1. Ngo-2015 iSebe leMfundo leNtshona Koloni (ISebe iWCED) lazisa ezi zikolo zikhankanywe ngentla ngoqeqesho longenelelo ngoncedo olumalunga nolwimi lwabasaqalayo nolwazi lokufunda nokubhala olusavelayo lwephondo ngo-2016 kwiBakala R (Grade R Emergent Literacy (ELIT) intervention), kuqukwa nemihla yoomasifundisane basemva kwemini bezikolo ezisebenzisanayo kwakunye nomasifundisane weentsuku ezintlanu ukususela kwi-11 ukuya kwi-15 Julayi 2016.

2. Ukususela ngoFebruwari 2016 bangaphezu kwe-3 000 ootitshala neeprakthishina zeBakala R ababeye koomasifundisane be-ELIT bezikolo ezisebenzisanayo baqho ngenyanga apho bafumana khona izibonelelo zolwazi lokufunda nokubhala (literacy resources) nokuphuhliswa kwesakhono sabo kumsebenzi wabo wokufundisa ngokumalunga nokusetyenziswa kwezi zibonelelo ukomeleza ukufundiswa nokufundwa kolwimi kwiBakala R.

3. Umasifundisane wokugqibela woqeqesho longenelelo ngoncedo uya kuqhubeka kwiveki yokugqibela yeholide ukususela nge-11 ukuya kwi-15 Julayi 2016. Lo masifundisane uya kujongana neethiyori neendlela zokufundisa ezisebenzayo (theories and productive pedagogy) ezimalunga nokufunda nokubhala okusavelayo (emergent reading and writing). Ziyacelwa iinqununu ezineBakala R ke ngoko ukuba ziqinisekise ukuba ootitshala/iiprakthishina zeBakala R ziyaya kolu qeqesho lweentsuku ezintlanu lwethuba eliqingqiweyo.

4. Amaxesha eprogram ngala alandelayo:

Umhla Elokuqala Elokuphela
Umvulo we-11 Julayi 2016 07:30 – ubhaliso
08:30 – umasifundisane
16:00
Ulwesibini we-12 Julayi ukuya kuLwesine we-14 Julayi 2016 07:30 – ubhaliso
08:00 – umasifundisane
16:00
ULwesihlanu we-15 Julayi 2016 07:30 – ubhaliso
08:00 – umasifundisane
14:00

5. Bonke ootitshala/zonke iiprakthishina zeBakala R eziqeshiweyo kungokunje okanye ezixhaswa ngezimali kwiiklasi zeSebe ezibhalisiweyo (kwizikolo zikarhulumente nakwizikolo zabahlali (community-based schools), ababeye koomasifundisane be-ELIT bezikolo ezisebenzisanayo ngo-2016, bamenyelwa kulo masifundisane weentsuku ezintlanu ukususela nge-11 ukuya kwi-15 Julayi 2016.

6. IsiHlomelo A sibonisa iindawo zikamasifundisane kwisithili ngasinye nezikolo ezabelwe loo ndawo nganye. Kucelwa niqaphele: ootitshala/iiprakthishina abanakuya kwindawo engeyiyo leyo babelwe yona, ngaphandle kokuba, kwangaphambili kuthunyelwe imvume ngencwadi ebhaliweyo evela kumququzeleli weGET wesithili neya kwinqununu yetitshala/yeprakthishina.

7. Ukwenzela ukuba ootitshala banikwe izibonelelo zikamasifundisane, kuyimfuneko ukuba izikolo zinike iinkcukacha zobhaliso ezichanekileyo. Isicwangciso namalungiselelo oqeqesho esithili (kubandakanywa nemathiriyeli yolwimi ngalunye, abaququzeleli, amaqela, ukulungiswa kokutya nendawo yokulala) zisekelwe kwezi nkcukacha.

8. Le fom yobhaliso iqhotyoshewleyo (isiHlomelo B) mayizaliswe ize ibuyiselwe kumququzeleli weGET wesithili ochaphazelekayo phambi ko-8 Juni 2016.

9. Amabango eehambo
9.1 Kunokufakwa ibango lesibonelelo seehambo, ngokuxhomekeke kule miqathango ilandelayo:

  • Mabuqinisekiswe ubukho bukatitshala kwikhosi yoqeqesho ngokupheleleyo.
  • Uwonke umgama ohanjiweyo ngethuba leentsuku ezintlanu mawube ngaphezu kwe-100 km, o.k.t. ubuncinane uhambo lwe-20 km uhambo lokuya nokubuya ngosuku ngalunye.
  • Uwonke umgama ohanjiweyo ngethuba leentsuku ezintlanu mawungadluli kwi-700 km, o.k.t. ungabi ngaphezu kwe-140 km uhambo lokuya nokubuya ngosuku ngalunye. Abathathi-nxaxheba abagqithisayo kulo mgama abayi kuzibuyiselwa iindleko zabo ngomgama abawuhambileyo ongaphezu kwe-700 km ezihanjiweyo yaye bayacetyiswa ukuba babhalisele indawo yokulala endaweni yoko. (makufundwe umhlathi 10).
  • Mayifezekiswe imiqathango emiselwe kumhlathi 9.2 apha ngezantsi.
9.2 Amabango eehambo aya kuhlolwa ngokwezi khrayitheriya zilandelayo:

9.2.1 Ukusebenzisa imoto yakho Mabakhwelisane ootitshala kangangoko kunokwenzeka oku.
Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza ibango ngeekhilomitha ezihanjiweyo. Abakhweli mababhalwe kuluhlu.
Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo ye-R3,00 ngekhilomitha. Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.
9.2.2 Ukusetyenziswa kweklabhu yokukhwelisana (okuhlawulelwayo okanye okumahala) kwimoto yabucala Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza ibango ngeekhilomitha ezihanjiweyo. Abakhweli mababhalwe kuluhlu.
Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo ye-R3,00 ngekhilomitha. Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.
9.2.3 Ukusetyenziswa kwebhasi yesikolo Isikolo masingenise ileta ebonisa ukuba kusetyenziswe ibhasi yesikolo ukuya kule khosi, yaye mawaxelwe amagama abakhweli nomgama ohanjiweyo.
Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo ye-R3,00 ngekhilomitha.
Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa.
9.2.4 Ukusetyenziswa komboneleli-nkonzo obhalisiweyo

Makuqatshelwe: makufunyanwe imvume kwangaphambili ngencwadi ebhaliweyo kumququzeleli weGET wesithili

Inyathelo 1) Isikolo masifumane iikowuteshini ezintathu phambi koqeqesho.
Inyathelo 2) Isikolo masingenise ezi kowuteshini kumququzeleli weGET. Kuyakwamkelwa eyona kowuteshini isezantsi.
Inyathelo 3) Umququzeleli weGET makanike inqununu ubungqina ngencwadi ebhaliweyo bokuba inokwenziwa inkonzo (can be contracted).
Inyathelo 4) Isikolo masenze amalungiselelo okuqeshwa kwenkonzo.
Inyathelo 5) Emva kokwenziwa kwenkonzo isikolo masihlawule umboneleli-nkonzo yaye sifumane irisithi.
Inyathelo 6) Ukwenzela ukuba isikolo sibuyiselwe imali yaso masingenise ileta kumphathi wamabango wesithili ebonisa ukuba kwasetyenziswa umboneleli-nkonzo noluhlu lwamagama abakhweli neenkcukacha zomgama ohanjiweyo. Makuqhotyoshelwe iikowuteshini, imvume yomququzeleli weGET ne-invoyisi yokugqibela ehlawuliweyo ngokunjalo.

Onke amaxwebhu azalisiweyo (paperwork) makagcinwe njengobungqina ukulungiselela umphicothi-zincwadi wangaphakathi.
ISebe iWCED liya kusibuyisela isikolo KUPHELA lakuba lifumene amaxwebhu asayiniweyo kubandakanywa nemvume ebhaliweyo yangaphambili yomququzeleli weGET wesithili.
Ootitshala mabenze amalungiselelo okuthathwa ngamaqela kwindawo enye ekufikelela wonke umntu kuyo.

9.2.5 Ukusetyenziswa kwezithuthi zikawonke-wonke, umz. iteksi, ibhasi, okanye uloliwe kuhambo lomgama omfutshane Amabango makabonise indawo uhambo oluqala noluphela kuyo kwisigaba ngasinye sohambo. Ukuhlawulwa kwawo kuya kwenziwa ngokweereyithi ezimiselweyo.
Bunokufunwa ubungqina (amatikiti) ligosa lamabango ukwenzela ukuba abenako ukungqinisiswa amabango.
Akukho mabango aya kwenziwa eentlawulo zokukhwela iiteksi ezihlawulwa ngokomgama eziwuhambileyo.
9.3 Imimiselo nemiqathango esebenza ngokweemeko ezithile inokusetyenziswa zizithili. Oku kuya kuchazelwa izikolo ngencwadi ebhaliweyo sisithili esichaphazelekayo.

10. Indawo yokuhlala nokutya (ezifaneleke kootitshala abavela kwizithili zasemaphandleni kuphela)
10.1 Kunokubonelelwa ngendawo yokuhlala nokutya (indawo yokulala, isidlo sakusasa nedinala) ngokuxhomekeke kule miqathango ilandelayo:

  • Umgama wokuya kwindawo kamasifundisane mawube ngaphezu kwe-60 km uhambo lokuya kuphela o.k.t. yi-120 km uhambo lokuya nokubuya.
  • Mabuqinisekiswe ubukho bukatitshala kwikhosi yoqeqesho ngokupheleleyo.
  • Ubhaliso malugqitywe kwangaphambili yaye oko makungqinisiswe ngencwadi ebhaliweyo sisithili.
  • Mazifezekiswe ngokupheleleyo iimfuno ezimiselweyo ku-10.3 apha ngezantsi.
  • Kunokukhethwa udidi lube lunye kuphela (makujongwe apha ku-10.3 ngezantsi) yaye ootitshala abayi kubuyiselwa ngalo naluphi na utshintsho okanye enye indawo yokulala.
10.2 Kuya kubonelwa ngendawo yokuhlala ukususela ngosuku lokuqala ukuya kwelokugqibela lukamasifundisane yaye kunokukhethwa ukuba bafike ootitshala kwindawo yokuhlala (checking in) ngo15:00 nango-17:00 ngosuku oluphambi kokuqala kukamasifundisane.
10.3 Iindidi zendawo yokuhlala
Ootitshala abakufaneleyo ukufumana indawo yokuhlala banokubhalisa kudidi lube LUNYE kwezi zingezantsi.

10.3.1 Ukuhlala ehostele Kuya kubonelelwa ngendawo yokuhlala ehostele, ngaphandle kweentlawulo kootitshala apho kufanelekileyo. Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Ifom yobhaliso (IsiHlomelo B) mayingeniswe ungadlulanga owe-8 Juni 2016.
  • Ootitshala mabahlalisane kumagumbi.
  • Ootitshala mabeze nezinto zabo zokulala, iitawuli nezinto zokuhlamba.
  • Ixesha lokufika ngeCawa liphela ngo-17:00 kuphela.
10.3.2 Iindawo zokuhlala eziqeshisayo nezibhalisiweyo umz. i-bed and and breakfast, ii-guest houses neehotele Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Kunokwenziwa amabango afikelela kwi-R400 ngosuku ngedinala, indawo yokulala nesidlo sakusasa.
  • I-invoyisi yentsusa evela kulo ndawo iqeshisayo nesayinwe nangulowo wenza ibango ize ingeniswe kwikhosi yoqeqesho.
  • Ukuhlawulwa kwamabango angazaliswanga ngokupheleleyo okanye afike emva kwexesha akunakuqinisekiswa.
10.3.3 Ukuhlala kwisizalwane/ kubahlobo Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Kunokwenziwa amabango afikelela kwi-R260 ngosuku ngesidlo sangokuhlwa, indawo yokulala nedinala.
  • Eli bango malihambe kunye nengxelo efungelweyo yalowo nesayinwe nangulowo wenza ibango zize zingeniswe kwikhosi qeqesho.

11. Indlela yokwenza ibango
11.1 Bonke ootitshala abanqwenela ukufaka ibango mabazalise le fom yeenkcukacha zebhanki iqhotyoshelweyo baze bayingenise kwitafile yokufaka amabango (claims desk) kwindawo yoqeqesho ngosuku lokuqala. Ifom yeenkcukacha zebhanki mayigximfizwe isitampu yibhanki yaye yifom yentsusa emayingeniswe. Abathathi-nxaxheba mabazalise le fom PHAMBI kokuba luqale uqeqesho (oko kukuthi, mabafike kwindawo yekhosi nayo yaye sele beyizalisile ngokunjalo).
11.2 Onke amabango mawaxhaswe ngamaxwebhu entsusa. Akukho zifeksi okanye zifotokopi ziya kwamkelwa.
11.3 Abenzi-mabango baya kubuyiselwa iindleko zabo emva kokuba begqibe ikhosi yoqeqesho yaye ke ngoko kuya kufuneka bazihlawulele iindleko zabo kwangaphambili. Apho kuyimfuneko, ziyacelwa izikolo zibancedise ootitshala bazo malunga noku. Mabugcinwe ubungqina bentlawulo.
11.4 Ukubuyiselwa iintlawulo kuya kwenziwa kuphela emva kokuphicothisiswa kwebango ngalinye yaye iSebe iWCED linelungelo lokwenza isigqibo sokugqibela apho kukho ukungangqinelani kwengcaciso.
11.5 Onke amabango makangeniswe kwindawo yoqeqesho apho kuya kubakho amagosa aya kubancedisa abenzi-mabango.
11.6 Akukho mabango afike emva kwexesha nangazaliswanga ngokupheleleyo aya kwamkelwa ngaphandle kokuba kungenxa yeemeko ezizodwa ezithethelelayo yaye ayinakuqinisekiswa imbuyiselo yeentlawulo zawo.

12. Ukufumana ingcaciso engaphezulu kucelwa uqhagamshelane nomququzeleli weGET wesithili ochaphazelekayo:

Isithili Umququzeleli Ifoni I-imeyili Ifeksi
Metro Central Avrille Morgendal 021 514 6770 amorgendal@gmail.com 086 236 1892
Metro North Malefo Makena 021 938 3104 Malefo.Makena@westerncape.gov.za 021 938 3183
Metro South Lorraine Bailey 021 370 2041 Lorraine.Bailey@westerncape.gov.za 086 764 1912
Metro East Ursula Esau 021 900 7051 Ursula.Esau@westerncape.gov.za 086 562 3907
West Coast Ebrahim Peck 021 860 1569 Ebrahim.Peck@westerncape.gov.za 086 590 0730
Cape Winelands Edgar Johannes 023 348 0605 Edgar.Johannes@westerncape.gov.za 086 531 0476
Overberg James Daniels 028 214 7363 James.Daniels@westerncape.gov.za 028 214 7400
Eden & Central Karoo Marietjie Beukes 044 803 8320 Marietjie.Beukes@westerncape.gov.za 086 673 8499

13. Abathathi-nxaxheba kufuneka beze nala maxwebhu alandelayo kulo masifundisane:

  • CAPS: Ulwimi lwaseKhaya;
  • Ifayili zika- STELLAR nemanyuwali zonoNobumba neZandi zika- STELLAR; kunye
  • Nemizekelo zebali u- Goldilocks/okanye elakho ibali;
  • Iikhrayoni, iikoki, njl.
14. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba le ngcaciso imfutshane yaziswa bonke ootitshala neeprakthishina zeBakala R kuselithuba.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:05:20

IsiHlomelo A: Uqeqesho longenelelo ngoncedo olumalunga nolwimi lwabasaqalayo nolwazi lokufunda nokubhala olusavelayo (ELIT) kwiBakala R Iindawo zoomasifundisane bezithili nge-11 -15 Julayi 2016  (ubukhulu: 74 KB)
IsiHlomelo B: IFOM YOBHALISO  (ubukhulu: 32 KB)
"Bank Details form"  (ubukhulu: 18 KB)