1. INgcaciso eMfutshane DCG 0010/2016 yazisa uqeqesho lwabo bonke ootitshala be-Economic and Management Sciences (EMS) abafundisa i-Accounting kumaBakala 8 no-9. Bekufuneka ootitshala bebhalisele uqeqesho oluya kuqhubeka ukususela ngoMvulo, we-04 Julayi ukuya kuLwesihlanu, we-08 Julayi 2016 e-Cape Teaching and Leadership Institute (CTLI).

2. Le ngcaciso imfutshane yenzelwe ukungqinisisa olu qeqesho lungentla.

3. Uqeqesho luya kuqhubeka kule ndawo ilandelayo:

Isithili Indawo
Zonke izithili:
Metro Central
Metro North
Metro East
Metro South
Cape Winelands
Eden and Central Karoo
Overberg
West Coast
Uqeqesho luqhutywa kwindawo enye ekufikelela wonke umntu kuyo apha:
Cape Teaching and Leadership Institute
Nooiensfontein Road
Kuils River

Inombolo yefoni 021 900 5041

Indawo yokuhlala ukwenzela izithili zasemaphandleni kuphela:
Abathunywa ababhalisele ukuhlala ehostele baya kulaliswa kwiihostele ezise-CTLI. Makufundwe ingongoma 6 apha ngezantsi ukufumana iinkcukacha.


4. Kucelwa niqaphele ukuba uqeqesho luya kuqhubeka ukususela ngo-07:30 (ukwenzela u-08:00) ukuya ku-15:30 yonke imihla ngaphandle kwangosuku lokugqibela, apho kuya kugqitywa ngo-14:00.

5. Amalungiselelo ezeehambo
5.1 Kuya kuhlawula isibonelelo seehambo ngokuxhomekeke kule miqathango ilandelayo:

  • Makuqinisekiswe ukubakho kukatitshala kule khosi yoqeqesho ngokupheleleyo.
  • Uwonke umgama ohanjiweyo ngethuba leentsuku ezintlanu mawube ngaphezu kwe-100 km, o.k.t. ubuncinane yi-20 km uhambo lokuya nokubuya ngosuku ngalunye.
  • Uwonke umgama ohanjiweyo ngethuba leentsuku ezintlanu mawungadluli kwi-700 km, o.k.t. ungabi ngaphezu kwe-140 km uhambo lokuya nokubuya ngosuku ngalunye. Abathathi-nxaxheba abagqithisayo kulo mgama abayi kuzibuyiselwa iindleko zabo ngomgama abawuhambileyo ongaphezu kwe-700 km ezihanjiweyo yaye bayacetyiswa ukuba babhalisele indawo yokuhlala endaweni yoko.
5.2 Amabango eehambo aya kuhlolwa ngokwezi khrayitheriya zilandelayo:

5.2.1 Ukusebenzisa imoto yakho Mabakhwelisane ootitshala kangangoko kunokwenzeka oku. Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza ibango ngeekhilomitha ezihanjiweyo. Abakhweli mababhalwe kuluhlu. Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo ye-R3,00 ngekhilomitha. Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.
5.2.2 Ukusetyenziswa kweklabhu yokukhwelisana (okuhlawulelwayo okanye okumahala) kwimoto yabucala Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza ibango ngeekhilomitha ezihanjiweyo. Abakhweli mababhalwe kuluhlu.
Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo ye-R3,00 ngekhilomitha. Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.
5.2.3 Ukusetyenziswa kwebhasi yesikolo Isikolo masingenise ileta ebonisa ukuba kusetyenziswe ibhasi yesikolo ukuya kule khosi, nexela amagama abakhweli nomgama ohanjiweyo. Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo ye-R3,00 ngekhilomitha. Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.
5.2.4 Ukusetyenziswa komboneleli-nkonzo obhalisiweyo

Makuqatshelwe: makufunyanwe imvume kwangaphambili ngencwadi ebhaliweyo kumququzeleli weGET wesithili

Inyathelo 1) Isikolo masifumane iikowuteshini ezintathu phambi koqeqesho.
Inyathelo 2) Isikolo masingenise ezi kowuteshini kumququzeleli weGET. Kuyakwamkelwa eyona kowuteshini isezantsi.
Inyathelo 3) Umququzeleli weGET makanike inqununu ubungqina ngencwadi ebhaliweyo bokuba inokwenziwa inkonzo (can be contracted).
Inyathelo 4) Isikolo masenze amalungiselelo okuqeshwa kwenkonzo karhulumente.
Inyathelo 5) Emva kokwenziwa kwenkonzo isikolo masihlawule umboneleli-nkonzo yaye sifumane irisithi.
Inyathelo 6) Ukwenzela ukuba isikolo sibuyiselwe imali yaso masingenise ileta kumphathi wamabango wesithili ebonisa ukuba kwasetyenziswa umboneleli-nkonzo noluhlu lwamagama abakhweli neenkcukacha zomgama ohanjiweyo. ikowuteshini, imvume yomququzeleli weGET ne-invoyisi yokugqibela ehlawuliweyo ngokunjalo.

Onke amaxwebhu azalisiweyo (paperwork) makagcinwe njengobungqina ukulungiselela umphicothi-zincwadi wangaphakathi.
ISebe iWCED liya kusibuyisela isikolo kuphela lakuba lifumene amaxwebhu asayiniweyo kubandakanywa nemvume ebhaliweyo yangaphambili yomququzeleli weGET wesithili.
Ootitshala mabenze amalungiselelo okuthathwa beliqela kwindawo enye ekufikelela wonke umntu kuyo.

5.2.5 Ukusetyenziswa kwezithuthi zikawonke-wonke, umz. iteksi, ibhasi, okanye uloliwe kuhambo lomgama omfutshane Amabango makabonise indawo uhambo oluqala noluphela kuyo kwisigaba ngasinye sohambo.
Ukuhlawulwa kwawo kuya kwenziwa ngokweereyithi ezimiselweyo.
Bunokufunwa ubungqina (amatikiti) ligosa lamabango ukwenzela ukuba abenako ukungqinisiswa amabango.
Akukho mabango aya kwenziwa eentlawulo zokukhwela iiteksi ezihlawulwa ngokomgama eziwuhambileyo.

6. Indawo yokuhlala nokutya (ezifaneleke kootitshala abavela kwizithili zasemaphandleni kuphela)
6.1 Indawo yokuhlala nokutya (isidlo sakusasa nesedinala), ziya kubonelelwa e-Cape Teaching and Leadership Institute, ngokuxhomekeke kule miqathango ilandelayo:

  • Umgama wokuya kwindawo yoqeqesho mawugqithe kwi-60 km uhambo lokuya kuphela, o.k.t. yi-120 km uhambo lokuya nokubuya.
  • Makuqinisekiswe ukubakho kukatitshala kule khosi yoqeqesho ngokupheleleyo.
  • Ubhaliso malugqitywe kwangaphambili.
  • Mazifezekiswe ngokupheleleyo iimfuno ezimiselweyo ku-6.3 apha ngezantsi.
  • Kunokukhethwa udidi lube lunye kuphela (makujongwe apha ku-6.3 ngezantsi) yaye ootitshala abayi kubuyiselwa ngalo naluphi na utshintsho okanye enye indawo yokuhlala.
6.2 Kuya kubonelelwa ngendawo yokuhlala ukususela ngosuku lokuqala ukuya kwelokugqibela lwekhosi yoqeqesho, yaye ootitshala banokukhetha ukufika kwindawo yokulala (checking in) ukusukela ngo16:00 ukuya ku18:00 ngosuku oluphambi kokuqala kukamasifundisane.
6.3 Iindidi zendawo yokuhlala:

Ootitshala abakufaneleyo ukufumana indawo yokuhlala banokubhalisa kudidi lube LUNYE kwezi zingezantsi.

6.3.1 Ukuhlala ehostele Kuya kubonelelwa ngendawo yokulala ehostele eCTLI, ngaphandle kwentlawulo kootitshala. Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Ootitshala baya kuhlalisana kumagumbi.
  • Ootitshala mabeze nezinto zabo zokulala neetawuli nezinto zokuhlamba.
  • Ixesha lokufika ngeCawa (nge-03 Julayi 2016) liphakathi ko-16:00 no-18: 00 kuphela.
6.3.2 Iindawo zokuhlala eziqeshisayo nezibhalisiweyo umz. i-bed and breakfast, ii-guest houses, iihotele Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Kunokwenziwa ibango elifikelela kwi-R400 ngosuku ngesidlo sedinala, indawo yokulala nesidlo sakusasa.
  • I-invoyisi yentsusa evela kulo ndawo iqeshisayo mayisayinwe nangulowo wenza ibango ize ingeniswe kwikhosi yoqeqesho.
  • Ukuhlawulwa kwamabango angazaliswanga ngokupheleleyo okanye afike emva kwexesha akunakuqinisekiswa.
6.3.3 Ukuhlala kwisizalwane /kubahlobo Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Kunokwenziwa ibango elifikelela kwi-R260 ngosuku ngesidlo sedinala, indawo yokulala nesidlo sakusasa.
  • Eli bango malihambe kunye nengxelo efungelweyo yalowo usisizalwane/ ungumhlobo uchaphazelekayo, nesayinwe nangulowo wenza ibango ize ingeniswe kwikhosi qeqesho.
6.3.4 Iimvumelwano zokurenta/zokuqesha zethuba elifutshane. Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Isikolo siya kwenza amalungiselelo endawo yokuhlala naweentlawulo ngokumalunga (nazo zonke iindleko zesidlo sedinala, indawo yokulala, nesidlo sakusasa) eziya kubakho.
  • Makulandelwe le nkqubo ngokwemiqathango elandelayo:
  • Inyathelo 1) Isikolo masingenise ileta kumququzeleli weGET kwangaphambili, ecela ukusetyenziswa kwefasilithi eqeshwayo ukulalisa iqela elithile lootitshala. Makunikwe iinkcukacha zendawo yokuhlala kuqukwa neemvumelwano zengqeshiso, namagama, ootitshala.
    Inyathelo 2) Umququzeleli weGET makawavume la malungiselelo ngencwadi ebhaliweyo. Akukho malungiselelo anokugqitywa ngaphandle kokuba kwenzeka oku.
    Inyathelo 3) Isikolo masihlawule size singenise irisithi enamaxwebhu axhasayo (engqeshiso nemvume yomququzeleli weGET) kwikhosi yoqeqesho.
  • Amabango aya kusingathwa njengebhili enye emayihlawulwe kweso sikolo.
  • Sisixa-mali esiyi-R250 esona sikhulu ngosuku utitshala ngamnye aya kusihlawulwa - esi sixa-mali sidibanisa zonke iindleko zendawo yokulala, isidlo sedinala, nesakusasa. Esona sixa-mali kanye sibuyiswayo nakuba kunjalo siya kuxhomekeka kwindleko kanye ezenziweyo, nezifikelela kwi-R250 esona sixa-mali sikhulu ngomntu ngamnye ngosuku. Naziphi na iindleko ezingaphezulu aziyi kuhlawulelwa liSebe iWCED.
  • Zonke iirisithi zentsusa zokutya, iirisithi zeethili njl.njl. mazisayinelwe yaye zingeniswe nesishwankathelo.
  • Ibango lilonke malingeniswe njengebhili enye kunye neleta ecacisa ngalo ehamba kunye nalo evela esikolweni nexhaswa ngawo onke amaxwebhu entsusa.

7. Indlela yokwenza ibango
7.1 Bonke ootitshala abanqwenela ukufaka ibango mabazalise le fom yeenkcukacha zebhanki iqhotyoshelweyo baze bayingenise kwitafile yokufaka amabango (claims desk) kwindawo yoqeqesho ngosuku lokuqala. Ifom yeenkcukacha zebhanki mayigximfizwe isitampu yibhanki yaye yifom yentsusa emayingeniswe. Akukho zifeksi okanye zifotokopi ziya kwamkelwa. Ootitshala mabayizalise le fom phambi kokuba luqale uqeqesho (oko kukuthi, mabafike kwindawo yekhosi sele benayo yaye beyizalisile ngokunjalo.)
7.2 Onke amabango mawaxhaswe ngamaxwebhu entsusa. Akukho zifeksi okanye zifotokopi ziya kwamkelwa.
7.3 Abenzi-mabango baya kubuyiselwa iindlelko zabo kuphela emva kokuba begqibe ikhosi yoqeqesho yaye ke ngoko kuya kufuneka bazihlawulele iindleko zabo kwangaphambili. Apho kuyimfuneko, ziyacelwa izikolo ukuba zibancedise ootitshala bazo kulo mbandela. Malugcinwe uxwebhu olububungqina bentlawulo.
7.4 Ukubuyiselwa iintlawulo kuya kwenziwa kuphela emva kokuphicothisiswa kwebango ngalinye yaye iSebe iWCED linelungelo lokwenza isigqibo sokugqibela apho kukho ukungangqinelani kwengcaciso.
7.5 Onke amabango makangeniswe kwindawo yoqeqesho apho kuya kubakho amagosa aya kubancedisa abenzi-mabango.
7.6 Akukho mabango afike emva kwexesha nangazaliswanga ngokupheleleyo aya kwamkelwa ngaphandle kokuba kungenxa yeemeko ezizodwa ezithethelelayo yaye ayinakuqinisekiswa imbuyiselo yeentlawulo zawo.

8. Imibuzo

Ukuba unayo nayiphi na eminye imibuzo, kucelwa uqhagamshelane nomququzeleli weGET wesithili ochaphazelekayo:

Isithili Umququzeleli Ifoni I-imeyili Ifeksi
Metro Central Avrille Morgendal 021 514 6770 Anna.Morgendal@westerncape.gov.za 086 2361892
Metro North Malefo Makena 021 938 3104 Malefo.Makena@westerncape.gov.za 021 938 3183
Metro East Ursula Esau 021 900 7051 Ursula.Esau@westerncape.gov.za 086 562 3907
West Coast Ebrahim Peck 021 860 1569 Ebrahim.Peck@westerncape.gov.za 086 590 0730
Cape Winelands Edgar Johannes 023 348 0605 Edgar.Johannes@westerncape.gov.za 086 531 0476
Metro South Lorraine Bailey 021 370 2061 Lorraine.Bailey@westerncape.gov.za 021 372 1856
Eden & Central Karoo Marietjie Beukes 044 803 8316 Marietjie.Beukes@westerncape.gov.za 086 673 8499
Overberg James Daniels 028 214 7363 James.Daniels@westerncape.gov.za 028 214 7400

9. Bonke abathathi-nxaxheba mabeze namaxwebhu eCAPS e-Economic and Management Sciences (EMS).

10. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise ngokuqulethwe kule ngcaciso imfutshane zonke iintloko zezifundo ze-EMS. Makuqwalaselwe ukuba ubhaliso luya kuvumeleka kude kube ngowe-24 Juni 2016.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:06:15

"BAS Entity Maintenance"  (ubukhulu: 19 KB)