1. IVeki yeSayensi kaZwelonke (National Science Week (NSW)) sisiganeko saminyaka le sokubhiyozela iSayensi, iThekhnoloji, uBunjineli, iMathematika neZinto eziNtsha ezinxulumene noko (Science, Technology, Engineering, Mathematics and Innovation (STEMI)). IVeki yeMathematika kaZwelonke iyinxalenye yeVeki yeSayensi kaZwelonke, iphulo leSebe leSayensi neThekhnoloji (Department of Science and Technology (DST)). IVeki ye-NSW ilawulwa yi-South African Agency for Science and Technology Advancement (SAASTA)) eyiyunithi yezoshishino ye-National Research Foundation (NRF).

2. Ngethuba leVeki yeSayensi kaZwelonke (NSW), kuya kugxilwa ngokukodwa ekufundiseni iSayensi, iThekhnoloji, uBunjineli neMathematika (Science, Technology, Engineering and Mathematics education). Injongo yoku kukwenza ezi zifundo zibe nomtsalane ngakumbi kubafundi, yaye zibe zizifundo abazithandayo nezityebisa ulwazi lwabo nolwabahlali ngokubanzi. Izikolo zinokuqaqambisa igalelo leSayensi, iThekhnoloji, uBunjineli neMathematika kubomi bethu bemihla ngemihla yaye zikugxininise ukubaluleka kwazo njengesiseko samakhondo emisebenzi amaninzi. IVeki yeNSW isisixhobo sokwazisa ngezi zifundo nesokwandisa ulwazi lukawonke-wonke lokuziqonda kakuhle nokuzixabisa ezi zifundo ngokunjalo.

3. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) licela zonke izikolo ukuba zenze imisebenzi ekhethekileyo esekelwe kwezi zifundo ngethuba leveki yeNSW neya kwenziwa ukususela ngoMvulo we-08 ukuya kuMgqibelo we-13 Agasti 2016. Eyona nto inqwenelekayo kukuba kuthathwe inxaxheba ngabafundi nangabazali babo. Kugxininiswa ekubeni mababe nolwazi ngeSayensi, iThekhnoloji, uBunjineli neMathematika kubomi bemihla ngemihla, yaye bakonwabele ukuzifunda ezi zifundo ngokuthatha inxaxheba nangokusebenzisana.

4. Iziko lewebhu leSebe iWCED lineembono ezigqwesileyo zemisebenzi enokwenziwa yaye kungafikelelwa kwingcaciso engale misebenzi kuyo ngolu hlobo lulandelayo:

  • vula i-home page yeSebe iWCED;
  • khetha u-"Teaching/curriculum support" (ezantsi kwicala lasekhohlo);
  • khetha u-"National Science and Maths Week" (kwi-black toolbar ephezulu ngasekhohlo); uze
  • ukhethe iifolda ozifunayo.
5. Imibutho engekho phantsi kukarhulumente, amaziko emfundo ephakamileyo namanye amagosa ezithili zemfundo banokuba bakhe benza izicelo zenkxaso-mali kwi-SAASTA ukulungiselela ukucwangcisa nokuqhuba iiprojekthi ezinkulu ezichaphazela iSayensi, iThekhnoloji, uBunjineli neMathematika ngethuba lale Veki yeNSW. Iziko lewebhu leSebe iWCED liya kubonelela ngeprogram yemisebenzi yeSayensi eya kuqhubeka eNtshona Koloni.

6. ISebe iWCED lingathanda ukunika izikolo amathuba okwabelana namanye amagosa nezinye izikolo ngemisebenzi yazo kwiphondo. Ziyakhuthazwa kwakhona izikolo ukuba ziwabandakanye amagosa ezithili yaye zithathe iifoto nee-video clips ukwenzela ukuba xa kunokwenzeka, zipapashwe kwiziko lewebhu leSebe iWCED. Ezi zinto zinokunikwa abacebisi bezifundo ukuba bazifake kwiziko lewebhu. Zinokuthathelwa ingqalelo nezinye iindidi zemidiya ezifana ne-facebook page no-YouTube.

7. ISebe iWCED liyawathakazelela amalinge angamanye enziwa ngootitshala bethu okwenza abafundi bakonwabele ukufunda nokufundiswa kweSayensi, iThekhnoloji, uBunjineli neMathematika.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:06:03