1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (ISebe iWCED) lenze amalungiselelo ekhosi egxininisa kuqeqesho lweentsuku ezintlanu lootitshala abafundisa i-Economic and Management Sciences (EMS) kumaBakala 8 no-9. |
2. |
Injongo yolu qeqesho kukomeleza ukufundiswa kwekhomponenti ye-Financial Literacy kumaBakala 8 no-9 ngokuxhobisa ootitshala abangaqeqeshwanga ngokufanelekileyo ngolwazi nangezakhono kwesi sifundo. |
3. |
Olu qeqesho luya kulandelwa lolunye uqeqesho olungezihloko ezongezelelweyo ekuzezi: Entrepreneurship no-The Economy ngo-2017 nango-2018 ngokulandelelanayo. |
4. |
Ukubakho kwezi khosi zintathu kuya kufikelela encotsheni ngokuthi utitshala ofumene uqeqesho afumane isatifikethi esiqaphela ukuba utitshala ufumene inkxaso ebanzi kwesi sifundo se-EMS.
Uqeqesho luya kuqhubeka ngolu hlobo lulandelayo:
Umhla: |
04–08 Julayi 2016 |
Ixesha: |
NgoMvulo ukuya kuLwesine: NgoLwesihlanu |
07:30 ukwenzela u-08:00–15:30 07:30 ukwenzela u-08:00–14:00 |
Indawo: |
CTLI, Kuils River |
|
5. |
Ootitshala bayakhuthazwa ukuba baziphathele izixhobo zabo ezisebenza ngombane nanjengokuba uqeqesho luza kuquka ukumanywa kweInformation Communication Technology (ICT) kwiKharityhulam. |
6. |
Ubhaliso
Ziyacelwa iinqununu zizalise le fom yobhaliso iqhotyoshelweyo zize ziyibuyisele kumququzeleli weGET wesithili ochaphazelekayo phambi okanye engadlulanga uLwesihlanu we-03 Juni 2016. Ukwenzela ukuthintela naziphi na iingxaki ezimalunga nokuqhutywa koqeqesho, kubalulekile ukuba izikolo zinike ingcaciso yobhaliso echanekileyo.
|
7. |
Amalungiselelo ezeehambo |
7.1 |
Isibonelelo seehambo siya kuhlawulwa ngokuxhomekeke kule miqathango ilandelayo:
- Mabuqinisekiswe ubukho bukatitshala kwikhosi yoqeqesho ngokupheleleyo.
- Umgama ohanjiweyo uwonke kwithuba leentsuku ezintlanu mawube ngaphezu kwe-100 km, o.k.t. ubuncinane mawube yi-20 km yohambo lokuya nokubuya ngosuku ngalunye.
- Uwonke umgama owenzelwa ibango ngethuba leentsuku ezintlanu, mawungadluli kwi-700 km, o.k.t. ungabi ngaphezu kwe-140 km uhambo lokuya nokubuya ngosuku ngalunye. Abathathi-nxaxheba abagqithisayo kulo mgama abayi kuzibuyiselwa iindleko zabo ngomgama abawuhambileyo ongaphezu kwe-700 km ezihanjiweyo yaye bayacetyiswa ukuba babhalisele indawo yokulala endaweni yoko.
|
7.2 |
Amabango eehambo aya kuhlolwa ngokwezi khrayitheriya zilandelayo:
7.2.1 |
Ukusebenzisa imoto yakho |
Ootitshala mabakhwelisane kangangoko oku kunokwenzeka. Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza ibango ngeekhilomitha ezihanjiweyo. Abakhweli mababhalwe kuluhlu. Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo ye-R3,00 ngekhilomitha. Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa. |
7.2.2 |
Ukusetyenziswa kweklabhu yokukhwelisana (okuhlawulelwayo okanye okumahala) kwimoto yabucala. |
Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza ibango ngeekhilomitha ezihanjiweyo. Abakhweli mababhalwe kuluhlu. Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo ye-R3,00 ngekhilomitha. Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa. |
7.2.3 |
Ukusetyenziswa kwebhasi yesikolo |
Isikolo masingenise ileta ebonisa ukuba kusetyenziswe ibhasi yesikolo ukuya kule khosi, yaye mawaxelwe amagama abakhweli nomgama ohanjiweyo. Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo ye-R3,00 ngekhilomitha. Umthamo wenjini awuyi kusetyenziswa. |
7.2.4 |
Ukusetyenziswa komboneleli-nkonzo obhalisiweyo
Makuqatshelwe: makufunyanwe imvume kwangaphambili ngencwadi ebhaliweyo kumququzeleli weGET wesithili semfundo. |
Inyathelo 1) |
Isikolo masifumane iikowuteshini ezintathu phambi koqeqesho. |
Inyathelo 2) |
Isikolo masingenise ezi kowuteshini kumququzeleli weGET. Kuya kwamkelwa ikowuteshini eyeyona isezantsi. |
Inyathelo 3) |
Umququzeleli weGET makanike inqununu ubungqina ngencwadi ebhaliweyo bokuba inokwenziwa inkonzo (can be contracted). |
Inyathelo 4) |
Isikolo masenze amalungiselelo okuqeshwa kwenkonzo karhulumente. |
Inyathelo 5) |
Emva kokwenziwa kwenkonzo isikolo masihlawule umboneleli-nkonzo yaye sifumane irisithi. |
Inyathelo 6) |
Ukwenzela ukuba sibuyiselwe imali yaso, isikolo masingenise ileta kumphathi wamabango wesithili ebonisa ukuba kwasetyenziswa umboneleli-nkonzo, noluhlu lwamagama, abakhweli neenkcukacha zomgama ohanjiweyo. Makuqhotyoshelwe ikowuteshini, imvume yomququzeleli weGET ne-invoyisi yokugqibela ehlawuliweyo ngokunjalo. |
Onke amaxwebhu azalisiweyo (paperwork) makagcinwe njengobungqina ukulungiselela umphicothi-zincwadi wangaphakathi. ISebe iWCED liya kusibuyisela isikolo kuphela lakuba lifumene amaxwebhu asayiniweyo kubandakanywa nemvume ebhaliweyo kwangaphambili yomququzeleli weGET wesithili. Ootitshala mabenze amalungiselelo okuthathwa kwabo ngamaqela kwindawo enye.
|
7.2.5 |
Ukusetyenziswa kwezithuthi zikawonke-wonke, umz. iteksi, ibhasi, okanye uloliwe kuhambo lomgama omfutshane |
Amabango makabonise indawo uhambo oluqala noluphela kuyo kwisigaba ngasinye sohambo. Ukuhlawulwa kwazo kuya kwenziwa ngokweereyithi ezimiselweyo. Bunokufunwa ubungqina (amatikiti) ligosa lamabango ukwenzela ukuba abenako ukungqinisiswa amabango. Akukho mabango aya kwenziwa ngeentlawulo zokukhwela iiteksi ezihlawulwa ngokomgama eziwuhambileyo. |
|
8. |
Indawo yokulala nokutya (ezifaneleke kootitshala abavela kwizithili zasemaphandleni kuphela) |
8.1 |
Kuya kubonelelwa ngendawo yokulala nokutya (isidlo sakusasa nedinala) ngokuxhomekeke kule miqathango ilandelayo:
- Umgama wokuya kwindawo yoqeqesho mawube ngaphezu kwe-50 km uhambo lokuya kuphela, o.k.t. yi-100 km uhambo lokuya nokubuya.
- Mabuqinisekiswe ubukho bukatitshala kwikhosi yoqeqesho ngokupheleleyo.
- Ubhaliso malugqitywe kwangaphambili.
- Mazifezekisiwe ngokupheleleyo iimfuno ezimiselweyo ku-7.3 apha ngezantsi.
- Kunokukhethwa udidi lube lunye (1), (makujongwe ku-7.3 apha ngezantsi) yaye ootitshala abayi kubuyiselwa ngalo naluphi na utshintsho okanye enye indawo yokulala.
|
8.2 |
Kuya kubonelelwa ngendawo yokulala ukususela ngosuku lokuqala ukuya kwelokugqibela lwekhosi yoqeqesho, yaye ootitshala banokukhetha ukufika kwindawo yokulala (checking in) ngo-14:00 nango-17:00 ngosuku oluphambi kokuqala kukamasifundisane. |
8.3 |
Iindidi zendawo yokulala:
Ootitshala abakufaneleyo ukufumana indawo yokulala banokubhalisa kudidi OLUNYE kwezi ndidi zingezantsi:
8.3.1 |
Ukuhlala ehostele |
Kuya kubonelelwa ngendawo yokulala ehostele eCTLI, ngaphandle kwentlawulo kootitshala. Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:
- Ifom yobhaliso (Annexure A) mayingeniswe engadlulanga uLwesihlanu we-03 Juni 2016.
- Ootitshala mabahlalisane kumagumbi.
- Bayacelwa ootitshala ukuba beze nezinto zabo zokulala, iitawuli nezinto zokuhlamba
- Ixesha lokufika ngeCawa liphela ngo-17:00 kuphela.
|
8.3.2 |
Iindawo zokuhlala eziqeshisayo nezibhalisiweyo umz. i-bed and breakfast, ii-guest houses, iihotele |
Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:
- Kunokwenziwa amabango afikelela kwi-R300 ngosuku lesidlo sangokuhlwa, indawo yokulala nesidlo sakusasa.
- I-invoyisi yentsusa evela kwiindawo yokuhlala iindwendwe (establishment) mayisayinwe ngokunjalo ngulowo wenza ibango ize ingeniswe kwikhosi yoqeqesho.
- Ayinakuqinisekiswa intlawulo yamabango angazaliswanga ngokupheleleyo okanye afike mva
|
8.3.3 |
Ukuhlala kwisizalwane/kubahlobo |
Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:
- Kunokwenziwa ibango elifikelela kwi-R130 ngosuku esidlo sangokuhlwa, indawo yokulala nesidlo sakusasa.
- Eli bango malihambe kunye nengxelo efungelweyo yalowo usisizalwane/ungumhlobo ochaphazelekayo, nesayinwe nangulowo wenza ibango, lize lingeniswe kwikhosi yoqeqesho.
|
8.3.4 |
Iimvumelwano zokurenta/zokuqesha zethuba elifutshane. |
Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:
- Isikolo siya kwenza amalungiselelo endawo yokulala naweentlawulo yoko (yazo zonke iindleko zesidlo sangokuhlwa, ibhedi nesidlo sakusasa) eziya kubakho.
- Makulandelwe le nkqubo ngokwemiqathango elandelayo:
Inyathelo 1) |
Isikolo masingenise ileta kumququzeleli weGET, kwangaphambili, ecela isibonelelo sokurenta ifasilithi ukulalisa iqela elithile lootitshala. Makunikwe iinkcukacha zendawo yokulala, kuquka nemvumelwano yengqeshiso, namagama ootitshala. |
Inyathelo 2) |
Umququzeleli weGET makawavume la malungiselelo ngencwadi ebhaliweyo. Akukho malungiselelo anokugqitywa ngaphandle kokuba kwenzeke oku. |
Inyathelo 3) |
Isikolo masihlawule size singenise irisithi enamaxwebhu axhasayo (engqeshiso nemvume yomququzeleli weGET kwikhosi yoqeqesho. |
- Amabango aya kusingathwa njengebhili enye emayihlawulwe kweso sikolo.
- Sisixa-mali esiyi-R250 esona sikhulu ngosuku utitshala ngamnye aya kusihlawulwa - esi sixa-mali sidibanisa zonke iindleko zendawo yokulala, isidlo sangokuhlwa, nesidlo sakusasa. Esona sixa-mali kanye sibuyiswayo nakuba kunjalo siya kuxhomekeka kwindleko kanye ezenziweyo, nezifikelela kwi-R250 esona sixa-mali sikhulu ngomntu ngamnye ngosuku. Naziphi na iindleko ezingaphezulu aziyi kuhlawulelwa liSebe iWCED.
- Zonke iirisithi zentsusa zokutya, iirisithi zethili njl.njl. mazisayinelwe yaye zingeniswe nesishwankathelo.
- Ibango lilonke malingeniswe njengebhili enye kunye neleta ecacisa ngalo ehamba kunye nalo evela esikolweni nexhaswa ngawo onke amaxwebhu entsusa.
|
|
9. |
Indlela yokwenza ibango |
9.1 |
Bonke ootitshala abanqwenela ukufaka ibango mabazalise le fom ineenkcukacha zebhanki iqhotyoshelweyo baze bayingenise kwitafile yokufaka amabango kwindawo yoqeqesho ngosuku lokuqala. Ifom yeenkcukacha zebhanki (bank details form) mayigximfizwe yibhanki yaye yifom yentsusa kuphela emayingeniswe. Akukho zifeksi okanye zifotokopi ziya kwamkelwa. Ootitshala mabayizalise le fom phambi kokuba luqale uqeqesho (oko kukuthi, mabafike kwindawo yekhosi sele benayo yaye beyizalisile ngokunjalo.) |
9.2 |
Onke amabango mawaxhaswe ngamaxwebhu entsusa. Akukho zifeksi okanye zifotokopi ziya kwamkelwa. |
9.3 |
Abenzi-mabango baya kubuyiselwa iindlelko zabo kuphela emva kokuba begqibe ikhosi yoqeqesho yaye ke ngoko kuya kufuneka bazihlawulele iindleko zabo kwangaphambili. Apho kuyimfuneko, ziyacelwa izikolo ukuba zibancedise ootitshala bazo ngokumalunga noku. Malugcinwe uxwebhu olububungqina bentlawulo. |
9.4 |
Ukubuyiselwa iintlawulo kuya kwenziwa kuphela emva kokuphicothisiswa kwebango ngalinye yaye iSebe iWCED linelungelo lokwenza isigqibo sokugqibela apho kukho ukungangqinelani kwengcaciso. |
9.5 |
Onke amabango makangeniswe kwindawo yoqeqesho apho kuya kubakho amagosa aya kubancedisa abenzi-mabango. |
9.6 |
Akukho mabango afike emva kwexesha nangazaliswanga ngokupheleleyo aya kwamkelwa ngaphandle kokuba kungenxa yeemeko ezizodwa ezithethelelayo yaye ayinakuqinisekiswa imbuyiselo yeentlawulo zawo. |
10. |
Imibuzo
Ukuba unayo nayiphi na eminye imibuzo, kucelwa uqhagamshelane nomququzeleli weGET wesithili ochaphazelekayo:
|
11. |
Ziyacelwa iinqununu ziqinisekise ukuba ingcaciso ekule ngcaciso imfutshane iya kwaziswa kubo bonke ootitshala |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:05:11
|
|