1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liprinte iikopi ezingu-6 000 ezingu-A3 zemephu ebonisa imimandla yexesha elifanayo i-standardised time zone map ezisetyenziswa qho kwimviwo ze-NSC Tourism njengesibonelelo.
2. Iimephu ezibonisa imimandla yexesha elifanayo ziyasiwa kungokunje ezikolweni ezifundisa i-Tourism ngokuqala kugqithwe kubacebisi bezifundo abajongene ne- Tourism.
3. Isikolo ngasinye siya kufumana iimephu ezingu-A3 eziyi-30 yaye mazicelwe zizibeke kwindawo ecacileyo ezibonakalayo kuyo, kuzo zonke iiklasi zeTourism ukwenzela ukuba utitshala abenako ukubaqhelisa abafundi le mimandla isebenzisa ixesha elifanayo (standardised time zones).
4. Xa kufundiswa naxa kuvavanywa imimandla yexesha elifanayo, kucetyiswa ukuba ootitshala bazisebenzise ezi mephu zibonisa imimandla yexesha elifanayo yaye bakuyeke ukusebenzisa ezinye abazifumana kwezinye iindawo.
5. Inguqulelo yekhompyutha yemephu engu-A4 esemgangathweni onguwo inokukhutshelwa kule linki ilandelayo: http://tinyurl.com/timezonemap2016
6. Ziyakhuthazwa iinqununu apho kunokwenzeka oku, zizilamineyithe (laminate) ezi mephu ziyi-30 phambi kokuba zisetyenziswe yaye ziboniswe eziklasini. Oku kuya kuqinisekisa ukuba ziya kugcinakala yaye zihlale ixesha elide.
7. Kucelwa wazise okuqulethwe kule ngcaciso imfutshane zonke iiNtloko zeZifundo nootitshala abafundisa i-Tourism.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2016:04:25