyo, nezifikelela kwi-R250 esona sixa-mali sikhulu ngomntu ngamnye ngosuku. Naziphi na iindleko ezingaphezulu aziyi kuhlawulelwa liSebe iWCED.
  • Zonke iirisithi zentsusa zokutya, iirisithi zethili njl.njl. mazisayinelwe yaye zingeniswe nesishwankathelo.
  • Ibango lilonke malingeniswe njengebhili enye kunye neleta ecacisa ngalo ehamba kunye nalo evela esikolweni nexhaswa ngawo onke amaxwebhu entsusa.

7. Indlela yokwenza ibango
7.1 Bonke ootitshala abanqwenela ukufaka ibango mabazalise le fom ineenkcukacha zebhanki iqhotyoshelweyo baze bayingenise kwitafile yokufaka amabango kwindawo yoqeqesho ngosuku lokuqala. Ifom yeenkcukacha zebhanki (bank details form) mayigximfizwe yibhanki yaye yifom yentsusa kuphela emayingeniswe. Akukho zifeksi okanye zifotokopi ziya kwamkelwa. Ootitshala mabayizalise le fom phambi kokuba luqale uqeqesho (oko kukuthi, mabafike kwindawo yekhosi sele benayo yaye beyizalisile ngokunjalo).
7.2 Onke amabango mawaxhaswe ngamaxwebhu entsusa. Akukho zifeksi okanye zifotokopi ziya kwamkelwa.
7.3 Abenzi-mabango baya kubuyiselwa ngeendleko zabo kuphela emva kokuba begqibe ikhosi yoqeqesho yaye ke ngoko kuya kufuneka bazihlawulele iindleko zabo kwangaphambili. Apho kuyimfuneko, ziyacelwa izikolo ukuba zincedise ootitshala bazo kulo mbandela. Malugcinwe uxwebhu olububungqina bentlawulo.
7.4 Ukubuyiselwa iintlawulo kuya kwenziwa kuphela emva kokuphicothisiswa kwebango ngalinye yaye iSebe iWCED linelungelo lokwenza isigqibo sokugqibela apho kukho ukungangqinelani kwengcaciso okanye ukungathotyelwa kwemiqathango.
7.5 Onke amabango makangeniswe kwindawo yoqeqesho apho kuya kubakho amagosa aya kubancedisa abenzi-mabango.
7.6 Akukho mabango afike emva kwexesha nangazaliswanga ngokupheleleyo aya kwamkelwa ngaphandle kokuba kungenxa yeemeko ezizodwa ezithethelelayo yaye ayinakuqinisekiswa imbuyiselo yeentlawulo zawo.

8. Imibuzo

Ukuba unayo nayiphi na eminye imibuzo, kucelwa uqhagamshelane nomququzeleli weGET wesithili ochaphazelekayo:

Isithili Umququzeleli Ifoni I-imeyili Ifeksi
Metro Central Avrille Morgendal 021 514 6770 Anna.Morgendal@westerncape.gov.za 086 2361892
Metro North Malefo Makena 021 938 3104 Malefo.Makena@westerncape.gov.za 021 938 3183
Metro East Ursula Esau 021 900 7051 Ursula.Esau@westerncape.gov.za 086 562 3907
West Coast Ebrahim Peck 021 860 1569 Ebrahim.Peck@westerncape.gov.za 086 590 0730
Cape Winelands Edgar Johannes 023 348 0605 Edgar.Johannes@westerncape.gov.za 086 531 0476
Metro South Lorraine Bailey 021 370 2061 Lorraine.Bailey@westerncape.gov.za 021 372 1856
Eden & Central Karoo Marietjie Beukes 044 803 8316 Marietjie.Beukes@westerncape.gov.za 086 673 8499
Overberg James Daniels 028 214 7363 James.Daniels@westerncape.gov.za 028 214 7400

9. Bonke abathathi-nxaxheba mabeze namaxwebhu abo eCAPS eMathematika okanye oLwimi lwesiNgesi.

10. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane zonke iintloko zezifundo zeMathematika nezoLwimi lwesiNgesi. Makuqwalaselwe ukuba ukubhalisa kuya kuvumeleka kude kube ngowe-24 Juni 2016


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:06:15

"BAS Entity Maintenance"  (ubukhulu: 19 KB)